xhosa.1878.parenting
Ukuzikhupha
ubuzali
nosana
BONA XHOSA - September 2007
Qinisekisa ukuba nobabini niyonwaba
YINTWASAHLOBO! Iintyatyambo zithe qhakra ngemibala emihle, uziva uchulumancile kwaye imozulu entle ikwenza uzive urhalela ukubethwa ngumoya. Kodwa ukuzikhupha nosana lwakho akululanga njengokuya kwipiknikhi. Zininzi izinto ofanele uziqwalasele njengokuba uya kuhamba ngantoni ukuya apho nokuba uza kuluphathela ntoni usana lwakho.
Uyaphi" Oku kubalulekile xa uhamba nosana. Kaloku iintsana ziyayithanda indalo neendawo ezizolileyo - azikuthandi ukuya kumaziko eevenkile neendawo eziphithizelayo. Abantu abaninzi, izibane, ingxolo nokuphithizela kwabantu kungenza usana lwakho lungalali kakuhle, lulile lungathuli yaye lungazoli.
Xa utyelele abahlobo bakho usana lwakho malungaphathwa ngabantu abaninzi okanye luvuswe lulele. Oko kungalwenza lungazoli kuba alukwazi ukuthi: "Ndidiniwe ngoku kukudlala, ndifun' ukulala." Oko kungalwenza lulibale ixesha olulala ngalo ngenxa yokudlala.
Uluphathele ntoni" Yiba nebhegi yamalweyile xa uhamba nosana. Ukhumbule ukuphatha izinto ozisebenzisayo xa utshintsha ilweyile losana. Luphathele nokutya okwaneleyo, ngaphandle kokuba uyaluncancisa. Phatha ingubo nempahla yalo yokunxiba nezinto zokuluthambisa.
Nihamba ngantoni" Luqhube ngeprem xa ikufutshane indawo eniya kuyo. Xa nisiya kude kubhetele nihambe ngemoto. Abadlezana abahamba neentsana abahambi kakuhle ngezithuthi zikawonke-wonke. Xa ungenamoto enganisa apho nizikhuphela khona, kubhetele ningayi kude kungenjalo uhambe nomntu oza kukuncedisa.
Yintoni ongathwala ngayo usana" Iprem ungayisebenzisa xa nisiya kufutshane, kodwa inganenzel' umthwalo xa nisiya kude kwaye nihamba ngezithuthi zikawonke-wonke. Unako nokulubeleka ngembeleko usana.
Yiba nesitulo sosana xa uhamba ngemoto yakho ukuze ulugcine lubophelelekile esitulweni.
Okoomama nootata....
Yinyaniso okanye ubuxoki:
Kuyingozi ukuphumela phandle nosana olusandul' ukuzalwa"
Kwiwebsite ethi: www.babyparenting.about.
com, iingcali zithi akukho ngozi
ekuphumeni phandle
nosana olusandul' ukuzalwa, nangona kona iintsana ezinjalo zingenwa lula ziintsholongwane kuba imizimba yazo isakha
amajoni akhusela umzimba. Xa uphuma nalo kufuneka uqinisekise ukuba lunxibile nokuba lukhuselekile elangeni. Malungaphathwa ngabantu abaninzi kwaye phatha eny'
ingubo ukuze ikuncede xa itshintsha imozulu.
Ukuthiya igama
UKUTHIYA usana igama akululanga njengokuba uninzi lucinga. Igama umntwana alithiywe ngumzali lihlala naye ubomi bakhe bonke kwaye kuba lelona gama aziwa ngalo. Ukuthiya usana igama ke kuba ngumsebenzi onzima kuba maninzi amagama onokukhetha kuwo.
Zininzi izinto ezingakwenza ukhethe igama elithile. Umzekelo unokukhetha igama elayamene nenkolo yakho, okanye igama olive kumajelo eendaba, okanye igama elinento yokwenza namasiko osapho.
Nanga amacebiso angakunceda xa ukhetha igama oza kulithiya usana lwakho...
ONGAKWENZA
Khetha amagama amadala: La ngamagama ekudala abantu ababethiwa ngawo kwaye aseza kuhlala ithuba elide esetyenziswa. Umzekelo: uBongani, uLebogang, uThabang, uNoxolo.
Qwalasela isandi salo: Igama olikhethileyo libize ukuze ulive ukuba livakala njani.
Lijonge xa lishunquliwe: Bhala igama nefani ukuze ubone ukuba xa igama lishunquliwe alitsho into embi na!
Vuselela igama elidala: Kungalivuselela igama elidala ukutshintsha indlela elipelwa ngayo okanye elibizwa ngayo. Umzekelo xa umthiya ngegama elithi Eric, ungasebenzisa elentombazana elinguErika.
Ziqambele elakho: Amnandi amagama ozakhele wona, kodwa kuqala yiva iimbono zabanye abantu ngawo. Abakutshoyo ngalo kungakwenza ubone ukuba abantu baza kulithatha njani igama lakhe ebomini.
Zikhumbule iingcambu zakho: UMzantsi Afrika uneelwimi zomthonyama ezininzi. Amagama ezi lwimi akangomagama nje kuphela, akwamele iingcambu nesithethe sakhe.
OMAWUNGAKWENZI
Xa uluthiya igama lolwimi ongalwaziyo, qinisekisa ukuba uyalazi ukuba lithetha ukuthini. Libuze ebantwini abathetha olo lwimi, ungazixeleli ukuba linentsingiselo emnandi kuba livakala limnandi. Iindidi zeemoto, izixhobo zombane, namagama eendwalutho ngamagama efashoni kwaye umntwana wakho uya kuhlala nelo gama ubomi bakhe bonke.
liqulunqwe nguTHANDI NXUMALO
kufote abeGALLO IMAGES
BONA XHOSA - September 2007
u
t
ubuzali
Fundis' abantwana ngemali
ABANTWANA abaselula abalazi ixabiso lemali nokuthi isetyenziswa njani ukuthenga izinto. Kubalulekile ukubafundisa beselula ukuphath' imali ukuze olo lwazi lubancede bakukhula.
Qala ngokubafundisa ukonga imali uze ubafundise "ukuyandisa" imali yabo. Mthengele into ekhuselekileyo yokugcin' imali ukuze afake kuyo imali ompha yona nayiphiwa ngabahlobo nezalamane zakho.
Mkhuthaze ukuba onge imali yokuzithengel' into yokudlala okanye umdlalo weTV. Oko kuya kumfundisa ukuzibekela izinto afuna ukuziphumeza.
Akukwazi ukubaluleka kokong' imali, mfundise ukuyityala ngokumvulela i-akhawuniti yebhanki ukuze afumane inzala kwimali ayongileyo.
Mchazele umahluko phakathi kwezinto azifunayo neziyimfuneko kuye - "Kuhle ukuyonga imali kunokuthenga izinto ezingeyomfuneko."
Ukufundisa abantwana oko kungakunceda nawe kungabikho mfuneko yokubathengela izinto zobuncwane.
Abantwana bayathanda ukuzibona belawula, ngoko mababe nelizwi kwindlela enye imali yekhaya esetyenziswa ngayo.
Xa becel' into edurayo, baxelele ukuba uza kubancedisa bonge imali yokuyithenga. Xa becela into evenkileni uhamba nabo, yithi mabakhethe phakathi kokuthenga loo nto okanye ukuyigcina loo mali.
Ukubala imali anayo umntwana kuya kumnceda ekufundeni ukubala nokufunda ukuphath' imali ngendlela.
BONA XHOSA - September 2007
Okufunwa ngoomama kootata
Umdlezana sukuba ebuthathaka xa efika nosana olusandul' ukuzalwa ekhaya, kwaye ulindela ukuba utata wosana akubone oko aze amnike ixesha lokuchacha emzimbeni nasemphefumlweni.
Kaloku abadlezana banemfesane ebenza bafune ukuhoya iintsana zabo kakhulu, kodwa oko akuthethi kuthi akamthandi uyise womntwana nabantwana bakhe abadala.
Umdlezana osandul' ukubeleka ufuna yonke inkxaso eninokumnika yona.
Okufunwa ngootata koomama
Ootata beentsana ezisandul' ukuzalwa badla ngokuziva bengeyonxalenye yothando olukhona phakathi konina wosana nosana. Nangona besazi ukuba oomama bachitha ixesha elininzi behoye iintsana zabo, nabo bayakufuna ukuhoywa. Ootata bayafuna ukunceda oomama, kwaye nabo bayalufuna uncedo lokukhathalela usana. [x]
Ubuzali bobabazali bobabini...
BONA XHOSA - June 2007
ubuzali
t
