xhosa.1333.motivation
Umsebenzi
wamaphupha akho
Ukuba u-2008 awubanga ngunyaka omhle kuwe, funda ukuzondelela ulungiselele amaphupha akho kwezi holide ukuze ukwazi ukuphumeza injongo zakho kunyaka ozayo
KUNDITHATHE iminyaka emine ukufikelela kumsebenzi wamaphupha am - emva kokungathathwa kwisicelo sam sokuqala somsebenzi. Ndenza yonke into efanelekileyo. Kodwa wakho owenza kakuhle ngaphezulu kwam. Noxa kwabanjalo andizange ndiyeke ukubambelela ephupheni lam.
"Wawusoloko unditsalela umnxeba," utsho uDumisani Ntshentshe ongumhleli wesiXhosa weBONA ongumphathi wam ngoku. "Ndandifumana umnxeba wakho rhoqo emva kweenyanga ezi-6 ubuza izithuba ezikhoyo - kodwa wawungandixheshi!"
"Emva kokuhamba komguquli wethu, uNtombikhona Kwebulana esiya kuba ngumhleli wakwaHansard kwiPalamente yePhondo laseMntla Koloni, uDumi wandicela ukuba ndifake uNeliswa kuluhlu lwabantu abafake izicelo zomsebenzi. Kodwa ukuwufumana umsebenzi kwakuxhomekeke kuye - uDumi wathi makava-vanywe kwakhona, njengomntu wonke. Kwamonwabisa ukuphucuka komsebenzi wakhe ngokuqinisekileyo uNeli wayengayekanga ukusebenza nzima ephuhlisa isakhono sakhe," utshilo usekela-mhleli weBONA, uPatricia McCracken.
Kwakukho amaxesha apho kwakunzima. Ndachitha phantse iminyaka emithathu ndilivolontiya ndifund' iindaba kwisikhululo sasekuhlaleni. Ndandivuka ngenj' ixukuxa ndiye kulungiselela iindaba zokuqala zosuku kungekho ntlawulo ekupheleni kwenyanga.
Kodwa ekugqibeleni kwakufuneka ndizame indlela yokuziphilisa ngoko ndathatha umsebenzi wokuba ngumabhalane kwinkundla yamatyala ephakamileyo eMthatha. Sasihlawulwa ngemini!
Ndaze ndafumana umnxeba ovela kuDumisani, ongumphathi wam ngoku - oku kwandenza ndafunda ukuba xa usenza into ngokuzimisela unamaphupha, uyakhuthala. Iphupha lakho lilo elikwenza uzimisele ukulifezekisa.
Indlela esingise empumelelweni ayilulanga, kodwa ukuba uyanyamezela uphikelele ngokuqinisekileyo ngenye imini uyakufikelela emaphupheni akho.
Ukuze oku kwenzeke, kufuneka ucinge ngokuhle kuphela. Ndiyazi ukuba ukuthetha akufani nokwenza, ingakumbi xa ungazithembanga.
Kodwa oku kuzithandabuza kusibuyisela umva kulibazise ukufezekiswa kwamaphupha ethu. Yamkela ukuba kuza kubakho amaginxi-gingxi - kwaye yazi ukuba umelwe kukuzithemba kanye ngeli xesha lobunzima.
Ukuze ubengumntu ngokupheleleyo umelwe kukuzithemba, utsho u-T.D. Jakes, ongumbhali wencwadi ethi Mama Made A Difference. Inyathelo lokuqala kukwazi ukuba ungenza okungaphezulu kunokuba ucinga, utsho uJulie Silverthorn noJohn Overdurf, kwincwadi yabo ethi Dreaming Realities.
Impazamo esihlala siyenza kukuzithelekisa nabanye abantu, silibale ukuba sidalwe sangafani kwaye sineetalente ezahlukeneyo. Ndaba noxolo ngaphakathi kum mhla ndaqala ukuba nombulelo ngomgama esele ndiwuhambile - ndafumanisa ukuba ukuba ulibala kukujonga abanye abantu ugqibela ngokuleqa awabo amaphupha.
Ubomi buba lula xa uzithemba. Kanti ukuba ubambelela ephupheni lakho iingxaki odibana nazo zikonyusela ngentla.
Ndithembe kuba umazi wendlela ngoseleke wayihamba!
Umbhali: Neliswa Mzimba
Umhleli wesiXhosa uDumisani Ntshentshe wamkela uNeliswa Mzimba kwiBONA.
INKUTHAZO
ILIZWE ELITSHA
INTETHO ka-Andiswa Mlisa ethe ngqo yamsindisa ekubeni yingxwelerha yogwayimbo yamenza walawula inkampani eyaziwayo ehlabathini jikelele ejongene nezenzululwazi zemhlabathi Umvoto, isebenzisana neenkampani eziphezulu ezifana neSebe lezaManzi kweli, umbutho weZizwe eziManyeneyo kunye neBhanki yeHlabathi.
"Kanye phambi kokuba ndibhale imviwo zam zokuphela konyaka wesibini kwiYunivesithi yaseFort Hare, kwabonakala ngathi ititshala yesifundo sam endisithandayo ayizukubakho kunyaka olandelayo!
"Ndandingenaxesha lakutoyi- toya ngenxa yezifundo, ndaze ndaya ngqo kwintloko yesebe lezifundo zam.
"Ndamchazela ukuba xa ingekho le titshala kuza kunyanzeleka ndibuye kunyaka olandelayo. Iyunivesithi iza kuzihlawula ngokwayo izifundo zam nemirholo yonyaka wonke endiphosileyo."
Umphathi wakumamela oku waza u-Andiswa wazigqiba izifundo zakhe zeBSc ngo-1999. Isifundo awayesithanda yiGeographic Information Systems, enceda ngolwazi lokusebenzisa izinto zendalo yehlabathi ngobulumko - isincede sikwazi ukulungiselela intlekele.
Ngezincomo awazifumana kwititshala yakhe entsha yeGIS u-Andiswa waqeshwa nguMvoto, inkampani yaseKapa. Emva kweminyaka esibhozo, sele enze neehonours zakhe ngo-2002, u-Andiswa ngoku ngumlawuli wecandelo leGIS e-Umvoto.
"Kuyandonwabisa ukusebenza ngobugcisa obukhula ngokukhawuleza nokufumana izisombululo ezisebenza kwangelo xesha," utsho u-Andiswa.
Umvoto uphanda ngendalo evelisa amanzi okanye ubungozi obungadala intlekele. Kodwa uchith' ixesha lakhe elininzi ekhangela iindawo ezinamatye anqabileyo zase-Angola naseBrazil ejonge kwimifanekiso yesatellite.
U-Andiswa waqala ukusebenza ene-PhD - njengonina ogqibezela eyakhe ngoku ongumlawuli wecandelo eliCebisa abaFundi eFort Hare."Ndikhuthazwa ngumama, uLily. "Waqala eyititshala, watshintsha wangumongikazi onezifundo zepsychology, unaso nesidanga sezifundo zetheology - zonke ezi zinto uzenze ekhulisa thina abantwana bakhe abane."
Nanga amacebo ka-Andiswa:
Fumana umcebisi
"Umseki wenkampani Umvoto, uRowena Hay undenze ibhinqa elingusomashishini kanti ndaqala ngomsebenzi ophantsi. "Ngoku ungumcebisi wam," utsho.
Zingce
"URowena undifundise yonke into. Kodwa okona kubalulekileyo kukwakha inkampani abazingcayo ngayo abasebenzi bayo, ekwenza ungazisoli ngokushiya ikhaya."
Yandisa ulwazi lwakho
U-Andiswa ungusihlalo we-SA Group on Earth Observation Capacity-building Committee kwaye esebenzisana neSebe lezeNzululwazi nezoBugcisa nguye omela eli kwiGlobal Group on Earth Observation Committee.
Fumana kodwa nawe unike U-Andiswa naye ungumcebisi wabafundi baseFort Hare nasePeninsula xa beze kufunda ngamava omsebenza kwiiveki ezine e-Umvoto. Baqala berhola i-R6 000 ngenyanga.
- Patricia McCracken
Mthunzi fo sho!
Uzalelwe wafunda eThekwini uMthunzi Gumede (24) kwaye ufumene umsebenzi wamaphupha akhe njengeprodyusa ye-Kids News edlala ku-SABC 1, eRhawutini - "Umsebenzi wam uyamangalisa kwaye ndiyawonwabela," utsho.
Uqala ngokukhangela izihloko ezinika umdla nezinemfundiso ukulungiselela le nkqubo yendaba. Aze aqalise ukuphanda.
Xa kuza kufotwa, kufuneka ibali linike umdla kangangoko ebantwaneni abangabona babukeli bale nkqubo. Nguye owenza udliwano-ndlebe nabantwana kunye nabantu abadala kwaye nguye oyalela umfoti nomhleli wevidiyo amabakwenze.
Nantsi indlela enza ngayo:
Uqeqesho
UMthunzi wenza izifundo zobuntatheli wafumana inational diploma yeminyaka emine eDurban University Of Technology waze waziqhuba izifundo zakhe wenza iBTech kwizifundo zobuntatheli. Waqala kwinqanaba labahlawulwa i-R8 000 ne-R10 000 ngenyanga.
Ubunkokheli nokwakha ubuhlobo
"Yakha ubuhlobo nabantu abangaluncedo," utsho uMthunzi. Ngexa engumfundi, wayengusihlalo weKhasho Journalism Society, eyi-PRO ekwangunobhala waseThekwini wabafundi kwiDUT Students' Representative Council, noweSASCO, ilungu leBlack Management Forum nomququzeleli we-ANC Youth League.
Zimisele
"Ungayeki ukuthandaza nokufaka izicelo zomsebenzi. Zithembe - ikamva lelakho."- Patricia McCracken [x]
Ukuba ujonga abanye abantu, ugqi- bela ngoku-leqa ama-phupha abo
UMthunzi Gumede.
Umlawuli we-Umvoto GIS u-Andiswa Mlisa ucacisela abafundi umsebenzi wabo wemini obandakanya imifanekiso yesathelayithi nolwazi eza nalo malunga nokusebenzisa indalo kakuhle.
