xhosa.1872.BEC recipes-tips
ICEBISO LENYANGA
Indlela yokubala amaxabiso akho
Njengomnini weshishini nguwe owenza isigqibo ngamaxabiso emveliso yakho.
Ixabiso othengisa ngalo = iindleko zakho + inzuzo
Amaxabiso akho makangaxhomi ngokugqithisileyo. Nkqu nokuba ugqiba ekubeni ungahlawulisi ngenkonzo ethile, kufuneka usenze ngengqiqo eso sigqibo wazi nokuba siyinxalenye yendlela obala ngayo amaxabiso akho.
JONGA USHICILELO OLUZAYO LWEBONA UFUMANE ICEBISO LESITHATHU
BONA XHOSA - October 2006
Ukubhengeza ishishini lakho lokuthengisel' ekhaya
UKUBHENGEZA ishishini lakho kukwazisa abantu ofuna ukubathengisela imveliso yakho. Uza kukwenza njani oko"
Ukuthetha nabantu ofuna bakuxume kufanele kwenzeke ngemvano. Oko ungakwenza ngokubatsalela umnxeba okanye uthethe nabo, ngoko thenga izinto zokubhengeza ishishini lakho njengamakhadi azisa ishishini lakho, ufake izibhengezo kwiYellow Pages nangokubeka izibhengezo ezimotweni.
Ukunika abantu amakhadi achaza ngeshishini lakho (ukulithumela ngeposi emva kokuthetha nomntu ngomnxeba) kubonisa ukuba ungusomashishini ozimiseleyo. Xa ungenalo ikhadi elichaza ishishini lakho awunakuphumelela.
Ufanele ube nawo umnxeba weshishini ukuze ubenako ukufaka isibhengezo kwiYellow Pages. "Njengoko abantu besoloko befuna amashishini amahle, kubhetele ubhengeze kwiYellow Pages," utsho omnye usomashishini.
Xa imoto yakho inophawu lweshishini lakho, oko kuya kwenza abantu balazi nangakumbi ishishini lakho. Kaloku abantu baza kubona imoto yakho baze babhale inombolo yeshishini lakho.
Icatshulwe kwincwadi ethi: SA Guide To Working From Home [x]
IiRusks - zimnandi uzitya nekofu...
Izithako
2 iikomityi zeflawa
2 iikomityi zewholewheat
bread flour
1/3 yekomityi yeIllovo White Sugar
1/2 setispuni yetyuwa
2 iitispuni zebaking powder
1 itispuni yecinnamon
1/2 sekomityi yebhotolo,
inyibilikiswe
2 amaqanda
3/4 yekomityi yebuttermilk
2 iitispuni zevanilla essence
2 iitispuni ze-almond essence
Indlela yokuyenza
1. Beka i-onti ku-200oC. Xuba zonke izithako ezomileyo esityeni esikhulu uxubisise.
2. Dibanisa zonke izithako ezimanzi uze uzigalele kwezomileyo. Zamisa de kube yintlama ethambileyo engathi yeyeebhiskiti.
3. Khuphela intlama kwindawo efafazelwe iflawa. Yenze mtyaba ibe nobungqingqwa obuyi-2,5cm.
4. Yisike ibe nobukhulu obuyi-5cm x 10cm. Zibhake ushiye isithuba esiyi-5cm phakathi kwazo kwishiti yokubhaka imizuzu engama-25 de umphezulu ube krum-krum yaye ubemdaka.
5. Yicime i-onti. Yeka iirusk kwitreyi yokubhaka de i-onti iphole.
6. Iirusk ngoku zifanele zibe zomile. Zipholise uzigcine kwisitya esingangeni moya. (Iirusk ziya kuhlala iiveki.)
BONA - October 2006
