xhosa.1882.bossdec
Uthungela
INJONGO kaMildred kukuba neshishini lakhe lokuthunga nesikolo esifundisa ukuthunga. Okwangoku izinto zimhambela kakuhle kuba usebenzela ekhaya kwaye wonwabela ukuba eziqeshe ngokwakhe.
UMildred Ngubane wayezimisele ukuphucul' ubomi bakhe waza waqalis' izifundo zokuthunga netitshala yakhe uNellie Nyawo kwiminyaka emithathu edlulileyo.
Ngelo xesha wayengumncedisi wasekhaya kwaye wayefunda kanye ngeveki ngenjikalanga.
Wathi esakukwazi ukusika iipateni nokuthunga waqalisa ukuthatha ii-odolo zabantu esakuphuma emsebenzini - de wanyanzeleka ukuba ayeke emsebenzini ngenxa yokwanda kwabathengi waza waqalisa ukuqhub' ishishini lakhe lokuthunga.
Ukususela ngoko usoloko exakekile zii-odolo zabathengi kwaye usebenza ukusuka ngentsimbi ye-9 kusasa de kube yeyesi-5 malanga iintsuku ezintlanu ngeveki.
"Ndisebenza nzima kodwa ndiyawuthand' umsebenzi wam ingakumbi kuba ndiziqeshile," utsho ngoncumo olugoso.
UMildred uthunga iiyunifom zezikolo, izinxibo zakwantu nezinxibo zomtshato.
Uyaziwa ekuhlaleni ngeempahla azithungayo ezintle.
UKUQALISA
Qala ngokuthenga umatshini wokuthunga oxabisa malunga ne-R600. Kodwa xa uthenga umatshini onezinto ezininzi ezifana nomthungo wezig-zag uthunga ngokukhawuleza!
Kufuneka ube nezikere ezibini zokusika, i-ayini netheyiphu yokulinganisa.
Abanye abathengi beza namalaphu abo kodwa kufuneka ube nawo amalaphu amahle ukuze utsale ngawo umdla wabathengi.
UKWENZA INZUZO
Kubalulekile ukuba uyibale imali oza kuthenga ngayo amalaphu, iiziphu, umqhaphu njalo-njalo ngaphambi kokubeka ixabiso lempahla oyithungileyo.
Uthi uMildred xa ukhawulezisa ukuthunga kwaye uthenga ngobulumko wenz' inzuzo entle.
"Umzekelo, ndithunga izikeyiti ezihlanu ngemini. Ndithenga ilaphu leskeyiti esiphantsi ngexabiso nge-R50, umqhaphu neziphu ndizithenge nge-R10," kuchaza yena.
"Ndichitha i-R60 ngeskeyiti ndize ndisithengise nge-R120. Ndithunga zibe zihlanu ngemini nto leyo ithetha ukuba ndenza inzuzo ye-R300.
"Xa ndikhawulezisa ukuthunga ndenz' inzuzo entle.
"Kuthath' ixesha ukuthunga iibhulukhwe zamadoda ngoko andikwazi ukuzithunga zibe ntlanu ngemini!
"Ndicebisa abanye abathungi ukuba bawenze afikeleleke amaxabiso abo kwaye bathunge iimpahla zexabiso ukuze bagcine abathengi babo.
"Enye inzuzo ndiyifumana kwiimpahla endiziqeshisayo ngoko kufuneka uhlale unazo ezithungiweyo. Xa ndiqeshise ngeempahla zomtshato ndifumana i-R1 000-R3 000, kuxhomekeka kwinani leempahla eziqeshwayo.
IINDAWO ZOKUFUNDA
Kuxhomekeka emalini nakwixesha onalo. Zininzi izikolo zokufundel' ukuthunga ezikunika isiqinisekiso okanye idiploma kwizifundo zokuyila ifashoni. Funda kwisikolo esithenjwayo. Hlal' uthe qwa ukuze uve xa kukho izifundo ezenziwayo kumaziko oluntu nasezicaweni. [x]
Ziqeshe ngokunokwakho
Ukuthunga kungaba ngumsebenzi onenzuzo...
inzuzo
BONA XHOSA - December 2007
kubhale uGRACE KHUZWAYO
kufote uMARC CURRIE
UMildred elinganisa umthengi.
BONA - August 2007
