xhosa.1883.career
BONA XHOSA - April 2006
H
Ukuba ngumthengisi wemizi...
KWINKOLISO yabantu ukutheng' umzi kudla ngokuba lolona tyalo-mali lukhulu abalwenzayo ebomini babo. Nokuthengis' umzi kudla ngokuba luzenge-zenge lwento enamaxesha okukucaphukisa. Abathengisi bezindlu ke bangaphezulu nje kokuba "ngabantu abathengisayo." Kufuneka kube ngabantu abazingcaphephe eziqeqeshwe zavuthwa ukuze bakwazi ukukhokela abaxumi babo kwezi ngxoxo zibalulekileyo.
"Njengoko inzalo yemali ebolekwa ezibhankini iphantsi kakhulu ngoku, umsebenzi wokuthengiswa kwezindlu utsala abantu abaninzi abafuna ukuwufundela, baninzi nabantu abaziqalela amashishini okuthengisa izindlu ukanti nabafundi abaphuma eziyunivesithi bafuna ukungena kulo msebenzi," utsho uGrant Gavin, ongumphathi wengingqi wakwaRE/MAX KZN naseMpuma Koloni.
"Kwixesh' elizayo abantu baza kufuna ukuthenga imizi ngeenkampani ezinkulu abazaziyo nabazithembayo. Ezi nkampani kuza kufuneka ziqinisekise ukuba zinika inkonzo esemgangathweni ophezulu ukuze zikhuphisane neziny' iinkampani."
"Kwakhona kuza kufuneka kugxininiswe kuqeqesho lwabathengisi bezindlu."
USimon Mzobe ubengumthengisi wemizi ukususela ngoMeyi nyakenye yaye usawufunda lo msebenzi.
"Ndizibona ndinako ukuphumelela kulo msebenzi. Ndinamava ekuthengiseni kuba bendikade ndingumphathi wonxibelelwano kwinkampani enkulu, ukanti kutshanje bendineshishini lam lokuqeqeshela abantu imisebenzi," utsho.
USimon waba nomdla ekuthengiseni izindlu emva kokuya kwindibano yokuncazelana ulwazi eyayenziwe ngabeServices SETA.
"Ndaqonda ukuba ukuthengisa izindlu kuza kundinika ithuba lokuvula ishishini lam ndize ndizenzel' imali entle," utshilo.
"Ndenza uqeqesho lomsebenzi lweenyang' ezintathu, emva koko ndaphangela nomntu owayendibonisa ukuba kusetyenzwa kanjani ngaphambi kokuba ndizisebenzele ndedwa.
"Ndisebenza kwiindawo ezahlukeneyo, ndibonisa abathengi izindlu ezixhomileyo ngamaxabiso nezinamaxabiso aphantsi. Eyona nto imnandi ngokusebenzel' inkampani enkulu kukuba usoloko unabantu osebenza nabo. Uyancediswa ngabantu ophangela nabo kwaye ndisebenzisa zonk' izinto esinazo e-ofisini.
"Ngoku ndithengisa indlu ibenye ngeveki. Bonke abathengisi bezindlu bamkela ngokuthi bathengise izindlu ezingaphi, ngoko umntu ofun' ukuba ngumthengisi wezindlu kufuneka abenayo imali yokuziphilisa iinyanga ezintathu.
"Andikholelwa ukuba ithamsanqa liyasebenza kweli shishini. Uyisebenzela nzima imali yakho kulo. Kuyenzeka kufuneke uthathe umntu omnye aye kubon' izindlu ezininzi ngemini.
"Kubalulekile ukusoloko uthetha nabaxumi bakho kwaye uzazi izinto abazithandayo ukuze basoloko bebuyela kuwe.
"Kufuneka uzimisele ukusebenza nangaliphi na ixesha kuba kuyenzeka abantu abafuna ukutheng' izindlu okanye abathengisa izindlu bafune izindlu zabo zibonwe emva kweeyure zokusebenza okanye ngeempela-veki."
Amathuba akulo msebenzi
Inkoliso yabantu abasaqalayo kulo msebenzi baqala ngokuba ngabancedisi bomthengisi wezindlu onamava baze babe yinxalenye yeqela. Namathuba okuba ngabaphathi ayavela kwaye abathengisi bemizi abanempumelelo nabanemali bayakwazi ukuzivulela awabo amashishini okuthengis' izindlu.
Abany' abathengisi bezindlu bakhetha ukuthengisa eziny' izakhiwo kunezindlu njengeevenkile nemizi-mveliso, okanye baqeshise ngezindlu.
Izinto ofuneka ubenazo
Ukuze ube ngumthengisi onempumelelo kufuneka:
PUkwazi ukuqhagamshelana nabantu.
PUfune ukunika abaxumi bakho inkonzo ephambili.
PUbe novelwano yaye ukwazi ukwakha ubudlelwano
obuluqilima
PUngali xa ubizwa emini, ebusuku nangeempela-veki.
PUthembeke (ufike ngexesha kumadinga akho
nabathengi)yaye unyaniseke.
PZimamele uze ube novelwano ngeemfuno zabaxumi bakho.
Izinto ofanele ubenazo: iselfowuni; imoto ethembekileyo; imali eyoneleyo engakuqhub' iinyanga ezintathu; kwaye ukwazi ukusebenza ngekhompyutha.
Umvuzo ongawamkela
Bonke abathengisi bemizi bamkela ngokwemizi abayithengisileyo, ngoko umvuzo uyashiyana ngokweenkampani. Ezinye zikunika isiqingatha semali oyingenisileyo ngoxa zikuvumela usebenzise impahla yazo simahla. Ukanti ezinye zikunika othe kratya xa nawe ufak' igxalaba kwiindleko zokuqhub' ishishini.
"Kunzima ukushiya umsebenzi obufumana umvuzo zonk' iinyanga uze uye kuphangela apho ungafumani mvuzo kungekabikho mzi uwuthengisileyo.
"Nkqu nokuba sele uwuthengisile umzi, kungathabatha eziny' iinyanga ezisibhozo phambi kokuba ufuman' imali. Xa kwenzekile ke wathengisa izindlu ezininzi ngenyanga enye kufuneka uyiphathe kakuhle loo mali," utsho uGrant.
Kuxhomekeke kwindlela ophangela ngayo nekhomishini oyifumanayo, ngoko unako ukufumana i-R5 000 ukuya kwi-R30 000 nangaphezulu ngenyanga, nangona ke umvuzo oqhelekileyo ungadli ngakuba ngaphezulu kwe- R5 000 ngenyanga. "Ishishini lokuthengis' izindlu alifanelanga libonwe njengento yokuzenzel' imali ngokukhawuleza," utsho uGrant Gavin.
Amanqanaba emfundo/apho ungafunda khona
Ngoku nabani na angabhalisa kwiEstate Agents Board (EAB) ukuze abe nggumthengisi wezindlu xa bengenachaphaza lolwaphulo-mthetho. Oko kuyabakhathaza abathengisi bezindlu abaqeqeshiweyo abathi bonke abathengisi bezindlu bafanele babhale iimviwo zeEAB ukuze eli shishi lihlale likwinqanaba eliphezulu.
Abafundi benza izifundo ezivunywe yiEAB kwingingqi yabo ekungaba zizifundo zemini yonke zeentsuku ezintathu okanye ezenziwa ngamaxesha athile iiveki ezintandathu. Emva koko babhala iimviwo ezinemibuzo ephendulwa ngokukhetha kwiimpendulo ezininzi.
Ngaphandle koko ungaba ngumthengisi wezindlu ovunyiweyo ngenxa yamava akho. Umthengisi wezindlu ongazibhalanga ezo mviwo angabasebenza abe efumana uqeqesho aze abe ngumthengisi wezindlu ovunyiweyo emva konyaka.
Abathengisi bezindlu abangazibhalanga iimviwo okanye abangekawugqibi unyaka bengabathengisi bezindlu abaqeqeshwayo, banokuthethela abaxumi kodwa abanako ukutyikitya izivumelwano de bagqibe uqeqesho.
Njengenxalenye yeBEE,
abakwaRE/MAX of Southern Africa banika uqeqesho lweentsuku ezingama-90 ngemali
ethotyiweyo. [x]
Ukuthengisa imizi
kubhale uGRACE KHUZWAYO
kufote uBRETT FLORENS
Ebonisa umxumi indlu. Xa ungumthengisi wezindlu kufuneka ube ngumntu wabantu.
BONA XHOSA - April 2006
Ezemisebenzi
t
t
BONA XHOSA - April 2006
Kulungele ukusebenza nzima
Ngeziny' iinkcukacha
lIzifundo zeRE/MAX kwingingqi yakho - 021-761-1110.
lI-Estate Agency Affairs Board -
011-731-5600; okanye eab@eaab.org.za. Website: www.eaab.org.za
lIzifundo zeEAB - 033-345-8256.
NGASENTLA: Omnye umzi othengisayo...
