xhosa.186.yourlifeguide_askangie
Fumana uncedo
lomcebisi ngobomi
Umfana utshate umntu acawa naye
Bhota Sis Angie: Ndineminyaka engama-22. Umfana ebendincuma naye utshate nomnye umntu.
Xa ndimbuza ngaloo nto, uthi uyandithanda qha kuye kwanyanzeleka ukuba athobele umthetho wecawe wokuba atshate umntu wasecaweni.
Ndivumile saqhuba, kodwa ngoku akasandihoyanga njengakuqala. Ndincede kuba ndisamthanda.
nguPetunia, eKrugersdorp
Bhota Petunia: S'thandwa sami, ndibuhlungu ngokuva ukuba usentlungwini enje usemncinane kangaka.
Uthando luhle, luyakhathalela yaye luyakhusela, ukanti lungakuvisa nobuhlungu.
Ungagqitha kule ntlungu, kodwa kuqala kufuneka ugqibe ngokuba ukufanele na lo mfana.
Ukhumbule xa uqhuba naye, uza kuthandana nomntu owabelana ngesondo nomnye umntu nowenza izigqibo
nomnye umntu ngaphandle kwakho.
Ndikucebisa ukuba uzame ukumcima entliziyweni yakho. Lixesha lokuba ujonge isiqu sakho, jonga izinto onamandla kuzo nozenza kakuhle nezo ufuna ukuziphumeza ebomini.
Ndiphila ubomi bobuxoki
Bhota Sis Angie: Ndilibhinqa elineminyaka engama-45 elinengxaki yokuthand' ukuxoka.
Ndixokise abahlobo bam nabantu endiphangela nabo ngokuba ndingubani. Ndixokise nabantu basecaweni ukuba ndihlalaphi nokuba ndiphangelaphi.
Ngoku ndidibene nendoda endithandayo, nayo ndayifihlela ukuba ndakhe ndatshata ngaphambili.
Ngoku icela ukunditshata yaye ndinexhala lokuba iza kuyiva inyaniso ebantwini basekhaya. Ndincede!
nguBongi, eKZN
Bhota Bongi: Uvakala ngathi ukuxoka yinto esegazini kuwe. Nawuphi na umntu kuyenzeka axoke, kodwa ixoki lendalo lixoka lonk' ixesha yaye alizenzi.
Ukuxoka kuyakungena uze ugqibele uxoka ungasahoyi neziphumo zokuxoka kwakho.
Ukuxoka kungakwenza ukhululeke yaye uzibone ubalulekile, kukwenze ufumane ingqalelo okanye kukukhuphe ezingxakini.
Yeka ukuxoka nokuba ubuxokiswa yintoni na kuba kuza kukuxabanisa nabahlobo, abantu bakowenu okanye uphelelwe nangumsebenzi.
Ngathi sele ulikhoboka lokuxoka, ngoko kufuneka uzame iindlela zokukuyeka - eziquka ukuthandaza nokufumana iingcebiso zomfundisi okanye ugqirha.
Kuthando lwakho nomfana oncuma naye, kufuneka uthembeke kuye umchazele ukuba wawuxokiswa kukuba uneentloni zokungabi namntu ube umdala.
Xa esafuna ukuthandana nawe, ndikucebisa ukuba umchazele ngengxaki yakho yokuxoka ukuze akuxhase kumalinge okuzikhwebula kulo mkhwa mbi.
Xa engakuxoleli, kubone oko njengesifundo songalahlekelwa kuko ngenxa yokuxoka. Ndiyathemba oko kuya kukukhuthaza ukuba uphile ubomi obuthembekileyo.
Ingxaki yothando
Bhota Sis Angie: Ndilixhwele elineminyaka engama-28 yaye ndidibene nendoda endiyithandayo.
Ingxaki kukuba ungumfundisi wecawe engayamkeliyo into yezinyanya.
Ndiyamthanda yaye wamkelwe nazizinyanya zam. Kodwa ufuna sivule eyethu inkonzo kungekudala. Andazi ukuba ndithini.
nguMahadi, eBoksburg
Bhota Mahadi: Ndiyakuvela ngengxaki okuyo. Andikujongeli phantsi ukuba lixhwele kwakho, kodwa kungenzeka ukwamkelwa kwakhe zizinyanya zakowenu zikubonisa ukuba zifuna uye kude.
Ungaba yinkosikazi yomfundisi kuba wazi amacala onke obomi.
Kaloku ebomini sikhuliswa ngeendlela esingazaziyo. Sigqitha ezintlungwini, kwiinkxwaleko noqeqesho lweemeko ezinzima.
Mhlawumbi kuhle uqale ngokufumana iingcebiso kwiTraditional Healers' Organisation eku-16 de Villiers St, Joburg. Ungabafowunela
ku-011-337-6177. [x]
BUZ' USIS ANGIE
Yeka ukuxoka kuba ungaphe-lelwa ngumse-benzi wakho
Bhalela kule dilesi:
Ask Sis Angie,
Box 473014, Parklands,
2121.
Qaphela:
USis Angie
akanako ukukunceda kwiingxaki zempilo.
USis Angie ukunika iingcebiso eziya kukunceda kwimibuzo neengxaki zakho zemihla ngemihla
