xhosa.1864.andile
BONA XHOSA - November 2007
Unceda iingxwelerha zomphefumlo
"Ndifuna ukwandisa inkqubo yam yezakhono zabafundi ngokuthatha abantwana basedolophini ndibase kwindawo ezolileyo eza kubanceda bakwazi ukumelana noxinzelelo nokuphathwa gadalala," utsho uAndile.
U-Andile Carelse wasuka kwikwaito wasasaza inkqubo ethi Khumbul'eKhaya kwaye uyakhula - enjalonje ufuna ukukhula noMzantsi Afrika uwonke
kubhale uPATRICIA McCRACKEN
USAHLABE ikhefu uAndile Gaelesewe Carelse kwinkqubo yakhe ethi Khumbul' eKhaya kwaye uthi lo nyaka ubemhle kakhulu kuye. Inkqubo yakhe ibe yimpumelelo enkulu kangangokuba iileta zababukeli ezilindele ukubuya kwakhona kwale nkqubo zizele iibhokisi.
U-Andile uchitha ikhefu lakhe ngokulungis' umzi wakhe nokuvuselel' isitiya sakhe. Kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo wakhuthazwa ngumbethi wekatala waseMozambique owayelima umbona, "ikhaphetshu enkulu" neminye imifuno kwisitiya sakhe esiseYeoville.
U-Andile naye walima imifuno neziqhamo kwesakhe isitiya baza batyelela eMozambique nomyeni wakhe uUdo osebenza kwi-e-tv. Olo hambo lwamvula amehlo nangakumbi uAndile.
"Ilizwe laseMozambique lithwaxwa yindlala nenkxwaleko kodwa abantu bakhona bayakwazi ukusebenzisa umhlaba ukuze bafumane ukutya.
"Iziqhamo ezithengiswa kweli lizwe zihle kwaye abantu abazithengisayo abazithenganga emalikeni koko bazilime ezitiyeni zabo.
"Ilizwe laseMozambique lihlaselwe zizikhukhula neHIV/AIDS kodwa abemi beli lizwe batya iziqhamo nemifuno abazilimele yona.
"Abemi beloMzantsi Afrika bathanda ukwamkela iipasile zokutya okudala.
"Baninzi abantu abangamahlwempu kweli kwaye abanye abakwazi ukusebenza ngenxa yeHIV/AIDS - kodwa baninzi abanokulima imifuno enempilo njengekhaphetshu netumato ezitiyeni zabo."
Inkxaso
U-Andile uyibona kakuhle imfuneko yokulima le mifuno kuba uyinxalenye yeqela leembalasane ezinika inkxaso ebantwini abanogawulayo neziny' iimbalasane ezifana noSibongile Khumalo noMarks Maponyane.
"Sichitha imini nomntu ogulayo ngenxa kagawulayo - simnike ithemba kuze nabamelwane emzini wakhe aze azive ethandwa."
Ngeny' imini uAndile waphantsa walila emva kokuba efike emzini wenye indoda eAlexandra.
"Safika oonompilo begqiba ukuyihlamba yaza yasixelela indlela eyibawela ngayo ityhukhamba. Yathi zimbini iiveki iyibawela kodwa ayinayo imali yokuyithenga.
"Yandikhathaza kakhulu loo nto kuba usapho lwale ndoda lwalungenayo imali yokuthenga ityhukhamba kodwa kulula ukuyilima."
Iziqhamo
U-Andile uyayithanda inkqubo ethi An Inconvenient Truth eyenziwa ngulowo owayesakuba ngusekela-mongameli eUS uAl Gore kwaye uthi kudala edomboza kwiSebe leZolimo ukuba lenze usuku loluntu eSoweto - "Ayikaphumeleli le mizamo okwangoku," utshilo.
Akazimiselanga ukuncama uAndile kuba uyibona intle into yokulinywa kwemithi yeziqhamo kwiUS yonke.
"Ndifuna ukubona imini apho iindawo esihlala kuzo ziya kuba nezitiya zemifuno neziqhamo. Xa sinokuzilima kwiindawo ezinkulu ezilingene wonke umntu akukho mntu uya kuba iziqhamo nemifuno yomny' umntu," utsho uAndile.
Imbewu iyafikeleleka ngexabiso. Into esiyifunayo ziinzame zokulima nokukhathalela imifuno neziqhamo zethu.
"Ngubani othi abekho abantu" Xa wonk' umntu esenza into nokuba incinci kangakanani, singaliguqula eli lizwe.
"Ukwakha ikamva lethu ayikokuvezwa kwamathuba emisebenzi ngurhulumente nokuphisa ngokutya koko kukuziphatha kwabantu ngesidima nokuzenzela izinto ngebhongo neqhayiya."
Ukuphathwa gadalala
"Kwiminyaka emithandathu edlulileyo ndathetha phandle ngezinto ezandehlela ebomini bam kuquka nokudlwengulwa ngutata wam xa ndandineminyaka eli-11. Kwakulixesha lengxwaba-ngxwaba kaBaby Thabang. Ndazil' ukutya ndithandazela isigqibo endisenzileyo. Ndamxelela umama kuba wayeza kuziva kunomathotholo ezo ndaba," utsho.
"Ndazama ukunxibelelana nomfazi omtsha katata nentombi yakhe kodwa andakwazi ukubabona. Indiphatha kakubi into yokokuba azange ndikwazi ukumnik' inkxaso udadewethu kuba ngelo xesha wayeneminyaka elithoba okanye eli-10."
U-Andile uyayazi intlungu yokungahlali nosapho lwakhe kwaye usasaza inkqubo enceda iintsapho zimanyane zisombulule neengxaki zazo.
"Ndifun' ukubabona kodwa utata yena andifuni kumbona. Ndimxolele ngezinto andenza zona.
"Andifuni ukumzingela kodwa xa kungenzeka sidibane ndingabona ukuba ndenza njani na. Ndonwabile kule ndawo ndikuyo - uThixo undinike utata onothando kwindoda etshate nomama."
U-Andile wazama ukulibala ngento eyamehlelayo ngokuthi enze into eza kunceda abantu abangxwelerheke emphefumlweni nasenyameni.
Yiloo nto eyamenza waseka idesika ecebisa abantu kwiYFM nenempumelelo enkulu. Yiyo eyaphembelela iKhumbul'eKhaya, ekuyinkqubo eveliswa yiUrban Brew.
Iziko losasazo elinamandla
"Abany' abantu bothuswa kukuba ndisuke emculweni nakwiYFM ndiye kwiTV. I-TV inamandla kakhulu. Ndizibhalela ngokwam amazwi endiza kuwathetha kwaye ndiza nemibono ngenkqubo.
"Le nkqubo yenza abemi beli babone ukuba iingxaki abajongene nazo ziyafana nezabany' abantu. Kufuneka sibabonise ubunyaniso bezinto ezenzekayo ababukeli."
Nkqu nokuba isiphelo senkqubo sibi uAndile ubelwela ukuba sivezwe sinjengoko sinjalo - njengemvumi yejazz eyabuyela kweli kodwa yangakwazi ukwakha ubudlelwane nentombi yayo; nehenyukazi elalineHIV eladityaniswa nonina kodwa labuyela kwiindlela zalo zobuhenyukazi.
Ukwanoluvo lwenkqubo yeengxoxo nolutsha lweAfrika iphela kwiMTV Base eza kugqithisa ulwazi oluchanekileyo ngemiba efana neziyobisi, iHIV nokuphil' impilo enomvuzo.
"Ulutsha lweAfrika iphela lujongene nemiceli-mngeni efanayo. Ndinqwenela ukulunceda kuba kum kubalulekile ukuba inkqubo yeTV ixhobise umbukeli," utshilo.
Amandla
U-Andile ukwangumlawuli wombutho iOpen Disclosure, onceda ukuxhobisa abafundi ukuze bakwazi ukuthetha phandle ngeengxaki abahlangabezana nazo zobundlobongela, iziyobisi nokuphathwa gadalala ngokwesondo esikolweni nasekuhlaleni.
Ziinjongo azimiseleyo ukuzifezekisa ezi nditsho nkqu nokuba ethetha ngomhlaba awuthandileyo eMozambique.
Nomyeni wakhe uUdo uneenjongo ezifanayo nezikaAndile. Badibana ngethuba besebenza kwiYFM. Batyelela bobabini xa benexesha kwaye izakhono zabo ziyahambisana.
"Ndikholelw' ekubeni uThixo usinika amaqabane aza kuvana nathi. Kubalulekile ukuba xa nitshatile nithande izinto ezifanayo.
"Sifun' ukwakha umzi eMozambique size sibize amaqela abafundi isithuba seveki. Ndifuna ukuba bakhumbule ukudlala baze bafunde ukumelana neemeko zabo zasemakhaya bekude namakhaya abo. Kukufutshane naseJoburg kunaseThekwini kodwa kukho olwa chulumanco lokuba ngaphaya kwemida yelizwe lakho - mhlawumbi loo nto inganceda iphelise inzondo ephakathi kwabantu bamazwe ahlukeneyo."
Uvakale ethethela phantsi uAndile xa esithi: "Ndifuna bayazi ukuba nokuba kwenzeka ntoni na ebomini bakho zikho izinto ongazenza ukuze ubuyise isidima ebomini bakho.
"Uyazikhethela into omawuyenze. Ungakhetha ukufa ngoku okanye ukhethe ukuba nekamva eliqaqambileyo."
U-Andile yena wazikhethela ukuba nekamva eliqaqambileyo.
"Ndathi xa ndandineminyaka esibhozo ndalima umthi wepesika esitiyeni sikamakhulu eMeadowlands. Ndandiwunkcenkceshela ngekomityi yamanzi yonk' imihla ukuze ukhule.
"Usakukhula wawumcaphukis' umakhulu kuba amakhwenkwe asebumelwaneni ayetsiba ucingo esiba iipesika kuwo.
"Kodwa ngoku uthandwa ngumntu wonke kuba ukhule wamkhulu kwaye usinika umthunzi omnandi."
Ucebisa ukuba abantu baqhubeke bakhule. Naye uyazibona ukuba uyakhula ngoku kuba uzifumana sele enomnqweno wokuba nabantwana bakhe.
"Uthando lwethu lukhule ngongxamo kangangokuba sisafundana. Kodwa ndiziva ndonwabile - kunjalonje ndisuke ndaxhatshakelwa ngamabhinqa akhulelweyo neentsana!"
Akazi naye ukuba uza kukhulelwa nini na kuba uxhomekeke
kwindalo. [x]
Imbewu yethemba
BONA XHOSA - November 2007
"Isitiya sam singaba yindawo entle - size sivelise imifuno neziqhamo," utsho uAndile Carelse.
u
t
Unceda iingxwelerha zomphefumlo
BONA XHOSA - November 2007
"Kufuneka silime imithi emininzi - eyomthunzi neyeziqhamo," utsho uAndile.
