xhosa.1821.lifter
SIYAZI sonke ukuba omelele amabhinqa aseMzantsi Afrika kwaye xa ngaba sele siyilibele loo nto, uBabalwa Ndleleni-Ramahlape uyasikhumbuza. Eli bhinqa linama-27 eminyaka lenze imbali ngokuba libhinqa lokuqala elimnyama eMzantsi Afrika ukuzuza imbasa yobhedu (bronze) kwicandelo lwabaphakamisa iintsimbi abanobunzima obuyi-75kg kwimidlalo yeCommonwealth ebiseMelbourne kutshanje.
"Yimbasa yam yokuqala le. Ndazixelela ukuba ndiza kuza apha ndonwabele imidlalo kwaye ndenza loo nto kanye," watsho emva kokudlala.
Njengabanye abadlali abangenathamsanqa lokufuman' inkxaso ngenxa yomdlalo wakhe "ongadumanga" uBabalwa naye uhlangabezane nobunzima.
Uncokole nathi esekhayeni lakhe eGugulethu eKapa ekunye nomyeni wakhe okwayimanejala yakhe esibalisela ngendlela aziqeqeshe ngayo ejimini eseNyanga engenankxaso-mali ayifumanayo.
Kwafuneka ukuba asebenzise imali enikwa iimbaleki xa kudlalwa ukuze azithengele izihlangu ezilungele ukuphakamis' iintsimbi kolu khuphiswano.
"Yonk' imali endandinayo ndathenga ngayo ezi zihlangu ndasala ndingenayo nepeni," utshilo.
Kuqala wayenxiba iiteki ezindala azithungisa ngokutsha kumntu othung' izihlangu esitratweni ukuze zilungele ukuphakamis' iintsimbi.
Ukanti nokutya okulungele lo mdlalo wakhe kuyadura kakhulu.
"Kungokunje ndithandazela ukufuman' inkxaso-mali," utshilo ezityand' igila.
Umongameli weSA Sports Confederation and Olympic Committee, uMoss Mashishi ubongoze oosomashishini norhulumente ukuba batyale imali kwezemidlalo ngethuba ebesenz' intetho eJoburg yokwamkela iqela leli ebelithath' inxaxheba kule midlalo.
Uthe iAustralia ichithe imali ephindwe izihlandlo ezingama-60 kwimbaleki nganye xa ithelekiswa noMzantsi Afrika.
UKevin du Plooy oyingqonyela yomdlalo wokuphakanyiswa kweentsimbi uthi uNdleleni usebenze nzima kwaye ukuzuza le mbasa kwakhe kuvulela nabanye amathuba. "Ngumzekelo omhle lo kwaye uyakhuthaza nakwabanye," watsho kwiCape Argus.
Sele eqalil' ukwenza amalungiselelo okuya eBeijing kwiminyaka emibini ezayo kuba uyakwazi ukuphakamisa intsimbi enobunzima obungaphaya kwekhulu leekhilogram.
Ubuyele emsebenzini wakhe ngoku. [x]
Wenze imbali
Eli nenekazi lisenza elikwaziyo...
UBabalwa Ndleleni-Ramahlape ungene kwiincwadi zembali...
BONA XHOSA - July 2006
Ibhinqa elomeleleyo laseMzantsi Afrika
kubhale uISAAC KWELA
kufote iINDEPENDENT NEWSPAPERS
BONA - August 2005
