xhosa.1796.yourlifeguide_hiv
Bhota Criselda
Ingaba unombuzo ngeHIV okanye nge-AIDS? Ubhidekile? Ulilolo? Uyoyika? Ungaxhalabi, indumasi kanomathotholo neTV, uCriselda Kananda uza kuphendula imibuzo yakho
Andikwazi kuqhubeka
Criselda Othandekayo: Andikholelwa ukuba ekugqibeleni ndiyakubhalela. Ndineminyaka engama-32, andisebenzi kwaye ndinabantwana ababini abahle abangamantombazana. Kwiminyaka emithathu edlulileyo ndafunyaniswa ndineHIV. Ndaza ndaqalisa ngoko ukusela utywala.
Ngamany' amaxesha ndikhe ndijonge abantwana bam ndinqwenele ukufa, kuba ndicinga ukuba bayakuphila ubomi obungcono ngaphandle kwam. Maxa wambi ndikhe ndibajonge ndibone ukuba basisipho esinexabiso esivela kuThixo!
Ndidiniwe bobu bom, kodwa andiyazi into emandiyenze ukuzikhupha kule nyula!
Ndakhe ndangumongikazi kwaye ndandicinga ukuba ndazi banzi ngeHIV, kodwa zange ndiqonde ukuba kunzima kangaka xa ihlasele wena.
ngu-MN, eSoweto
UCriselda uyaphendula:
Wenze kakuhle sithandwa sam - ukuzifumanisa ukuba unengxaki linyathelo lokuqala eliya empilweni.
Ndiyabulela nakuwe ngokukhathalela abantwana bakho abaxabisekileyo ngokwaneleyo ngokuthi ufune ukuphila.
Ungakwazi ukuyilawula intsholongwane ukuba ufuna ukuphila. Yenye yezo ngxaki zifuna uthathele ingqalelo ubomi bakho.
Inyathelo lakho lesibini endleleni eya empilweni kukuzixelela ukuba umhle kwaye usisidalwa esikrelekrele sikaThixo okuthanda ngendlela emangalisayo. Uthando Lwakhe luthetha ukuba akukho sizathu sokuba uzibone ungento.
Ukwazi oko kuza kukomeleza.
Ngoku masithethe ngengxaki yakho yokusela utywala. Kufuneka uqhagamshelane nabe-Alcoholics Anonymous uze uzimanye nelinye iqela lenkxaso - kufanele ukuba likhona elikhoyo kufutshane nawe.
Ukuba linxila kuza kwenzakalisa isibindi sakho, kwaye siso esikhupha amajoni omzimba asetyenziswa ngumzimba ukuzikhusela kwizifo ezibangelwa ziintsholongwane.
Kumba wosapho lwakho, bhalisa abantwana bakho ukuze bafumane isibonelelo, ulungise iCV yakho kuba unako okufundeleyo ongakusebenzisa!
Ndingaqala ngaphi?
Criselda Othandekayo: Andazi ukuba mandiqalephi kumba wonyango. Bendicinga ngokuzifumanela iNongwe njengokuba ndive ukuba inceda ukukugcina usegazini xa unentsholongwane kagawulayo. Yiyiphi enye into endinokuyenza?
ngu-ZB, eKapa
UCriselda uyaphendula:
Tyelela iklinikhi ekufutshane ukuze ufumane iingcebiso zasimahla kunye nolunye uvavanyo lwegazi. Oku kuya kukunceda uzazi izinto omele uzenze ukulawula intsholongwane kagawulayo.
Ungazifumana ezinye iinkcukacha kwiSebe lezeMpilo namahlakani alo, abachitha izigidi ekuveliseni iincwadana zokufunda ngeelwimi ezahlukeneyo ukuze sibe nokufunda banzi ngale ntsholongwane. Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, ungafowunela kule nombolo
0800-012-322.
Ungalibali ukuba ulwazi ngamandla!
Ukufumana uncedo
Criselda Othandekayo: Iqabane lam lafunyaniswa kuDisemba odlulileyo ukuba lineHIV. Alizange lifumane zingcebiso kodwa ke emva kokulitshintsha ingqondo, lavuma ukuya kwiklinikhi ekufutshane.
Indlela esaphatheka ngayo apho yabambi kakhulu. Bathi baxakekile abanalo ixesha labantu abafuna iingcebiso zabucala!
Latyhafa yiloo nto laza lacinga ukuba le nto lingamelana nayo lilodwa, kodwa ndiyalibona lidandathekile emphefumlweni.
Ndinengxaki na ngomnxeba woncedo we-AIDS. Babeka abantu abangenamava emnxebeni. Umzekelo, umntu osemnxebeni woncedo wandixelela ukuba akukho xesha lokuba iHIV ingabonakali egazini, ndothuka. Ingaba yinyani leyo?
ngu-LJ, eDurban
UCriselda uyaphendula:
Ulisa njani iqabane lakho liyokufumana iingcebiso xa likholelwa ukuba lingamelana nezinto lilodwa?
Amava am andifundise ukuba akukho ndlela ilungileyo nengalunganga yokwamkela ubume bakho bokuba neHIV.
Yinyaniso ukuba le ntsholongwane ingakubhidekisa kwaye kubenzima nokuyamkela.
Fumana iincwadi namaphepha aqulethe ulwazi nizifunde nobabini nixoxe ngazo.
Ngengxaki yomnxeba woncedo nge-AIDS: Baninzi abantu abenza umsebenzi omhle kulo mnxeba. Ungagxeki wonke umntu ngezenzo zabantu abambalwa. Abangawenziyo kakuhle umsebenzi baxele kubaphathi.
Ngokwesikhokelo seSebe lezeMpilo, likhona ixesha lokuba kungaqinisekwa ngobukho/ ngokungabikho kwentsholongwane egazini. Oku kuthetha ukuba xa intsholongwane kagawulayo ingena emzimbeni wakho, umzimba ungathabatha ixesha elingaya kutsho kwiinyanga ezintandathu ngaphambi kokuba libonwe. [x]
IMIBUZO NEEMPENDULO NGE-HIV
Ingaba unombuzo?
Bhalela ku:
Criselda at HIV Q&A, Box 473014, Parklands,
2121.
Liya kufihlwa igama lakho.
UKUPHILA NE-HIV/AIDS
Ukususela kule nyanga uCriselda Kananda uza kusinceda sazi ngokuthe vetshe ngeHIV neAIDS asinike namacebo okuphila nayo!
UKUPHILA nentsholongwane kagawulayo (iHIV) kundifundise ukuba ndilubulele usuku ngalunye lobomi. Kwakungathi ndigwetywe intambo emva kokufumanisa ukuba ndineHIV, kodwa ngoku oko ndikubona kwaba lithuba lokuba ndifunde yaye ndifundise abany' abantu ngeendlela zokuphila nale ntsholongwane.
Ukufunda kwam "ukuphila nentsholongwane" kwenzeka emva kokubona indlela abantu abaninzi abafa kabuhlungu ngayo ehlabathini ngenxa yokufihla imeko abanako ukuyilawula.
Kum igama elithi AIDS ndilibona limele ukuthi: Am I Doing Something (Ndinento endiyenzayo).
Nokuba uneHIV okanye akunayo ufanele uzibuze ukuba: "Ingaba ikho into endiyenzayo ngempilo yam okanye ukutshintsha imeko yabantu abangasenako ukuzikhethela?"
Rhoqo ngenyanga siza kusebenzisana nani kwiBONA ukuzama ukubuyisela isidima abantu abaphulukene naso ngenxa yale ntsholongwane.
Siza kwabelana ngolwazi oluza kusinceda silwe ngokukuko nedabi elikhulu elingaphakathi kuthi lokwamkela imeko yethu.
Uninzi lwezinto esikholelwa kuzo ngeHIV neAIDS azisekelwanga kwinyaniso. Ndiyathemba ke ukuba lo mhlathi uthi Ukuphila neHIV uza kunceda ekupheliseni ukubhideka obunako.
Zizigidi abantu baseMzantsi Afrika abaphila neHIV - ndithetha ngabantu abakumanqanaba ohlukeneyo, ngoko ungacingi ukuba ndim nawe kuphela abanayo.
Kaloku i-HIV ayosuleli uhlobo oluthile lwabantu, kodwa basekho abantu obeva besithi: "Ayinakundosulela mna."
Yintswela-lwazi leyo eyenze ugawulayo waleli gongqongqo alilo.
Umzekelo ngowokuba abantu abaninzi bacinga ukuba ugawulayo sisifo, kanti akunjalo.
I-AIDS ligama elanikwa ingqokelela yezifo ezingama-29 eziquka inyumoniya, iTB neziny' iindidi zomhlasa yiCenters For Disease Control e-USA. Khona ezi zifo zibizwa nge-AIDS xa umntu eneHIV.
Ngoko sifanele sikhawuleze siyitshintshe into i-AIDS ebonwa iyiyo. Kwezi nyanga zilandelayo kwiBONA siza kungcambazisana ngokunikana ulwazi olusisiseko ngeHIV ne-AIDS.
Siza kufunda izinto ezintathu:
Ukuzihlonipha ngokwakho
Ukuhlonipha abanye abantu
Ukuthwala uxanduva lwezinto ozikhethileyo
Le yindlela esingandisa yaye siphucule ngayo ubomi bomntu de kufumaneke unyango.
Masiqhubeke nokuphila.
ZUZA I-CD KACRISELDA
uCriselda Kananda ungumama, umkhuthazi wempilo entle nomsasazi wenkqubo yeengxoxo kwiMetro-FM okuthandayo ukunik' ithemba abantu abaphila ne-HIV ngokubabalisela elakhe ibali.
UneCD ethi Positive Talk engakukhuthaza uphile ubomi obusempilweni nobukwenza ubenethemba ngobomi.
Kule CD uthetha ngokubaluleka kokuzazi imeko yakho, uchaza namagama athile ezempilo asetyenziswayo kwiHIV/AIDS, ukanti ukwacebisa nangonyango ongakhetha kulo. Ikwanengoma ethi Beautiful Woman ebhiyozela ubuhle
bakho obungaphakathi.
Xa unayo le CD ungaphulaphula umyalezo wethemba kaCriselda nanini na xa uthanda.
Sibhalele ibali lakho elinika ithemba lokuphila ne-HIV ukuze uzizuzele enye yezi CD.
Bhalela kule dilesi: Positive Stories/BONA, Box 473014,
Parklands, 2121.
Le CD ifumaneka kwiivenkile zakwaReliable elizweni jikelele. Ngeziny' iinkcukacha qhagamshelana noCriselda at info@positivetalk.co.za; fax: 086-617-5480; okanye uye ku: positivetalkservices.co.za.
