xhosa.1832.your_letters
Bhotani bahlobo
Andisuki kusapho olunamabhinqa anamabele amakhulu.
Eneneni, umama nodadobawo banalamabele kuthiwa ngamabele "entombi nto".
Ndifuze bona ngesifuba esimtyaba kwaye le nto indihluphe ubomi bam bonke.
Ndandikurhalela ukunxiba iibhodisi ezinkulu, ndandihlohla isifuba sam ngeepentihowuzi.
Ukuqala kwam ukusebenza, umphathi wam - wadikwa kukukhalaza kwam - wandithengela iisilicone breast pads.
Kwakungathi yiKrismesi: isifuba sam nokuzithemba kwam kwanda.
Kodwa kwakungonelanga - ndaqala ndabeka i-R100 ngenyanga ukuze ndizokwenza utyando lokwandisa amabele.
Ndaze ndadibana nesinqanda-mathe sam, esasindithanda ndinjalo singaqondi nesona sizathu esenza ndinxibe amabele okuzenzela.
Ndaqala ngoko ukubona ukuba ndinamabele amahle!
Kodwa ke, indumasi yethu ekwikhava uMshoza yena ulwenzile utyando lokwandisa amabele.
Kudliwano-ndlebe elikukhasi-18 usixelela ukuba kutheni kubelutyando lweeyure ezintathu olumnike ukuzithemba nomzimba ekudala ewunqwenela.
Ngokuqinisekileyo, zininzi ezinye iindlela zokuzenza mhle, mawethu.
Kukhasi 112 sitshintsha inkangeleko yamanene okokuqlala. Tana! (Ukuba nje bendingenamntu!)
De kube lixesha elizayo.
Nihlale nisikelelekile
IILETA ZENU
Sbu
Mpungose
Ileta egqwesileyo
SIBHALELE IIMBONO ZAKHO
Iileta Eziya kuMhleli, Box 32083, Mobeni, 4060
fax: 031-912-2720 e-mail: bona@dbn.caxton.co.za
Ungalisebenzisa igama elingelilo elokwenyani, kodwa sicela usinike igama lakho lokwenene nedilesi. Izimvo ezikweli khasi zezabafundi, ayizozethu kwaye lilungelo lethu ukuzihlela iileta esizikhuphayo.
L INYUKE kakhulu inqanaba lolwaphulo-mthetho kweli lizwe. Kodwa eyona nto indikhathazayo yindlela abazali abakhulisa ngayo abantwana babo - babe ke phofu kungabo abaziinkokeli zangomso zoMzantsi Afrika.
Ithini into yokuba umzali amkele imali ayiphiwa ngumntwana wakhe ongaphangeliyo? Uthula uthini xa ubona umntwana wakho ephethe iselfowuni yexabiso (ube usazi
ukuba akanako ukuzithengela ngokwakhe) abe engayithengelwanga nguwe?
Awunako ukuzithethelela ngelithi awulwenzi ulwaphulo-mthetho. Uyafana nesaphuli-mthetho xa uyibethisa ngoyaba into yokuba umntwana wakho wenza ulwaphulo-mthetho.
Ingaba kunokwenzeka ukuba umntwana wakho ulandela
wena kuba ekubona uthenga izinto ezibiweyo?
Ukuthetha akufani
nokwenza. Masiyeke ukuthi ulutsha lulingomso lelizwe lethu sibe singakwazi ukulubek' endleleni.
Xa sisithi ulutsha oluyabula ezitalatweni lusenza ulwaphulo-mthetho lulingomso lethu, kucacile ukuba asinalo ingomso.
nguFC Tami, eMdantsane
Enkosi ngeendaba zebhola!
Ndithi maz' enethole ngokusibhalela ngemidlalo yeConfederations Cup kwiBONA kaMeyi. Umkam uyithenga rhoqo iBONA ngoko ndiye ndiyityhila-tyhile. Ngoku xa eyithengile siyayibanga! Ndiyalithanda icandelo lezinto zamadoda namanqaku olwaphulo-mthetho. Ndibona ngathi zininzi kakhulu iiresiphi - kodwa mhlawumbi umkam akanakuyithanda loo nto!
ngu-Alex Stimela, eKlerksdorp
Ninamabali amnandi
Ndiyawathanda amabali enu amatsha angolwaphulo-mthetho kuba kumnandi ukuwafunda. Ayanceda ngokusikhumbuza ukuba ulwaphulo-mthetho alukho eMzantsi Afrika kuphela - kaloku ucinga njalo xa ufunda amaphepha ubukele neendaba zeTV.
Ulwaphulo-mthetho lukho kuwo wonk' amazwe, ngoko abantu baseMzantsi Afrika abazozaphuli-mthetho ngaphezu kwabamany' amazwe.
Qhubeka nomsebenzi omhle, BONA!
nguVeronica Mhlwazi, email
Uya kuphela nini lo mkhwa?
Kuya kuphela nini ukuqeshwa kwabantu ngokuzalana nokuthengiswa kwemisebenzi kweli lizwe. Kunzima ukufuman' umsebenzi kule mihla xa ungenabantu wazana nabo, kungenjalo kufuneka uhlawule intywenka yemali ukuze uwufumane. Nam ndahlawula imali enkulu ukuze ndiwufumane. Abantu basuka emakhaya bengenayo nepeni bayofun' imisebenzi kodwa kunyanzeleke ukuba baboleke imali "koomatshonisa" ukuze bathenge imisebenzi. Bayaphi Ubuntu?
Into embi kukuba abantu abathengisa imisebenzi bamkela imivuzo emikhulu.
nguLindeka Dubula, eNortham
Sizitshabalalisa ngokwethu?
Abantu batshabalalisa yonk' into, badodobalise nabantu ababancedayo. Bayeba kwiinkampani abaphangela kuzo - zize zivalwe nabantu baphelelwe yimisebenzi.
Sizitshabalalisa ngokwethu ngaloo nto. Masakheni ingomso lethu!
nguNMM, e-Olifansfontein
Umbhali weleta egqwesileyo kule nyanga uya kuzuza iSamsung M620 yakwaNashua Mobile
exabisa i-R1 200
Khawuzicinge uvakalisa zonke iimvakalelo zakho ngeSamsung M620. AbakwaNashua Mobile bakunika iindlela zokuqhagamshelana nabantu ngeemveliso neenkonzo zeeselfowuni.
Ngeziny' iinkcukacha fowunela ku-0861-531-531 okanye uye ku-www.nashuamobile.co.za
Umfundi weBONA ubuza imibuzo enzima
Abazali nolwaphulo-mthetho
Iiresiphi ezimnandi
Ndiyabulela kwiBONA ngeeresiphi ezintsha ezenziwa nguNtwenhle Mpanza. Andiphoswa yimagazini yenu oko waqalayo ukuzibhala, kanti ndiyakuthanda nokuzipheka. Bezimnandi kakhulu ezika-Aprili, ingakumbi iFish Finger Pockets neStuffed Tomatoes.
nguThobekile Mbonambi, email
Oomama abaselayo
Nazi iimbono zabafundi ngenqaku lethu elithi Oomama Abaselayo (elaphuma kwiBONA kaMarch 2009), elalithetha ngokwanda kwamabhinqa aselayo eluntwini lwakowethu nesasibuza kulo ukuba ngumkhwa ombi na ukusela phambi kwabantwana
Akulunganga ukusela kwabazali phambi kwabantwana kuba bafunda ngokubonela. Uza kubafundisa njani abantwana ngemikhwa emibi xa omnye bewubonela kuwe? Masibe yimizekelo emihle ebantwaneni ukuze nabo bazek' emzekweni.
Akazitshongo
Lindothusile inqaku lenu elithi Oomama Abaselayo. Ngathi ukucima kombane wakwa-Eskom akucimanga umbane kuphela, koko kucime neengqondo zabantu.
Inyaniso kukuba abantu abangamanxila bayalibala ukuba utywala abulonyango, kodwa busisifo ngokwaso.
Butshabalalisa ubomi babantu buzenzele namakhoboka. Masingazitshabalalisi ngabo ke.
nguNaseema Dhai, eRossburgh
Kutheni kulungile ukusela kwamadoda, kuze kuthiwe ukusela kwamabhinqa akulunganga? Ukusel' iglasi yewayini emva kokutya akunangxaki. Ngokunjalo nokusela iiglasi ezimbalwa emva kwemini ende yomsebenzi akunangxaki.
Into eyingxaki kukuba likhoboka lotywala - ngoko makhe siyeke ukuzenza abantu abangamalulwane.
Akulunganga ukunxila phambi kwabantwana nokuba uyindoda okanye ulibhinqa. Kodwa akunangxaki ukusela iiglasi ezimbalwa phambi kwabo, nokuba ungunina okanye uyise wabo.
ngu-AH, eQumrha
Imiba eveliswa linqaku lenu ibonisa omnye umzekelo wokujongelwa phantsi kwamabhinqa - zinto ezo zikhokelela ekuphathweni gadalala.
Amadoda angandivayo ukuba ndithini ndiza kuwachazela: yekani ukuzama ukucinezela amabhinqa nokuwaphatha njengabantwana abafuna ukuqeqeshwa.
nguBV, eNelspruit
Amabhinqa aphelelwe yintlonipho nokuziphatha. Angamanxila azintyintya ngotywala. Ukungakwazi ukuziphatha akusela kubonisa ukuba basisini esithambileyo. Akunxila amabhinqa uwafumana elala namadoda ezithoyilethi. Kukho noomama abathengisa ngeentombi zabo emadodeni amadala ukuze bafumane imali yokutheng' utywala.
Xa amabhinqa nawo engazihloniphi, angalindela njani ukuhlonitshwa ngamadoda?
ngu-Aaron Tlou, eTweefontein
Phumelela ne-
SIVUYISANA naba bafundi bahlanu balandelayo abazizuzele izixa zeeDVD ze-UIP kwiBlock Puzzle No 89 ebiphume kwiBONA kaMatshi 2009.
Nanga amagama abo: Emeldah Ramphisa, Groblersdal; Selloanwe R. Morata, Thaba Nchu; Elizabeth Mabena, Springs; Jo-Ann Levings, Evander, noN.E. Xongwana, Butterworth.
Impendulo: Connie Ferguson
