xhosa.1873.filler
BONA XHOSA - January 2007
AMABHINQA kufuneka awaxilonge amabele awo kanye ngenyanga yaye kufuneka aye kugqirha kanye ngonyaka ubuncinane ukuze naye awaxilonge amabele.
Uninzi lwamaqhuma asemabeleni akanguye unobangela womhlaza kodwa kufuneka uwabone kwangoko yaye uwanyange ukuze uthintele umhlaza. Iindaba ezimnandi zezokuba kulula ukuwaxilonga ngokwakho amabele akho.
Amabhinqa aselula kufuneka awaxilonge amabele awo emva kokuqal' ukuya exesheni aze lawo amadala awaxilonge xa sele eyekile ukuya exesheni qho ngenyanga. Wukhumbule qho umhla wokuxilonga amabele akho. Yiya kugqirha xa usiva iqhuma ebeleni.
Nanga amanyathelo amathathu okuxilonga amabele:-
Inyathelo 1: Khulula ume esipilini ujonge ibele lakho ngalinye ujonge amaqhuma, ukwahluka kwawo nolusu lwawo.
Ziqwalasele ngokukodwa iingono - jonga iinguqu ezikhoyo kwinkangeleko yazo.
Phakamis' iingalo ujonge ukuba ulusu lwakho aludumbanga na okanye alunazinxonxo na.
Inyathelo 2: Lala kakuhle phantsi ubek' umqamelo phantsi kwegxalaba lakho lasekunene. Bek' isandla sasekunene emva entloko. Sebenzis' iminwe yesandla sasekhohlo uve ibele lasekunene ulicinezele kakuhle uqalise ngaphandle ulijikeleze de ulixilonge lonke kuquka nengono. Yenza ngolo hlobo nakwelasekhohlo.
Inyathelo 3: Cudisa ingono nganye ukujonga ukuba akukho nto iphumayo na. [x]
Onke amabhinqa ayawoyik' umhlaza webele kodwa kufuneka uzinike imizuzu embalwa ngenyanga ukuze uthobe ixhala
Amanyathelo
ama-3 angasindis' ubomi bakho
Ukuxilonga amabele
