xhosa.1780.preg
Iimfuno zosana lwakho
Wonke umama othetha naye uza kuba nolwakhe uluhlu lwezinto ezifunekayo xa kukho usana oluzelweyo. Kufuneka wazi nokuba izinto ozibona ezivenkileni zizinto ekunyanzelekileyo ukuba usana lubenazo na okanye zizinto nje ozifunela usana lwakho. Ungaxhalabi, iBONA ikho ukuze ikuncede wenze uluhlu olululo.
UKUZE ungenzi izinto ngomzuzu wokugqibela - qala kusekulithuba ukuqokelela izinto. Le ikwayindlela yokuzahlula-hlula iindleko zakho ngokweenyanga.
Iimpahla
Iimveku ziyakhawuleza ukukhula. Ulumke ungathengi iimpahla ezininzi ezingagqibela zingasebenzanga.
Iinkampani zeempahla ezininzi ziqinisekisa kangangoko ukuba umntwana wakho akahlutshwa yimpahla, kodwa kuhle ukujonga imithungo yeempahla omthengele zona - okanye aziphiwayo.
Umgobo wangaphakathi awumelanga kuma nkqo okanye uberhabaxa (njengeyabantu abadala).
Kufuneka ubenezi zinto:
Iivesti ezi-6: ezi-3 ezingenamikhono nezi-3 ezinemikhono emide;
2-4 amabhayi eentsana;
1-2 iijezi;
1-2 ibhayi elilula okanye ingubo;
4-6 iipere zeekawusi;
4-6 iirompa, inani lazo lixhomekeke ekubeni ufuna ukuyihlamba kangaphi impahla;
5 iibhulukhwe zeentsana nemintla yokunxiba emini;
2-4 iibhibhi ezihlambekayo;
4 iimpahla zokulala okanye iigawuni.
Amalweyile
Kukuwe:
Amalweyile elaphu
12 amalweyile elaphu;
1 ipakethe yeewipes ezilahlwayo;
2 izipeleti;
1 ipakethe zeeliners ezihlanjwayo (kukuwe);
5 iiwaterproof;
Ivaseline okanye ikhrim yokuqaba iimpundu zosana;
Imethi yeseyile oyisebenzisa xa umtshintsha.
Amalweyile alahlwayo
2 iipakethe zamalweyile;
1 ipakethe yeewipes;
imethi eyiseyile oyisebenzisa xa utshintsha.
Ixesha lokuluhlamba
Izinto ezifunekayo:
Ibhafu yosana;
Ishampu nelowushini yeentsana,
Amayeza necotton wool (zokucoca isilonda senkaba);
Ibrashi yeentsana nekama;
Isepha yeentsana;
2-4 iitawuli zeentsana
isichebi-nzipho seentsana.
Ixesha lokutya
Izinto ezifunekayo:
6-8 iibhotile: ezincinci (125ml) kuqala, ezinkulu (250ml) uzithenge emva kweenyanga ezi-3 (ziza kufuneka nokuba uyancancisa xa umtyisa i-expressing feeds);
ipheyile encinci enesiciko oza kuyisebenzisa xa ususa iintsholongwane ezibhotileni;
ubisi lweentsana oluthengwayo, xa ungazukuncancisa ibele
isigcini-bushushu bebhotile okanye ijagi yeplastiki;
isifunxi-mabele esithengwayo;
ibrashi yokucoca ibhotile. [x]
Umbhali: Smangele Zuma
USANA LWAKHO
UNGALIBALI
Kubalulekile ukuzihlamba iimpahla zosana phambi kokuba ulunxibise. Oku kuthambisa ilaphu ukuze iimpahla zingamkhathazi.
OKUFANELE KUPHATHWE NGOOMAMA XA BESIYA ESIBHEDLELA
Mhlawumbi uza kubelekela esibhedlela sikarhulumente njengesininzi sethu- kwaye kufuneka uye uzilungiselele. Ebhegini yosana yiba nezi zinto:
Izinto zomntwana
6-8 amalweyile alahlwayo (kuza kuxhomekeka kwimpilo yosana lwakho usenokukhululwa kwangale mini ubeleke ngayo; xa ufuna amanye amalweyile usapho lwakho lungakuzisela ngexesha lokutyelela iziguli);
itawuli enye yosana (ukuze usule ngayo usana - uyakuluhlamba kakuhle ekhaya);
iibaby wipes (kukuwe);
Ivaseline;
iimpahla zokugoduka (nezinye xa kusenzeka ezokugoduka zingcole);
i-oyile yokuhlamba nekama ukuze ulucoce kakuhle usana lwakho.
ibhayi elinye.
Ezakho
Igawuni enye, neempahla zokulala;
iziliphazi;
itawuli encinci nenkulu;
isepha;
iimpahla zokugoduka;
iiphedi;
iiphedi zamabele.
