XHOSA.1797.beauty
Sibaluleke kangakanani isikhuseli elangeni" Sisetyenziswa nini" Sisetyenziselwa ntoni" Nasi isikhokelo esiza kukunceda...
Ukuzikhusela elangeni
kubhale uCHRISTINE HAMMANN
KUYASIBHIDISA ukusebenzisa isikhuseli elangeni ingakumbi ebantwini abanolusu olumnyama. Umonzakalo owenziwa lilanga eluswini lwakho ubangela ukwaluphala msinyane kwaye ukuphela komoya ocwengileyo kwenza umhlaza wolusu uxhaphake kungoko kubalulekile ukuba ulukhathalele ulusu lwakho.
Ukutshisa kwemitha yelanga
I-SPF (iSun Protection Factor) yesikhuseli elangeni ikhusela ulusu lwakho kwimitha yelanga iUVA neUVB.
Imitha yelanga iUVA iyakwazi ukugqobhoza ngaphaya kwamafu nangaphaya kweglasi. Itshisa ngohlobo olunye imini yonke kwaye nasebusika ayitshintshi.
Imitha iUVB ihambisana nokutshisa kwelanga, itshisa kakhulu ekupheleni kwentwasa-hlobo, ehlotyeni naxa kuthwasa ukwindla kwaye itshisa nangakumbi ngentlazane nangenjikalanga.
Isisombululo
Sebenzisa isikhuseli elangeni esineSPF 15 ekhusela ulusu kuzo zombini ezi ndidi zemitha yelanga. Wenza impazamo enkulu xa ucinga ukuba iSPF ayiyomfuneko kulusu lwakho olumnyama! Nangona ulusu olumnyama lukhuselwe yimelanin elangeni loo nto ayithethi kuthi imitha iUVA ayilutshisi.
Ulusu olumnyama nalo lubanawo umhlaza kwaye ubonakala sele ulonakalise kakhulu ulusu.
Ungacingi ukuba iinkampani zeentengiso zifuna uthenge iimveliso zazo xa ucetyiswa ukuba uthenge izikhuseli elangeni kodwa yazi ukuba imitha yelanga iyalonzakalisa ulusu lonk' ixesha ngoko kufuneka ulukhusele.
Okubalulekileyo
Ungasisebenzisi isikhuseli esineSPF engaphantsi kwe-15. Isikhuseli esineSPF 15 sikhusel' ulusu lwakho kwimitha yelanga iUVB nge-93%. Ungasisebenzisi esingaphaya kweSPF 30 (esikhusela nge-96%). Ubuninzi beSPF buthetha ukuba kongezwe iikhemikhali kodwa akukho mahluko utheni ziwenzayo koko nje kunyuka ixabiso.
Eminye imitha yelanga iyagqobhoza ngaphaya kweempahla ezithile ngoko kufuneka uthambise isikhuseli elangeni ngaphambi kokunxiba iimpahla zokuqubha.
Kubalulekile ukuba uzikhusele elangeni iinwele ezimnyama kuba nazo ziyonakaliswa lilanga zize zome kakhulu.
Ubuso bakho bukhusele elangeni njengomzimba wakho wonke. Ubudala bebhinqa bubonakala emqaleni, esifubeni nasezandleni kuba ezo ziindawo ezonzakalisa kukutshiswa lilanga!
Nokuba uyaphi na ungayishiyi iSPF yakho kwaye yisebenzise qho! [x]
