xhosa.180.cover story
Imbalasane entsha yefashoni
KUYOTHUSA ukungen' ezihlangwini zendwalutho yefashoni, ngoko noBonang Matheba oyinzwakazi ezithembileyo nengumsasazi weLive uyavuma ukuba naye unalo idyudyu.
"Ndiziva ndiqala ukuba senkcopheni yehlabathi ngoku!" utshilo uBonang othand' ukuhleka. Ukuthanda kwakhe izinto ezintle kwenze ivenkile yeempahla yakwaLegit yakhupha impahla ebizwa ngaye.
"Iimpahla zethu ezibizwa ngoNoni Gasa zathandwa kakhulu ngabantu kwaye sineminyak' emibini sifuna omnye umntu esiza kubiza ngaye iimpahla zethu," umtsho umphathi wezentengiso kwaLegit, uGlenda Mthimkhulu. Ekugqibeleni bacele abathengi babo ukuba bavote kwiwebsite yakwaLegit - baza bavotela uBonang njengendwalutho elandelayo yefashoni.
"Andisokuze ndiyilibale imini endeva ngayo ezo ndaba zokugqwesa kwam kolo voto lwabathengi. Umsakwethu wayephambene luvuyo, umama yena engakwazi nokuzibamba iinyembezi zovuyo!
"Umama wathi 'ndiyakuvuyela ntomb'am, nokuba ndiyafa ndiya kushiya ndisazi ukuba unento yokuziphilisa'. Kum oku bekufana nokuzaliseka kwephupha.
"Mhla ndandiqala ukungena kwaLegit, ndabona isikipha sikaNoni ndathi akwaba bekuligama lam esibizwa ngalo eso sikipha. Ndikhumbula ukuba ndandiziva ndisentweni xa ndisinxibe nebhulukhwe kunyaka endandisenza imatriki," utsho.
UBonang ukhumbula imini yetheko lokuvaleliswa kwabafundi bematriki njengexesha elikhethekileyo njengoninzi lwamantombazana aseMzantsi Afrika. Kaloku ngale mini akhumbula izinto ezabantle nezabambi ngayo!
"Ndayibona ilokhwe endandiyithungelwe ngumthungi wam ngemini engaphambi kwetheko - ndlela le yayimbi yona. Yayithungwe kakubi nemibala yayo ndingayithandi. Kwanyanzeleka ukuba ndifune into endiza kuyinxiba ngaloo mvakwemini."
Ngethamsanqa wathanda ilokhwe ende ehonjisiweyo esifubeni yakwaHip Hop - wazithengela isihombo somqala namacici kwalapho ukuze aqiniseke ukuba isinxibo sakhe siphelele.
"Ndandifun' ilokhwe e-orenji kuba umama wayendiphathele izihlangu ezi-orenji eMelika. Kodwa ndazinxiba kuba zazizofihlwa yilokhwe!"
Iinwele zikaBonang zazibreyidiwe ngoko wazilungisa nje kancinane ukuze zibentle. Waba nendyweba yokuba nomlungisi-buso owayeza kulungis' ubuso bakhe.
Kodwa waphoxwa kukungafiki komnyobo wemoto owayeyiqeshelwe ukuba uza kuhamba ngayo. Ukungafiki kwayo kwamnyanzela ukuba ahanjiswe ngeToyota Tazz yakowabo.
"Laba mnandi kakhulu itheko lethu lobo busuku elaliseGallagher Estate eJohannesburg.
"Ndandihamba noTumi endadibana naye eRhema Bible Church. Wayeliyolisa lendalo kwaye kwakumnandi, bekhona bonke abahlobo bam. Ngelishwa salahlekana naye emva kweenyanga ezimbalwa emva kokuba efumene umsebenzi kweny' indawo."
UBonang waya kwenza izifundo zentengiso nezonxibelelwano - wazifumanela nomfana ancuma naye. "Sineminyak' emibini sithandana. Xa ndithetha ngaye ndibanoncumo lukaBlankethe," utshilo ngenene encumile, kodwa wale kwaya ngaye ukulithi pahaha igama lakhe.
"Kulul' ukungena kwisigcayiseli sokuzifumana uvana nabantu abangalunganga, kodwa ndineminyak' eli-10 ndikwishishini lolonwabo kwaye uyandikhuthaza kakhulu.
"Indlela akhuthele ngayo ikwenza kwawena uzibone ikuvuselela loo nto. Xa usenza into ekhona ufuna ukuphumelela kuba uphenjelelwa nje bubukho bakhe.
"Sifanelene kakhulu naye yaye andazi ukuba ndingayintoni ngaphandle kwakhe. Undenza ndihlale ndisezingqondweni."
Ngenene ke uyamfuna umntu onjalo njengokuba ephila ubomi babantu abathathu ngexesha elinye - uyafunda ngokuzeleyo, usasaza inkqubo ethi Live ukanti usebenza neqela elithunga impahla ebizwa ngaye yakwaLegit. Njengokuba ngoku ikhutshiwe le mpahla ngokusesikweni uza kuxakeka nangakumbi efotwa ukuze akhutshwe kwiibhodi ezinkulu nakwiintengiso zamaphepha-ndaba, kwiTV nakwimiboniso yefashoni.
"Kuthabath' iinyang' ezintandathu ukuya kwezisibhozo ukuyila impahla ize igqibele ithengiswa ezivenkileni. Ndibacebisa ukuba bayithunge ngendlela nam endinxiba ngayo. Bona ke bayayazi impahla ethengwayo ezivenkileni.
"Sizama ukuvelisa okuthandwa yintombazana enxiba kwaLegit. Sijolise kwiintwazana ezineminyaka ephakathi kwe-16 nama-22. Kaloku zona azinamali ininzi yokutheng' impahla enamagama kodwa ziyafuna ukubabahle. Zinjalonje zinqwenela ukuba ziindwalutho ezivela kwiTV," utshilo uBonang.
Ngokutsho kukaGlenda ezi mpahla ziza nemixholo eyahlukeneyo. Uninzi lwazo zisekelwe kwiimpahla zamatheko okuvalelisa abafundi bematriki.
"Kuza kuba mnandi ukubona ubuso bam kwiibhodi ezinkulu kodwa ndinayo intwana yoloyiko. Ndibanexhala lokuba 'Ndiya kuthini xa zingathandwa ngabantu? Ndiya kuthini xa zingathengwa?' Kodwa ke ndiyazithemba kwaye ndiyazithanda. Kunjalonje ndizinxiba naphi na apho ndiyakhona" utsho uBonang.
Akakholwa uBonang ukuba oku kumnike ithuba lokusebenzisa akufunde kwizifundo zentengiso.
"Ndiyawabona onke amanyathelo esifundiswa ngawo, kwaye oko kwenz' izinto zibelula. Kaloku bendisoloko ndizifunda iimagazini zefashoni ndibukela neF-TV ukuze ndingasali kwezefashoni!
"Ndiyanqwenela ukungena kwishishini lokuthunga. Ndingathanda nokwenza izihombo neziqholo eziphambili. Kodwa ndiyafuna nokuhlala kwezolonwabo. Kodwa ndiyafuna nokuhlala kwezolonwabo, ngoko ndinethemba lokufumana inkqubo endiza kuyisasaza kunomathotholo.
"Ndiziva ndingathi ndiyafikelela enkcopheni yehlabathi kuba amaphupha am ayaqala ukuzaliseka. Kaloku bendisebenza nzima kule minyaka mihlanu idlulileyo.
"Ndikhe ndaba ngumphathi-theko, ndashicilela iintengiso, ndaba ngumgwebi kukhuphiswano loonobuhle, ndenza neziny' izinto ezininzi, ngoku ndiqale ukuvuna iziqhamo zaloo misebenzi. Ndizibona ndisikelelekile." [x]
BONA XHOSA October 2008
Asingawo wonke amantombazana ajika iinkumbulo zawo zetheko lokuvaleliswa kwabafundi bematriki abeyimali - kodwa uBonang Matheba waba nethamsanqa elimangalisayo. Kubhale uPatricia McCracken, iinwele nolungiso-buso nguFaith Seuoe, zonke iimpahla zezibizwa ngoBonang eLegit
IBALI ELIKWIKHAVA
BONA XHOSA October 2008
UBonang ubonisa ngeempahla zakhe zombhiyozo webanga leshumi nezetheko lokujuxuza emva komsitho. NGENTLA NGASEKUNENE: UBonang kwilokhwe yakhe yombhiyozo webanga leshumi ekunye noTumi owayeliqabane lakhe lalomini.
OKUTHANDWA NGUBONANG
Umbala awuthandayo: "Uyatshintsha yonk' imihla! Ndiyawuthanda umbala ogolide, osilvere nomhlophe - ukanti ndicinga ukuba olime green ngowona uthandwa kakhulu ngoku."
Istayile asithandayo: "IRetro chic - ngeziny' imini! Ngeziny' iimini kungaba bubukhazi-khazi."
Umntu athanda istayile sakhe: "Akakho omnye ngaphandle kukaRhianna."
