xhosa.1329.parenting
UMKHUHLANE wenziwa yintsholongwane engena emzimbeni ichaphazel' umbhobho wokuphefumla. Uyosulela yiyo loo nto ufumanisa ukuba uphatha abantu abaninzi ngaxeshanye.
Umkhuhlane udla ngokuthatha iveki kuphela kwaye iimpawu zawo zifana nezeflu nezokukrala kwemiphunga (pneumonia).
Xa umntu onomkhuhlane ekhohlela okanye ethimla kuphuma amaqabazana asasazeka emoyeni aze athelele nabanye.
Abantwana bayaphathwa kakhulu ngumkhuhlane njengoko bona befunyanwa lula kukugula xa bedlala nabany' abantwana.
Uwubona njani umkhuhlane
Umkhuhlane uneempawu ezininzi eziquka umqala obuhlungu, ukuvaleka kwempumlo nomkhunyu ovuzayo, ukukhohlela nokuthimla. Kulula ukuzibon' iimpawu zomkhuhlane ebantwaneni kwaye ziyaziveza ngokunokwazo.
Yintoni umahluko phakathi kokungenwa yingqele nomkhuhlane"
Uninzi lwabantu lucing' ukuba yinto enye umkhuhlane nokungenwa yingqele. Zombini ezi zinto zineempawu ezifanayo kwaye ziyosulela. Ukungenwa yingqele kubhetele kunokuphathwa ngumkhuhlane. Umkhuhlane wenza ube nobushushu obuphezulu, umzimba oqaqambayo, intloko ebuhlungu nokudinwa.
Ukunyanga umkhuhlane
Umkhuhlane nje oqhelekileyo ukuphatha iveki kuphela kwaye ungawunyanga ngamayeza owathenga ekhemisti ingakumbi umqala obuhlungu nokuxinana kwempumlo. (Buza ekhemisti.)
Xa kungapheli ukukhohlela de kuphele iiveki ezimbini mse kugqirha umntwana wakho kuba kungenzeka ukuba unosuleleko.
Mnxibise iimpahla ezishushu umkhuthaze ukuba atye ukutya okunempilo asele izinto ezishushu ukuze omeleze amajoni omzimba.
Iingxaki
Umkhuhlane awenzi zingxaki zitheni kodwa uwenza buthathaka amajoni omzimba.
Ukukrala kwamehlo nendlebe ngaphakathi, ukuxinana, ukudumba kweendimla nokukrala kwemiphunga kwenziwa yenye intsholongwane engena kuba umntwana ebuthathaka.
Mgcine ekhuselekile
Amajoni omzimba abantwana awomelelanga kuyaphi ngoko kufuneka umkhusele. Qinisekis' ukuba ibhotile yakhe needami zicocekile kwaye zikhutshwe intsholongwane ngaphambi kokuzinik' umntwana wakho.
Xa kukho umntwana ogulayo makangasondeli elusaneni lwakho.
BONA XHOSA - June 2006
Ubusika nempilo
Ubuzali
isikhokelo esiza kukunceda
Okoomama nootata....
Ingqele isoloko isiza nemikhuhlane
nokugula okungacacanga...
GREAT STOCK!
5
1 Mbonis' uthando. Kubalulekile ukumkhulisa ngothando umntwana wakho. Izinto ezifana nokuthi "Ndiyakuthanda" zenza omkhulu umahluko. Umntwana uyazithemba xa esazi ukuba uyathandwa.
2 Mkhuthaze. Khuthaz' iziphiwo anazo nokuziphatha kwakhe kakuhle. Bonis' umdla kwizinto azithandayo. Mkhuthaze ukuba avakalis' iimvakalelo zakhe ukuze azive ebalulekile naye kwaye umncede amelane nazo. Ungakugxeki ukungaphumeleli kwaye mkhuthaze azame kwakhona. Ungatsho amazwi amabi afana nokuthi "Usisidenge!"
3 Mnik' inkululeko. Myeke amelane neengxaki zakhe, kungaba kukuqhosha amaqhosha okanye ingxabano nomhlobo wakhe kwaye loo nto iza kumfundisa ukuzimela. Uza kuzithemba aze afunde ukusithemba isigqibo sakhe.
4 Mqeqeshe ngokukuko. Mnik' izizathu ezivakalayo zokohlwaywa kwakhe. Kungenjalo uza koyika ukuzama ukwenz' izinto kuba engazi ukuba uza kuthini na.
5 Mnike uxanduva. Mnike umsebenzi aza kuwenza, njengomsebenzi wasendlwini, uza kumenza azithembe xa ewenze ngempumelelo. Mncome xa enze umsebenzi wasendlwini okanye iprojekthi ngempumelelo.
ABANTWANA bawulibala lula umsebenzi wesikolo okanye bathandabuze ukuwenza de balale. Nanga amacebiso okumnceda awenze umsebenzi wakhe wesikolo...
u Xa wena kuqala ungenamdla emsebenzini wesikolo womntwana wakho naye akabinawo. Abazali badlal' indima enkulu kwimfundo yabantwana babo kwaye xa umncedisa emsebenzini wakhe wesikolo uyabona ukuba unomdla.
u Khethani indawo ezolileyo nihlale kuyo nenze umsebenzi wesikolo. Xa kukho nabany' abantwana babize wonk' umntu enz' umsebenzi wesikolo ukuze kungabi ngathi kulo omncinane uyaqhathwa wenz' umsebenzi wesikolo lo gama abanye bebukele iTV.
u Wujong' umsebenzi womntwana wakho ugcine iintsuku zokuziswa kwee-assignments. Umntwana wakho angazitshona ii-assignment xa ezenza ngomzuzu wokugqibela.
u Ungamenzeli. Mkhokele. Mbonise apho angalufumana khon' ulwazi umkhuthaze ukuba azifundele azilungiselele yena. Xa usenza njalo umfundisa ukufunda okuza kumnceda ukuba akwazi ukuzimela xa esenz' umsebenzi wakhe wesikolo.
u Yiba nonxibelelwano neetitshala zomntwana wakho ingakumbi xa ehamba nzima. Kaloku bona baza kukuncedisa ngokukunik' iingcebiso eziza kukunceda.
Iindlela zokwenz' umntwana wakho azithembe
Nced' umntwana wakho enze umsebenzi wesikolo
kubhale uNONHLANHLA KHUMALO
GREAT STOCK!
BONA XHOSA - June 2006
u
GREAT STOCK!
IiJollyTots
USHOPRITE unezinto eziyimfuneko zokutyis' iintsana ezifikelelekayo kodwa ezisemgangathweni.
Uluhlu lweJolly Tots luquka iibhotile, iikomityi zokufundis' usana ukuziselela, isilicone and latex pacifiers neengono, iisethi zokutyela ezinamacephe nezinto zokugalela izimuncu-muncu.
Ziqala kwi-R8,99 ukusa kwi- R25,99 kwaye iimveliso zeJolly Tots zifumaneka kubo bonke ooShoprite Checkers elizweni lonke.
t
GREAT STOCK!
Ukumelana nokulunywa
XA sele lusiza usana uva ngeentlungu nangokulunywa. Ukulunywa kuyindalo kodwa zikho iindlela zendalo nezonyango zokukunceda umelane neentlungu zokulunywa.
Iindlela zendalo zokuphelis' iintlungu
Ababelekisi baneendlela zendalo zokuphelis' iintlungu abazikhuthazayo ingakumbi xa ufuna ukubeleka ungakhange usele mayeza. Eziny' izibhedlele neekliniki azinazo iipilisi zeentlungu ezifana ne-epidural. Ngoko ke khauzame enye yezi ndlela zendalo zokuphelis' iintlungu...
uUkuphulula: Iqabane lakho malikuphulule isinqa ukuze zibe bhetele iintlungu kuba inkoliso yoomama abalunywayo baphathwa sisinqa.
uUkuphefumla: Uza kuba bhetele xa uqwalasel' indlela ophefumla ngayo. Xa uyohlukuhla ufund' iindlela zokuphefumla omawuzisebenzise xa ubeleka. Phefumla kancinci, uphefumle nzulu ngempumlo uze uwukhuphe ngomlomo. Phefumla njengesiqhelo xa ulunywa.
Iindlela zonyango zokuphelis' iintlungu
Zintathu ezona zisetyenziswayo. Ukuzifumana kwakho kuxhomekeka kwindawo obelekela kuyo...
uINitrous oxide (igesi): Ifumaneka ezibhedlele kwaye ngumbelekisi oqeqeshiweyo oyikhuphayo. Uphefumlela ngaphakathi igesi usebenzisa isigqubuthelo sobuso. Initrous oxide izitheza amandla iintlungu kodwa ayiziphelisi tu kwaphela.
u IPethidine: Esi sisitofu esiphelis' iintlungu esihlala iiyure ezimbini ukusa kwezine. Usifumana kuphela esibhedlele ngoko ke xa uza kubelekela ekhaya awunakusifumana.
uI-Epidural: Esi sisibulali-zintlungu esisetyenziswa kumabhinqa azibelekelayo nalawo abeleka ngotyando. Utofwa ngaso emnqonqweni kwaye sikwenza ube ndindisholo ukuqala esinqeni ukuhla. Iepidural iyanceda kodwa ifumaneka kuphela xa uyicele kuselithuba kwisibhedlele sabucala.
Inkxaso yeqabane lakho
Inkxaso yeqabane lakho xa ubeleka iyakunceda ukuthoba inkxalabo onayo ngokubeleka. Hamba nalo xa uyohlukuhla. Kaloku loo nto iza kulinceda ilifundise emalikwenze ngomhla omkhulu.
BONA XHOSA - June 2006
Okoomama nootata....
yinto eqhelekileyo ukuba bonke
Ukubeleka kwabantu akufani kodwa
kokuba babeleke
oomama bayalunywa ngaphambi
Funda ngokukhulis' umntwana...
Asoze wazi yonk' into ngokukhulis' abantwana. Nazi iincwadi ongazifunda...
uFirst-Time Parents (Dr Miriam Stoppard, Penguin SA, R160)
Xa ucing' ukuqal' usapho lwakho okanye xa sele ukhulelwe iza kukunceda kakhulu le ncwadi. Ikunika lonk' ulwazi olufunayo ngaphambi kokuba ukhulelwe. Ikwakunika lonk' ulwazi ngokukhulelwa nokubeleka, ukukhula kosana neenguqu eziza nosana ebomini bakho.
u All About Children (Tony Humpreys, Pan Macmillan, R160)
Umbhali wale ncwadi uyingcali yezengqondo kwaye kule ncwadi ucebisa abazali emabakwenze ukuze bakwazi ukujongana nemiceli-mngeni yobuzali ngempumelelo. Unika abazali amacebiso okuthetha nabantwana babo nokumelana nokuziphatha kwabo okuguqu-guqukayo. Le ncwadi inemibuzo neempendulo.
u He's Having A Baby (Jack O' Sullivan, Penguin SA, R170) Le yincwadi yootata. Umbhali wayo unika ootata amacebiso aphathekayo nolwazi ngokukhulelwa, iintsana, abantwana abafikisayo, imiba yesikolo neyemali. Ubanika amacebiso okudlalisa iintsana, ukumelana nomsindo wosana okanye umntwana ofikisayo kwanokuba ngumzekelo omhle ebantwaneni babo.
Book pix: ROELENE PRINSLOO
Ukufunda ukuthetha
kwabantwana
UBUSAZI na ukuba kubalulekile ukuthetha nabantwana bakho" Kuphando lwakutshanje iingcali zophando zaseUK zifumanise ukuba abantwana abaneminyaka emithathu abakwazi kakuhle ukuthetha. Ezi ngcali zikholelwa ekubeni abantwana abaninzi baqal' ukufunda ekhreshi bengekakwazi ukuncokola nabazali babo.
Zithi abazali abaziniki ixesha elaneleyo lokuthetha nabantwana ngenxa yokuba bedlala ngezinto zokudlala, bebukela iTV, bedlala imidlalo bengaphazanyiswa ngabazali. Abantwana kufuneka bathethe nabazali babo ingakumbi xa bengekho abantakwabo abanokuthetha nabo ukuze bakwazi ukuthetha kakuhle.
Thetha nomntwana wakho nokuba akakakwazi ukubiz'amagama ukuze akwazi ukuthetha kakuhle.
BONA XHOSA - June 2006
Omawukwazi ngokungo-ndleki
KUBANTWANA abaswelekayo isiqingatha sabo babulawa kukungondleki okwenza umzimba ungakwazi ukumelana neengulo.
Ukungondleki kwenz' umntwana angakhuli (abe mfutshane kuneentanga zakhe), abe mncinci, angabi naye uvithamin A, i-ayoni, i-iodine, izinc nefolic acid.
Ukungondleki kwenziwa yintlupheko, ukungabikho kococeko nezempilo.
Xa umntwana engondlekanga kwiminyaka yakhe emibini yokuqala ingqondo nomzimba wakhe zikhula kancinci. Akabi bhetele nokuba sele ekhulile - uchaphazeleka ubomi bakhe bonke.
Umntwana ongondlekanga uthatha kade esikolweni, akakwazi ukusebenza, ingqondo yakhe ithatha kade, akonwabi kwaye uba sesichengeni sokungenwa zizifo.[x]
Iimpiko zengelosi ukhuko lokhuseleko
OLU khuko lokhuseleko losana lunceda ukugcin' usana lulele ngomqolo lo gama ulutshintsha. Luyalukhusela lungawi ebhedini.
(Lufumaneka kwiivenkile zeentsana eziphambili nasekhemisti nge-R160.)
BONA XHOSA - June 2006
