XHOSA.1825.yourcelebs_coverstry
ULONWABO LWEENGCUNGCU ZASERHAWUTINI E-Inc
Ibali lethu lekhava likaKelly Khumalo lifotelwe e-Inc The Club, indawo yakutshanje yokonwaba eBraamfontein, eJozi.
Yindawo ekumgangatho ophezulu, ngaphakathi intle ihonjiswe ngobukhazikhazi bexabiso, kulula ukubona unobangela wokuba i-Inc ibenomtsalane kwiingcungcu zaseJozi.
Ukususela kumculo weHawusi neR&B ngobusuku bangoMgqibelo ukuya kumatheko abucala engcungcu ezineendumasi zeli nezamazwe angaphandle ezifana noDJ Mixwell no-Akon, i-Inc iza kuwenza unyaka ka-2009 ubeluncuthu ngokwenene!
Xa ufuna ukubekisa indawo batsalel' umnxeba kule nombolo: 011-403-9834.
IBALI ELIKWIKHAVA
Ulungele ukuba nosana!
UKELLY KHUMALO akaseyiyo intombi nto - kwaye akazisoli ngaloo nto. "Ubuntombi bam babusisithsaba sam esasingenakuthatyathwa mntu kum de ndikulungele oko," itsho le mvumi ineminyaka engama-25 eyayisaya kubizwa ngokuba nguKelly "Oyintombi nto" Khumalo kwaye isolwa ngokuxoka ngobuntombi bayo.
Kudliwano-ndlebe lwakutshanje, uKelly uvumile ukuba owayeza kumtshata nongugxa wakhe kwezoshishino, uProsper Makwaiwa nguye indoda eyaba nethamsanqa lokungena ubuntombi bakhe. Kodwa akaphela apho wamshiya nentliziyo eyaphukileyo.
Le mvumi ye-Afro pop eselula iyavuma ukuba kuthando lwabo wayengeyedwa babebaninzi, kwaye ke namaphepha engayekanga ukubhala ngokungathembeki kukaProsper.
"Ndandiphulukana nokuba ndim ngexa ndikunye noProsper. Ndandisoloko ndinomsindo. Ndandisophula iifowuni, maxa wambi ndimqhwabe naye ukuba ukufutshane kum. Kwakumele ndikhethe, ndaza ndakhetha ukumshiya," utsho.
Ukumshiya kwaba yeyona nto ilungileyo ayenzayo. Ngoku ujongene nomsebenzi wakhe. Ngaphezulu ufumene umntu omtsha kwaye uKelly sele ethetha nangokuba nomntwana.
Iintsikelelo ziya ngokwanda kule ndumasi eyakhulela eThokoza eJoburg, neyaqala ukucula ecaweni.
Kukho icwecwe lakhe lakutshanje elithi Simply Kelly ekufuneka lithengisiwe, okuthetha ukuba uza kukhenketha ilizwe lonke - kwaye abalandeli bakhe baza kuqhuba nokumbona kuRhythm City, apho adlala indawo kaSunay. Kuphinde kubekho isithembiso soluhlu lweempahla ezinomtsalane zangaphantsi ezinegama lakhe, ifilim engobomi bakhe kunye nesivumelwano sokuba abebubuso beemveliso zobuhle.
UKelly wonwatyiswa yile mpumelelo yokugqibela. Ngexesha lokushicilelwa kwemagazini walile ukusixelela ukuba zezakwabani na ezo mveliso, kodwa watsho esithi yimali leyo kuye nethuba lokuba yimodeli.
"Esi kuza kuba sisivumelwano sam sokuqala kwaye ndiyakuvuyela ukwenza enye into engenguwo umculo," utshilo.
Ukuba bubuso beemveliso zobuhle kuza kwenza lukhulu emculweni wakhe kuba kaloku imifanekiso yakhe, neentengiso zeTV ziza kumenza asoloko esemehlweni abantu.
Kodwa nangona enako konke oku, uKelly uthi ukufumana umntwana kukona kuya kumenza azive esenkcochoyini.
IBONA ibincokola naye kwivenkilana yekofu entle ezolileyo eHyde Park eJoburg. Ubenxibe kakuhle kwaye kunzima ukumcinga enxibe iimpahla zabantu abakhulelweyo.
Uthe xa ehlala phantsi inkwenkwana encinci yagaqela ngakuthi. Kwangoko uKelly wathabatheka yiyo.
"Ndifuna ukuzibona ndisiya ngokutyeba ndivele iminyama nayo yonke loo nto, kuza kube kufanelekile!" Utshilo ethetha ngokukhulelwa.
"Ndicinga ukuba intombi encinane efana nam iza kubantle. Kukuphela kwento endicinga ngayo kule mihla; ziyandoyikisa ezi mvakalelo," utshilo ebonakala emangalisiwe.
"Umama wandifumana esemncinane, ngoko ukungabi namntwana kwam yinto yangabom. Bendingekalungi kwaye bendingakholelwa ekubeni nomntwana ndingatshatanga."
Konke oku kubonakala ngathi kutshintshile kuba ngoku akazukulinda umsesane phambi kokuba nomntwana. "Naliphi na ixesha ukusukela ngoku lixesha elilungileyo lokuba ngumama."
Sele ekuthethile oku nonina. "Ndimxelele: 'Mha, ndicinga ukuba nomntwana!' Uyazi" Uyavuya!"
Umama uNtombi Khumalo uyavuma ukuba uyazivuyela izicwangciso zentombi yakhe zokuqala usapho. "Ndikulungele ukuba nomzukulwana. Sendiqalile ukufuna amagama koogxa bam emsebenzini, ukuba yintombazana uza kuba nguMonica, athiywe ngegama lika-anti kaKelly," utshilo
"Endingakucebisa ngokuba ngumama kukuba uKelly abenesibindi njengam. Ukuba ngumama kumnandi ekuqaleni, kodwa ekuhambeni kwexesha udibana nemiceli-mngeni kwaye kuza kufuneka omelele.
"UKelly wakhula ngaphandle koyise, kodwa uThixo wayenguyise kuye ngoko kufuneka akhumbule ukuba uThixo ukho yonke imihla," utsho umam' uNtombi.
Noxa uKelly elibhinqa elizimeleyo, kodwa ukukhulelwa akuyonto ungayenza uwedwa. Ngoko ngubani oza kuba nguyise walo mntwana"
UKelly uphendule ngentsini, kodwa watshintsha kwangoko sakutsho ukuba sicingela ukuba uyise womntwana kungaba yindoda emhlophe ebemana ukuvezwa nayo emaphepheni.
"Ubani" UDevan" Hayi mani, laa ndoda ngumhlobo endikhululeke gqitha xa ndikunye naye. Abantu basuke basicingela."
Saqhuba ke thina nokuzama ukuphanda eyona ndoda isebomini bakhe. Ujonge phezulu wacinga kuqala: "Andazi. Andiqinisekanga. Kulungile ke, ewe ukhona umntu."
Akasixelelanga kuba esithi uthando luselutsha.
Sikhumbule ingoma yakhe edumileyo ethi Sobabili ayicula noRobbie Malinga enamazwi athi "uthando lwami nawe lolwethu sobabini, umuntu wesithathu akafuneki." Kubonakala ngathi ngoku uKelly uzimisele ukubukhusela eluntwini ubomi bakhe bezothando.
Kodwa intombi eseluthandweni ayikwazi kufihla de kuphele ngoko usixelele ukuba uyindoda elungileyo - ngethemba lokuba - uya kuba nguyise womntwana wakhe.
Uthe akubona ukuba sele ethethe kakhulu wathi: "Iseziinyangana ezimbalwa, andifuni koyikisa usizi lomfana agqibele ebalekile!"
Okumangalisayo kukuba, uKelly ucinga ukuba Ikumkani yeKwayito, u-Arthur Mafokate ngumzekelo wootata abalungileyo.
"Uyamangalisa xa ekunye neentombi zakhe. Unguyise nonina, nento yonke kubantwana bakhe," utsho uKelly.
Ingaba ululungele utshintsho oluza kuza nokukhulelwa emzimbeni wakhe"
"Hayi suka, ndiseza kuba nomtsalane," utshilo uKelly. [x]
Umbhali: Ntokozo Maseko
Umfoti: Pieter du Toit
Umnxibisi: Thato-ya-Ona Lerefolo
Iinwele nolungiso-buso: Vuyo
Indawo: Inc The Club, Braamfontein.
Le ndumasi eyimvumi yomculo we-Afro pop isixelela isizathu esibangela ithi ikulungele ukuba ngumama kwaye isixelela nangezobuhle zayo
Idyasi enoboya emhlophe namnyama: Sigal. Ikaftan enombala wehlosi, Sigal; uthayithi omnyama: CE eThe Space; izihlangu ezimnyama: Max Mara. Ibholero: The Space; Ilokhwe enombala wesilwanyana: Sigal.
