xhosa.1841.yourlifeguide_legal
WAZI AMALUNGELO AKHO
Kule nyanga sichaza ilungelo lokugcin' abantwana nokuba kutheni abazali bobabini befanele bafune ilungelo lokugcin' abantwana xa beqhawul' umtshato
UKUGCIN' ABANTWANA
Siqhawul' umtshato nenkosikazi yam. Abantwana bethu ababini baza kuhlala nenkosikazi. Siyevana nayo. Kodwa umntu endiphangela naye undicebise ukuba mandifune ilungelo lokuba "sibagcine sobabini abantwana". Uthi oko kuya kundikhusela xa izinto zingahambi kakuhle, okanye xa inkosikazi ifuna ukutshata nomny' umntu. Yintoni "ilungelo lokugcin' abantwana nobabini"?
ICEBISO LESCORPION
Unyanisile umntu osebenza naye! Kubalulekile ukuba nelungelo lokugcin' abantwana.
Into oyiva kakhulu kuqhawulo-mtshato ngumba "wesondlo sabantwana". Kodwa ke oko akuthethi kuthi imiba ebalulekileyo mayingahoywa.
Omnye wayo ke kukugcinwa kwabantwana. Ukugcin' abantwana ayikokuhlala nje nabantwana ababini eninabo. Baninzi nabantu abangaziyo ukuba unako ukukhetha kumba wokugcinwa kwabantwana. Akunyanzelekanga ukuba elo lungelo linikwe umzali omnye!
Zimbini iindidi zelungelo lokugcin' abantwana: "bayagcinwa ngumzali omnye" okanye "bagcinwe ngabazali bobabini".
Inkundla inika ilungelo lokugcin' abantwana umzali obafunayo - nekudla ngokuba ngunina.
Elo lungelo linikwa umzali omnye xa bexambulisana abazali ngokuba ngubani ofanele agcin' abantwana.
Kodwa ngenxa yokuguquka kweendima zobuzali, kuya kusetyenziswa ngakumbi ukunikwa kwabazali bobabini ilungelo lokugcin' abantwana.
Oku kwenza abantwana bachith' ixesha elininzi nabazali bobabini kwaye abazali kufuneka bathethane ngaphambi kokwenza isigqibo esichaphazel' abantwana.
Nazi eziny' izinto oku okuluncedo ngazo:
Umntwana akaziva elahliwe ngomnye umzali.
Umsebenzi wokukhulis' abantwana niyabelana ngawo.
Awubi nengxaki yokungababoni abantwana.
Utata uyakwazi ukubona ukuba isetyenziswa njani imali yakhe yesondlo.
Kufuneka intsebenziswano kubazali ukuze eli lungelo lisebenze - kwaye kungenzeka oku kubenzima. Kaloku basukuba boyisiwe kukuhlala ndawonye emtshatweni.
Ukuze nilinikwe nobabini eli lungelo kufuneka niphumeze le miqathango mine:
1 UTHANDO NENTSEBENZISWANO. Abazali bobabini mabazinikele ekuthandeni nasekukhathaleleni abantwana, basebenzisane ekuphumezeni oku.
2 IINJONGO. Abazali mababe neenjongo ezifanayo ngobomi babantwana. Iyantlukwano yabo ingababhida abantwana kuze kungabikho mvano kubazali.
3 MABANGAQELELANI. Abazali mabangaqelelani. Ilungelo lokugcin' abantwana bobabini abanakulinikwa xa omnye ehlala eJoburg, abe omnye ehlaba eKapa.
4 UBUDALA. Ubudala babantwana nokuba bangaphi kuya kuba negalelo kwisigqibo senkundla.
Kunzim' ukufumana ilungelo lokugcin' abantwana nobabini. Kodwa xa usazimisele ngokuba nenxaxheba kubomi bomntwana wakho, lilungelo ongalifuna. [x]
AMANDL' OMTHETHO
KUJONGWA IIMFUNO ZOMNTWANA
Inkundla ibeka iimfuno zomntwana phambili xa isenza isigqibo ngomzali oza kugcin' abantwana. Ngokwesithethe kudla ngokuba ngumama obonwa engabagcina kakuhle abantwana. Nenkundla ke ingacinga kanjalo kwaye nisethubeni lokunikwa ilungelo lokubagcina nobabini xa nivumelana ukuba ngunina oza kubagcina ixesha elininzi.
ABAFOTIWEYO BAYALINGANISA
Thumela ingxaki yakho yomthetho ku -BONA Legal Advice, Box 32083, Mobeni, 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama- 30 ngaphandle kokuhlawula, kwi-ofisi zalo naphi na kweli okanye emnxebeni.
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
