XHOSA.187.stars
Okuxelwa Ziinkwenkwezi
BONA XHOSA - May 2007
Umsebenzi: Uneempe-mbelelo emsebenzini. Tyhileka xa kucelwa uluvo lwakho.
Impilo: Yenza umthambo rhoqo uya kuluva lunciphile uxinzelelo.
Imali: Zingela amaxabiso aphantsi ukuze uyibone imali obuyiqingqile.
Uthando: Zigcine uxakekile. Lixesha elihle eli lokwenza izicwangciso zengomso.
Umsebenzi: Uza kuvuzwa ngokuba nomonde wonwabele nempumelelo.
Impilo: Ungavumeli ukutyeba. Yitya okusempilweni.
Imali: Wasebenzise amathuba okwenz' imali.
Uthando: Yiba nothando novelwano xa ufuna luqhubeke uthando lwenu.
Umsebenzi: Umnqweno wakho ungawufezekisa. Iindab' ezimnandi zivusa ithemba.
Impilo: Linganisa ixesha lomsebenzi nelolonwabo. Phumla kakhulu.
Imali: Umntu omtsha angakuzisela inzuzo xa ukulungele ukusebenzis' ithuba.
Uthando: Ungoyiki ukuxelela iqabane lakho ukuba uziva njani.
Umsebenzi: Xa ufun' ukwaziwa, kufuneka uzame ukuzibonakalisa.
Impilo: Uza kuba namandla xa ukujonga okutyayo.
Imali: Eli lixesha lokungcakaza ngobulumko.
Uthando: Lixesha elihle lokuhlala nabahlobo. Qinisekisa ukuba wonwaba kangangoko unako.
Umsebenzi: Qhubeka nezicwangciso zakho - lixesh' elihle loshishino.
Impilo: Qwalasel' impilo yakho xa ufun' ukuhlala usempilweni yaye wonwabile.
Imali: Xa ufun' ukonwabela ubomi ungafekethi ngemali.
Uthando: Eli xesha elinomdla. Phuma uhamba-hambe uzenzel' abahlobo.
Umsebenzi: Xa ufun' ukuphumelela yiba nobudlelwane obuhle nabantu ophangela nabo.
Impilo: Kufuneka uphumle. Ceba ukonwabela izinto ozenzayo nosapho.
Imali: Tyala imali ngobulumko uze ucebele ingomso elihle.
Uthando: Uthando lwenu luqinile yaye wenza izigqibo ezibalulekileyo.
Imisebenzi: Yiba nenkathalo. Kulinde ngomonde ukunyuselwa emsebenzini.
Impilo: Yenza umthambo phandle. Zibandakanye neqela lemidlalo lasekuhlaleni.
Imali: Uza kufuman' imali ungayilindelanga uze uzive ukhuselekile.
Uthando: Yiba nomonde novelwano. Iqabane lakho lifun' ulikhuthaze.
Umsebenzi: Unamacebo amahle. Wazalisekise.
Impilo: Lumkela okutyayo. Ulumke ungatyi kakhulu.
Imali: Zithembe xa ufuna ukwenza okuza kukwenzel' imali
Uthando: Ubuhlobo buhamba kakuhle. Uza kudibana nabantu ababalulekileyo kuwe.
Umsebenzi: Sebenzisa okwenzek' emsebenzini xa ufuna ukuphumeza iinjongo zakho.
Impilo: Phumla wonwabele ukuba kunye nabahlobo.
Imali: Funda kwiimpazamo zakho zangaphambili!
Uthando: Lumkela ukungamhoyi umntu obonisa umdla kuwe.
Umsebenzi: Bonisa ukuzithemba nokuzinikela. Ukuzimisela kunomvuzo.
Impilo: Jonga into oyityayo xa ufuna ukusoloko unamandla.
Imali: Cinga ngeendlela zokongeza ingeniso yakho.
Uthando: Konwabel' ukuya kwiindawo ezintsha neqabane lakho.
Umsebenzi: Bukela abantu osebenza nabo ufunde nto kubo.
Impilo: Ubomi bakho buxakekile - zigcine womelele yaye uphilile.
Imali: Uza kufuman' uncedo lwemali xa ulindele ithuba elilodwa.
Uthando: Ezothando zihamba kakuhle. Uza kufumana umntu omtsha xa ungenaye.
Umsebenzi: Lixesha lokujonga iminqweno yakho nokwenza amacebo amatsha.
Impilo: Ceba ukwenza umthambo rhoqo. Lumkel' imikhwa engenampilo.
Imali: Ukwazi abantu abatsha namacebo amatsha kuza kukuvuza.
Uthando: Lisebenzise ixesha lokuphuma niyokonwaba. [x]
