xhosa.1385.health
Ezempilo
BONA XHOSA - December 2005
Yivange imibala yokutya!
Umsitho weInternational Union of Nutrition Sciences Conference obuseThekwini uququzelelwe yiFive-A-Day For Better Health Trust ucebise wakhuthaza abantu ukuba batye imifuno neziqhamo. Nanga amanqaku abafuna sihlale siwakhumbula:
n Yitya imifuno neziqhamo ubuncinane kahlanu ngemini yaye unganciphisa isichenge sokuphathwa sisifo sentliziyo nge-30 phesenti, ze isifo sokuf' icala nomhlaza zona zihle nge-20 phesenti.
n Yivange imibala kuba ngaloo ndlela uza kube ufumana izondlo ezahlukeneyo ezifumaneka kwimibala yokutya okutyayo - umbala wombona otyheli ukhusela ukubona kwamehlo, oluhlaza okwibroccoli ulwa nomhlaza, obhlu okwiiplam nasemaqunubeni womeleze amajoni omzimba.
n Iitapile neminy' imifuno enestatshi aziqukwa kwezi zidlo zeziqhamo nemifuno. Kufuneka isidlo sakho sibe yi-80 grams, umnqathe omkhulu, itumato enkulu, ibhanana ephakathi, ipesika elingeneyo, isipha seediliya ne-3/4 yekomityi yemifuno okanye imifuno eluhlaza yeesaladi - ngoko ke lonwabele ihlobo kulo nyaka!
INYANISO:
Zigcine uphilile ngamacebiso kaPATRICIA McCRACKEN
Yibize ngegama
NgeWorld Aids Day engomhla woku-1 kuDisemba nangaphaya kwayo - yibize ngegama, kudomboza uAdam Levin, wePWA nombhali weAidsafari, Memoirs Of My Journey With Aids (Zebra, R129,95):
"Ndikhumbul' indlela endandisoyika ngayo ukulibiza eli gama ndisoloko ndisebenzisa eleHIV lona livakala bhetele. Ndazinyanzela ukuze ndikwazi ukulibiza nokuba ndiphi na. Ndandisithi, Aids, Aids, Aids. Lwaphel' uloyiko ngokuya ndiqhela ukulibiza. Ukuliqhela kwakho eli gama kukwenza uyazi intsingiselo yalo, nto leyo yenza kube lula ukuphila nayo."
entendeni zezandla zazo.
ezingenazidalibala
Abantu kuphela
kwezilwanyana
Ukutya
okuthintela umhlaza
Xa usitya amandongomane, isaladi yeembotyi okanye xa usitya umngqusho oneembotyi ungawathoba amaxhala okutya ukutya okunempilo kweli hlobo. Iingcali zaseUS zifumanise ukuba amandongomane, iinqoba neembotyi zinesithako esithile esinqanda ukumila kwamathumba - zizinto ezimnandi ezi ezikulungeleyo! [x]
INYANISO:
Isondo liyakukhusela kwiprostate cancer
Sineminyaka eliqela silumkisa ngeprostrate cancer yaye phakathi kwabantu abanesi sifo kukho lowo owayesakuba nguMongameli weli, uNelson Mandela, uArchbishop Emeritus waseKapa, uDesmond Tutu nemvumi yaseMelika uHarry Belafonte. UGqr. Shingai Mutambirwa, oyingcali yezifo zangasese eMEDUNSA uthi uninzi lwethu asikuboni ukubaluleka nokuba lula kokuthintela esi sifo yaye nokuba singanwenwela emathanjeni siyanyangeka yaye asibulali.
Iindaba ezimnandi ke zezokuba amadoda asikhupha qho isidoda sawo ayasinda kwesi sifo, kutsho uGqr. Mutambirwa. Eziny' iindlela zokuthintela esi sifo kukutya itumato ephekiweyo, iipilisi ezinoVitamin E nezinc kuba xa zizonke zineekhemikhali ezibalulekileyo ezibizwa ngee-antioxidants ezisithintelayo esi sifo singaqali. Ukususela xa uneminyaka engama-40 kufuneka uxilongwe ilungu langasese qho ngonyaka, uqala ngokuhlolwa igazi - alusenziwa uvavanyo lwedigital rectal oloyikisayo.
emzimbeni womntu
Esona sihlunu
someleleyo
lulwimi.
BONA - August 2005
