xhosa.1820.letters
Molweni bahlobo
Kundichwayitisile ukuvuma kukaWinnie Modise okwikhava yethu ukuthetha ngezicwangciso zakhe zokuqala usapho. Kaloku ungumkhaya wam, kwaye noxa ndingamazi kwizitrato zaseShowe, KwaZulu-Natal, kum kuvakala ngathi ndiyamazi!
Kaloku usoloko uneqhayiya xa kukho indwalutho esuka kwindawo yakho. Ikunika ithemba loo nto kuba ikubonisa ukuba nawe ungenza okukhulu ngobomi bakho nokuba usukaphi na.
Ndikhulele kwilokishi yaseGezinsila kwaye ndineenkumbulo ezintle ngayo. Ngoku ndihlala edolophini, ndijikelezwe ziindonga neengcingo zombane, okubi kakhulu, ngabantu abajavu-javu.
Nam ndikwanjalo maxa wambi, ndingabulisi abamelwane, nezinye izinto.
Edolophini kuthiwa "ujonga indaba zakho" kwaye ngokokwam loo nto ichasene noBuntu.
Ukubonisa uthando kwiilokishi zethu, sinenkqaku elitsha kwiKhasi 22 nalapho iindumasi zeli zihamba nathi zisise ezikolweni zazo zakudala, kwizpaza ezazithenga kuzo isonka nkqu neekona zabo ababethandanela kuzo.
Sisekwezothando njalo, sibhiyozela inyanga yothando yonyaka, ekwenzekileyo ukuba ibe yinyanga yokuzalwa yam nonyana wam. Ngokuqinisekileyo ke kuza kuphekwa kubekho nemibhiyozo emininzi ekhaya, ndiza kusebenzisa iiresiphi ezininzi ezikumakhasi ethu okutya. Ingathi alisafiki ixesha lokuba ndenze umqombothi ndize ndiwujike ube sisilebelo, njengoko kubonisiwe kwiKhasi 66.
De kube lixesha elizayo!
Nihlale nisikelelekile,
IILETA
Sbu Mpungose
SIBHALELE IIMBONO ZAKHO
Iileta Eziya KuMhleli, Box 32083, Mobeni, 4060
fax: 031-912-2720 e-mail: bona@dbn.caxton.co.za
Ungalisebenzisa igama elingelilo elokwenyani, kodwa sicela usinike negama lakho lokwenene nedilesi. Izimvo ezikweli khasi zezabafundi, ayizozethu kwaye lilungelo lethu ukuzihlela iileta esizikhuphayo.
Musani ukuzitshabalalisa
Umyalezo oya kumantombazana aselula eli
I GAMA LAM ndinguKabelo, ndineminyaka eli-14. Ndibhalela iBONA kuba ndikhathazekile yindlela amantombazana aselula aziphethe ngayo, abeka ubomi nekamva lawo esichengeni.
Acinga ukuba ukuthandana namadoda amadala kunawo kuyawakhulisa, okanye kuwenza abe bhetele. Iqala apho ke inkathazo.
Athandana namadoda amadala kuba enemali - kaloku akafani nabafana abaselula!
Indlela la mantombazana acinga ngayo ibonakalisa ukuba akakakhuli ngokwaneleyo noxa esenza ngathi kunjalo, kodwa le yingxaki encinane kunajongene nazo.
Ntombazana, khawutsho: kutheni amadoda amadala ekuthanda? Akatsalwa kukuba ukrelekrele okanye umhle, enziwa kukuba ulula.
Wenza nantoni na ayifunayo kuba anemali. Akakuhloniphi kwaye akakhathalelanga neemvakalelo zakho.
Jonga ukuba kwenzeka ntoni
xa ukhulelwa! Ibaphi indoda ngelo xesha? Uphi "umphathiswa wezemali" wakho?
Kanti ke unethamsanqa xa uye wakhulelwa kuphela. La madoda ahamba elala.
Awuqondi ukuba oku kuthetha ukuthini?
Imali iza kukunceda njani xa ubulawa ngugawulayo? Thandana nabafana abalingana nawe wonwabe kwaye ukhuseleke!
nguKabelo Makati, eLimpopo
Wayekeni
Iyandikhathaza indlela amaRasta aphethwe ngayo kweli lizwe.
Wonke ubani unelungelo lokukhonza ngendlela afuna ngayo.
Ngokwenkolo yamaRasta ukutshaya intsangu yinxalenye yenkolo
nesiko lawo. Kodwa urhulumente akawavumeli akwenze oko ekhululekile.
Iidredi nazo zikwayinkolo yawo, kodwa izikolo ezininzi azibavumeli abantwana ukuba benze iidredi.
Masifunde ukuwahlonipha amaRasta.
ngu-Aaron Tlou, eTweefontein
Ikamva eliqaqambileyo
UMzantsi Afrika unekamva eliqaqambileyo. Kufuneka sikhumbule ukuba sonke sinako ukulitshintsha eli lizwe sisombulule neengxaki
zalo.
Ixesha lisoloko lilungile xa ufuna ukwenza okuhle!
nguCS, eJouberton
Funda ukwamkela
Ukufa kukho yonke indawo - kwaye akukhethi. Kuyasifikela sonke, kwaye ukuba usandula kushiywa ngumntu omthandayo yazi oku: umsindo awuncedi.
Lonk' ixesha oku kusenzeka kusukube kuyintando kaThixo. UThixo usithanda sonke kwaye ungecala lethu.
Asizazi izicwangciso Zakhe ngathi, kodwa inye into efunekayo kuthi, lukholo nomthandazo! Umthandazo uza kukunceda ukwazi ukumelana nentlungu ojongene nayo.
nguDeborah Mashigo, eMaboloka
Musani ukubaxhasa
Xa sifuna uncedo emapoliseni nasezibhedlela izikhalo zethu azikwazi ukufikelela kubo. Oololiwe abafiki ngexesha baze abantu balahlekelwe yimisebenzi. Yintoni unobangela? Ngamasela aba iintambo zombane!
Kutheni abantu bewakhusela la masela?
Kulahleka izigidi zeerandi ngenxa yawo, kodwa abanye abantu bacinga ukuba ngamaqhawe!
Abantu abaqondi ukuba aba bantu ngabagrogrisi abagxobha-gxobha inkululeko yethu?
Ezi zikrelemnqa kunye nabaxhasi bazo bafanelwe kukugwetywa ixesha elide xa bede babanjwa. Xa benikwa ibheyile abazukuyeka kuba befuna ukubuyelwa yimali yabo.
Amasela nabaxhasi bawo mabalumke kuba ngenye imini abahlali baya kudikwa bawuthathele kubo umthetho baphelise obu busela!
ngu-AS, eBloemfontein
Oonina nabantwana
Ibuhlungu into yokwahlukaniswa kwabantwana noonina kuba kungavumelekanga ngokwesintu ukuba ibhinqa lende nabantwana balo bangaphandle komtshato.
Ndicinga ukuba eli lixesha lokuba amabhinqa azithethelele.
Akulunganga ukuba wona alelwe ekubeni amadoda evumelekile ukuza nabo "abantwana bangaphandle" emtshatweni ngaphandle kwamagingxigingxi.
Kutheni le nto kulindeleke
ukuba amabhinqa ashiya abantwana babo ukuza kukhulisa abantwana bendoda?
Uza kubathanda njani abantwana bomnye umntu ukuba awuvunyelwa ukuthanda abakho?
Akukho bhinqa limele lishiye abantwana balo ngenxa yendoda! Ukuba uyakuthanda ngenene, uza kubathanda nabantwana bakho!
nguNM, eMaseru
Umbhali weleta egqwesileyo kule nyanga uza kuzuza iMotorola W230 enomculo nexabisa i-R700!
Yiba MotoSharp-Sharp ngentsha iMotorola W230 enomculo nenezinto ezininzi ezikunika umculo. Ungashicilela umculo ngqo kwiFM radio engaphakathi kuyo okanye uphulaphule iingoma ezikwi-1GB MP3 player egcin' iingoma eziyi-300.
Egqwesileyo
INTETHO YASELOKISHINI
Akukho mali yokuthenga iikhondom nokulobola
Inzala yemali ephezulu
Masizondle ngokwethu!
Ndithumela le foto ukunibulela ngenqaku lenu lezolimo. Mhlawumbi iya kutsho ikhuthaze nabanye abafundi ukuba basukume balwe nendlala ngokuziqalela ezabo iigadi zemifuno.
Igadi yam indinika ukutya okwaneleyo kosapho ndize ndithi okuseleyo ndikuthengise ukuze ndikwaze ukuthenga ezinye izinto ezifunekayo.
nguME Tshiki, Idutywa
KULE MIHLA ingxaki asingomaxabiso okutya axhomileyo okanye indleko zezithuthi kuphela. Ngoku izinto ezazisaya kuba zezemihla ngemihla ngoku zithathwa njengobuncwane. Abaninzi bethu basuke ekuhlawuleni ilobola ukuya ekungakhuphini nesenti, ekuthengeni iikhondom ukuya ekusebenziseni eziphisayo. Ezi zimeko abantu abajongene nazo ebomini babo.
Masiqale ngowona mceli-mngeni ethi indoda ijongana nawo xa ifuna ukutshata - ilobolo.
Kula maxesha anzima amadoda azama ukwenza iimfanelo zawo. Angazange acele imitshato ngokukhawuleza, njengakunyaka ophelileyo, ngokuqinisekileyo ayazisola. Ipetroli nenzala yemali-mboleko ayikokuphela kwezinto ezonyukayo - abazali babiza imali ethe kratya xa besendisa iintombi zabo.
Abo abakwazileyo ukuyihlawula yonke ilobolo ngoku bazibona bengenako ukuthwala iindleko zemitshato emibini - omhlophe nowesintu.
Ngoku abatshati abaninzi bakhetha ukwenza umtshato wesintu wona ungenazikeyiki zibude bukrweca izulu, abakhaphi abathandathu, iiholo zexabiso neelokhwe ezimhlophe eziyokozelayo.
Eli xesha linzima lichaphazela nemibandela yasegumbini lokulala. Abantu abadala abakhathalayo ababethenga iikhondom ezinamavumba amnandi nezinye ezikhethekileyo ngoku basebenzisa ezikarhulumente zasimahla, nkqu neLovers-Plus azifikeleleki.
Izitokfela nazo zisengxakini. Akusekho mali igcinekayo, ngoko amalungu ashiyekela ngemva kwiintlawulo zenyanga. Ngokuqinisekileyo oku kuza kushiya amalungu engonwabanga kuba kaloku athembele emibuthweni ukuba ibahlangule xa besengxakini, njengaxa umntu kufuneka engcwabe isihlobo ebesingasebenzi.
Sisathetha ngemingcwabo njalo, ingaba uyayiqaphela indlela elehle ngayo inani lokutyhilwa kwamatye? Le nkonzo ingena nzulu epokothweni ayisenziwa kwiintsapho ezininzi kodwa ibe inyanzelekile ibekho. Kaloku ifuna inkomo, ukutya okuninzi notywala, iimpahla zokunxiba, iintente, iibhasi eziza kuhlawulwa.
Njengama-Afrika asixabisanga nje amasiko nezinyanya zethu kuphela kodwa siyixabisile necawe kwaye siyamthanda uThixo. Abaninzi babesaya kunikela ngeemali ezinkulu ecaweni nezishumi, kodwa ngoku abasenako.
Kwaye ukuba ungumntu othanda ukupholisa ingqondo ngebhiya emva komsebenzi wemini, imele ikukhathaze le meko yezoqoqosho.
Umzekelo, endaweni yokukhe ujikele eMeisies Shebeen e-Orlando East eSoweto, unyanzeleka ukuba uye ngqo ekhaya. Kwaye unyanzeleka ukuba utye ekhaya nokuba awuthandi. Kaloku amadoda amaninzi akasenayo imali yokuzithengela ipapa nolusu kwaBra Ben's Place.
Ukuba ukwazile ukuphuma ekhaya unendawo yakho kwaye ubusoloko ungumntwana omhle othumelayo ekhaya kuza kuba nzima ngoku. Usapho lwakho luza kukuva ukhalaza usithi awusenayo imali onayo ayeneli ukuthenga ukutya kwabo nokwakho.
Nanjengoko uTito Mboweni etshilo, lixesha lokuba sibophe amabhanti. Kuza kuba nzima: abanye bethu baza kuncipha emizimbeni ngenxa yokungatyi inyama yonke imihla nangenxa yokukhathazwa kukungabi namali.
Foshizi Black Consumer Insight Agency
Eli nqaku lishunquliwe, lahlelwa. Xa ufuna elipheleleyo vula ku-www.foshizi.co.za.
