xhosa.1818.cover (KB)
Ubomi bam emva kokuqhawula UMTSHATO
IKHAVA YETHU
BONA XHOSA July 2008
SELE ingunyaka ngoku uKB ohlukene noTerry Pinana obeliqabane lakhe leminyaka emi-6, emibini yaloo minyaka betshatile. Kuye uPinana ubekwangumhlobo osenyongweni, umanejala, iprodyusa yomculo wakhe... notata wonyana wakhe, uPhala.
Xa ubomi bakho buxhomekeke emntwini, ukwahlukana naye kungakubetha kanobom. Kodwa ke xa sijonga inzwakazi ekhazimlayo bubuhle ayiyo uKB namhlanje, kuyamangalisa ukwazi ukuba usuka kule ntlungu kwaye uphume kuyo ephumelele njengendumasi yomdlali ophambili kamabona-kude, waqwela nangokufumana imbasa yeSAMA.
"Uye ucinge ukuba awunako ukwenza into, kodwa usuke uzibone ukwimeko ekunyanzelisa ukuba ume ngeenyawo. Kulapho ke abahlobo nosapho lubaluleke khona," utsho.
U-KB ukutsho oku enyanisile kuba uye wanyanzeleka ukuba ashiye umntwana wakhe oza kugqiba iminyaka emibini akhuliswe ngumakhulu.
"Bendifuna afumane uthando losapho lokwenene. Bobabini abazali bam basaphila, uhlala nabo eMmabatho.
"Ndifuna abazi ubomi basezilalini. Kukho igadi nendawo ephangaleleyo, inja, kunye namanye amakhwenkwe aya kunye nawo esikolweni. Ngamanye amaxesha ke bayalwa!" Igama lakhe nguPhala, lithetha isixhobo somculo esivuthelwayo ngesiTswana kwaye kubonakala ngathi naye uzakuba nesiphiwo somculo njengabazali bakhe.
"UPhala uyandiculela iingoma zam emnxebeni kodwa izolo ucule eyeJoyous Celebration. Ukrele-krele - ufunda ngokukhawuleza. Uyasiqhwabela isingqi somculo kwaye uyakwazi ukulinganisa isandi samahobe," utsho.
Ukwathe akanangxaki xa ethe ekukhuleni kwakhe uPhala wafuna ukuba yimvumi.
"Kodwa loo nto akuyonto ndingayikhuthaza nakubani na. Kaloku mna ndazikhethela ukuba yimvumi, andikhethelwanga lusapho lwasekhaya okanye abahlobo - abacelanga ukuba ziindumasi bona ngoko ke ndiza kubakhusela, ndingabadibanisi nomsebenzi wam. NoPhala ke akayonxalenye yokuzithengisa kwam," utsho.
U-KB uchitha iiyure zili-12 ngemini eJozi, iintsuku ezintlanu evekini edlala kwiRhythm City.
"Kuyanceda kubekho into ekuhambela kakuhle xa kukho engakuhambeli kakuhle - ifana neleli ekukhupha entlungwini. IRhythm City yaba yintsikelelo. Ndiyakuthanda ukuba yinxalenye yento entsha kwaye indinike umsebenzi weeyure ezili-12 ngemini.
"Ndiqale ndisoyika kuba ndingumdlali ophambili kwixesha elithandwayo u-6.30 ngokratya. Kodwa ngoku ndiyazithemba kuba ndinolwazi olwaneleyo. Ndiyayiqonda, indawo akuyo uLucilla nalapho aya khona.
"Kodwa mna ndiqhubeka nobomi andifani naye oman' ukubuy' umva - undenza ndizibuze ukuba 'Kazi ngekunjani"'"
Uqale ubomi obutsha ngokufudukela endaweni eyeyakhe, indlu yodidi eseMorningside eneendonga ezintle ezikhrim, ezihonjiswe ngo-orenji. KwiiDVD anazo kukho umculo okusukela kokaJay-Z, uLauryn Hill no-2-Pac ukuya kuRingo noMbongeni Ngema.
"Bendiyidinga indawo eyeyam kodwa ke ndikwakufutshane nombindi wommandla woshishino. Kukho abantu endifuna ukudibana nabo neminyango endifuna ukunkqonkqoza kuyo.
"Ngoku ndizibambele ngokwam ulawulo lwemali yam," utsho, emva kokuba yena, uTerry nogxa wabo uKing Beatmaker Mathemo beyivalile inkampani yomculo ebebeyiqhuba kunye. "Eli shishini likhula ngokucotha kodwa ndinezicwangciso ezikhulu!"
Angakuthanda ukuba noluhlu lweempahla nezihombo ezibizwa ngoKB nokubona iimvumi zeli ezingamabhinqa zisenza njengeemvumi ezingamadoda, zicula kunye amaculo, zizimisela ngokudanisa, zilungisa iinwele ziphucula nezinxibo esele zithandwa kakade ngabalandeli.
U-KB akanangxaki nokudibanisa umsebenzi nolonwabo.
"Abazali bam banendlu ekufutshane neSun City ngoko ndiphumla khona phambi komsitho weeSAMA ukuze ndivuke ndizilungele."
Uyakuthanda ukugoduka. Maxa wambi uhamba ngomnyobo weBMW yakhe emnyama okanye ahambe ngenqwelo-ntaka, kabini ngenyanga.
"Umama walizwa ngabantwana aba-6 ngoku uthi lixesha lakhe lokuphumla. Ngoko xa ndigodukile, ndiyakonwabela ukupheka ndicoce ndiphumze abazali bam.
"Ukuhlala kwam eRhawutini kundibonise ukubaluleka kwabazali ebomini bam, ndiyababulela badlal' indima enkulu ebomini bam. Bayandikhuthaza kakhulu.
"Bakwazile ukuzakhela imizi emibini bengadingi nto kum. Kodwa basoloko bethandazela ukuba uyaphumelela kangangokuba ukuqinisekisa ukuba uyaphumelela sisipho esihle nakuwuphi na umzali." [x]
Ukulahlekelwa kukaKB kumenze wakhula. Kubhale uPatricia McCracken
Kufote u-Ivan Naude; iinwele nolungiso-buso nguFaith Seuoe; isinxibo nguMarina Walsh; umlungiseleli nguPatricia McCracken; ilokhwe: YDE; iibhutsi: Woolworths; amacici: Ruby In The Dust
BONA XHOSA July 2008
Amagama kaKB ama-5 okumelana nokuqhawuka komtshato
1. Ukwamkela: "Ukufikelela kwakho kwesi sigqibo suke sekukudala usazi ukuba kufanele kube nje."
2. Vula umtyhi: "Mna noTerry sohlukene ngokupheleleyo. Sibonana xa kunyanzelekile kuphela."
3. Ubuntu: "Ndisafuna ukumhlonipha, ingakumbi kuba unguyise wonyana wam."
4. Zibambe: "Ndinezimvo zam nam ngonobangela wokwenzekileyo kodwa andizithethi kuba andifuni abantu bathathe icala."
5. Ikamva: "Zibulele izinto ezintle ebomini bakho nezinto onazo nozilindeleyo."
