xhosa.1771.slave
UFUNA ukuthenga oonyana bethu? La mazwi abhekiswe kwintatheli yaseBrithani ebisandula kuya kuphanda ngokuthengiswa kwabantwana ngondlela mnyama eNigeria. Kweso sithuba abazali babuza ngamakhwenkwana abo amabini aneminyaka emi-2 nemi-3 ubudala, athengiswa ngemali emalunga ne-R5 000 ngamnye.
UKola Woniye uneminyaka engama-32 ubudala kwaye ungumcangcathi wemizimba yeemoto ongaqeshwanga. Owakwakhe uSeyi oneminyaka engama-27 ubudala ume ngelithi "uThixo uza kusibonelela."
"Sixakiwe, lithemba lethu lokugqibela eli," utshilo elila uSeyi.
"Ndicele ukuwabona la makhwenkwe, aza abizwa kwigumbi alala kulo nabazali bawo, ezele luncumo neentloni. Ayebonakala enesimilo, kwaye engenalwazi lokwenzekayo," ubhala atsho uDavid Harrison weSunday Telegraph.
Omnye wabathengisi babantwana kwamany' amazwe amfumana eLagos, uthi uthenga abantwana abangama-500 ngonyaka.
Inyaniso kukuba ininzi imali eyenziwayo ngokuthenga abantwana kwiintsapho ezixakekileyo, baze bathengiswe ngenzuzo enkulu eNtshona Afrika nase-UK nakwamanye amazwe asentshona.
Ukuxhatshazwa
Kwintetho yomhla we-16 kuJuni, kunyaka ophelileyo yokukhumbula uSuku loMntwana waseAfrika yi-UNICEF (iUnited Nations Children And Education Fund) iqwalasele isenzo sabathengisi babantwana isithi "baxhaphaza abantu abaphila phantsi kwentlupheko kwaye abatshutshiswa ngumthetho."
Awona mazwe achaphazelekayo ngokutsho kombutho wezaBasebenzi weZizwe eziManyeneyo (iILO), yiBenin, iBurkina Faso, iCameroon, iCôte d'Ivoire, iGabon, iGhana, iMali, iNigeria neTogo.
Abantwana bathathwa eTogo, eBenin, eNigeria, eBurkina Faso naseMali. ICameroon yona lilizwe lokubakhupha, ngelixa iGabon neCôte d'Ivoire ililizwe lokufikela.
Amantombazana asetyenziswa njengabancedisi emakhayeni nabathengisi basezitalatweni, amakhwenkwe asebenza emasimini, kwiindawo ezakhayo nasemigodini.
I-UNICEF ikwalumkise ngelithi le ngxaki inwenwela ngaphaya kweNtshona Afrika.
Amawaka-waka amantombazana ase-Ethiopia athuthelwa eMbindi Mpuma minyaka le ukuyosetyenziswa njengabancedisi emakhaya kwaye amaxesha amaninzi abangamaxhoba okubethwa nokuxhatshazwa ngokwesondo, kanti ukuya kwi-15 000 amantombazana akwiminyaka eli-12 ukuya kwi-18 ubudala bayachaphazeleka kushishino lokwabelana ngesondo nabakhenkethi eKenya naseMadagascar. Bangaphaya kwe-10 000 abaxhwilwayo kwimfazwe ekumntla we-Uganda.
Noxa uMzantsi Afika ulelinye lamazwe ambalwa ase-Afrika anenkqubela ekumiselweni kwemithetho echaseneyo nesi senzo uya ngokuba yenye yeendawo ethengiselwa abantwana abasuka kumanye amazwe e-Afrika.
Kutshanje ngoJanuwari, amapolisa amise isigadla eMozambique kwiPhondo laseManica apho befumene khona amakhwenkwe angama-40, aneminyaka ephakathi kwemi-5 neli-13. Eso sigadla besisinga eMzantsi Afrika...
Indlela abenza ngayo
UNkosi Leon Gakoun welali yaseTokoli eBenin uthi uyayazi indlela abathengisi babantwana abasebenza ngayo. Uthi usibari wakhe neqela lamakhwenkwe elali yakhe bathathiwe basiwa eCôte d'Ivoire.
Basebenzisa indlela yakudala yaseNtshona Afrika ebizwa ngevidomegon eBenin, apho abantwana baloo ndawo baye benziwe izicaka zeentsapho ezizityebi zasezidolophini ezithi zibahlawule ngokubafundisa.
"Abantu bethu bafuna abantwana babo babe nemfundo ebhetele," utsho unkosikazi kaGakoun, u-Eugeneu Zounlogbe.
Emva kwezithembiso zokuba baza kufunda basebenze kakuhle abazali banikwa imali emalunga ne-R300 umntwana.
UZounlogbe uthi iintsapho ziyazi ukuba zingaphulukana neentombi noonyana bazo unaphakade xa zibanikezela kwaba bathengisi, kodwa akukho ndlela yimbi.
Bathi abazali bakaZounlogbe bakusweleka, kwanzima kwizalamane ukuba zikhulise yena nabantakwabo, omnye woodade wabo wathunyelwa e-Abidjan, eCôte d'Ivoire.
Apho wayethengisela ibhinqa elithile elalisoloko limbetha. Emva kweminyaka wakwazi ukuphinda eBenin engenayo nesenti phofu.
Bayatshixelwa
Zibakho iingxaki nokuba ulutsha lushiya amakhaya ngokuzithandela. UBruno Toure (17) namany' amakhwenkwe amathathu, balandela okwenziwa ziintanga zabo kwiindawo ezininzi emazantsi eMali, bashiya amakhaya abo ukuya kuzama indlela yokuphila kumasimi ekofu eCôte d'Ivoire.
Babesetyenziswa iiyure ezili-14 ngemini kungekho ntsuku namakhefu okuphumla. Babelala egumbini elikhulu nabanye abantwana abangama-60 abakwasebenza kumasimi akule ngingqi. Babetshixelwa ebusuku ukuze bangabaleki.
"Wawubethwa xa ulivila. Ukuba uye wagula, lilishwa lakho. 'Ukuba uyafa, yifa ke,' babesitsho, 'kodwa kufuneka usebenzile," ukhumbula atsho uBruno.
Emva konyaka uSouliman Toure onguyise kaBruno weva ngemeko yabo ngenkwenkwe eyaphunculayo. Abahlali bathengisa imfuyo yabo ukuze kuhlawulwe uhambo lukaSouliman oluya kuloo masimi. Ngoncedo lwamapolisa endawo wakhulula amakhwenkwe elali yakhe nabantwana abangama-61.
Okumangalisayo kukuba uBruno uthi uza kuphinda awel' imida ayokuzama kwakhona.
Intlupheko
Kodwa ingaba yintlupheko yodwa engunobangela? Abazali babathengisa njani abantwana babo?
UJonathan Cohen ophanda ngokuthengiswa kwabantwana eTogo uthi ayilulanga ngolo hlobo.
"Iyagquba indlala kumazwe 'athumela' abantwana phesheya, kodwa indlala akunakuba kukuphela kwesizathu, kuba zikho indawo ezonganyelwe yintlupheko kodwa akuthengiswa bantwana.
"Kaloku abathengisi bantwana batsala abazali ngezithembiso ezibubuxoki zemfundo ebhetele nemisebenzi ehlawulayo," utshilo kudliwano-ndlebe neChristian Science Monitor.
"Ukusetyenziswa kwabantwana nokuthengiswa kwabo yingxaki enkulu. Singakunqanda ngokuzisa imfundo nemisebenzi ebantwini," utshilo uLavender Degre we-UNICEF
Ngelixa abaphathi bengingqi besekwiingxoxo-mpikiswano zokuzama ukusombulula le ngxaki, iya isanda ngakumbi ngenxa yokufa okubangelwa sisifo ugawulayo. [x]
Izigidi zabantwana, abanye beneminyaka esi-7 kuphela, bayathengiswa ngondlela mnyama minyaka le kushishino oluxabisa ibhiliyoni kwaye lukhuphisana noshishino lweziyobisi nemipu oluchaseneyo nomthetho
BONA XHOSA - April 2008
zabantwana
be-Afrika
Izisulu -
IBONAIYAPHANDA
IBALI ISAAC KWELA
Inkohlakalo Ehlabathini
Nkqu nabantwana abaphelela kwilizwe elifana ne-UK abafumani mpatho ibhetele kunabo bashiyeka e-Afrika.
Uphando lwamapolisa lwango-2004 lwaluqwalasele okwenzekayo ebantwaneni base-Afrika abafika eBritani kwisikhululo senqwelo-moya iHeathrow.
"Ngamanye amaxesha wawufika benze umgca eHeathrow benamaphepha ajinga emqaleni," umntu ongaziwayo onofifi ngolu phando uxelele iBBC.
"Ezo ziileta ekuthiwa zisuka ebazalini babo ezithi kulungile ukuba badluliselwe kwelinye icala."
Xa abaphandi bejong' iidilesi ezibhaliweyo, ubuncinane ama-30 abantwana abafumaneki.
Abantwana abathengiswa ngolu hlobo banyanzeliswa ukuba basebenze iiyure ezili-18 ngemini, becoca, bepheka. Okanye basetyenziswa ezindaweni zokutya nasezivenkileni, utsho uDebbie Ariyo wombutho waseLondon ochaseneyo nempatho-mbi yabantwana.
Ukubethwa nokuxhatshazwa ngokwesondo kuxhaphakile.
Xa abantwana bebadala, balahlwa ezitalatweni baze babhenele kwiziyobisi, ulwaphulo-mthetho nobuhenyukazi, utsho u-Ariyo.
"Abazali abaninzi bathumela abantwana eBrithani ngethemba lokuba baza kufumana imfundo ebhetele. Ixesha elininzi ingakukuba benziwa kukuxakwa," utshilo omnye.
Wehlelwa seso uVictoria Climbie oneminyaka esi-8 waseCôte d'Ivoire owathunyelwa ngabazali ukuba aye kuhlala noMarie-Therese Kouao, ongukhokho wakhe eLondon ngo-1998.
UVictoria wabulawa kukuxhatshazwa ngo-2000, kwaza kamva kwagwetywa uKouao neqabane lakhe ubomi entolongweni ngokufa kwakhe.
BONA XHOSA - April 2008
t
t
Indlela abasebenza ngayo
Ushishino lwabantwana ngondlela mnyama yingxaki yehlabathi liphela nokuba kuse-Asia, eNtshona Afrika okanye kwiMpuma yeYurophu, indlela okwenziwa ngayo ayahlukanga, uyachaza uSteven Galster, ongumseki weGlobal Survivor Network, eliqela labantu elilwela amalungelo abantu, ekulilo elikhokela uphando oludize olu shishino...
"Abathengisi bafuna kanye abantu abangenalwazi ngokwenzeka ngaphaya kwendawo abahlala kuzo, kube kumfiliba ngakumbi ke ngemeko engaphaya kwemida yelizwe labo," utsho uGlaster.
Amadoda nawo ayathengiswa, kodwa kufunwa ngakumbi abasetyhini nabantwana, kuba kulula ukubalawula.
Abasetyhini bayaxhwilwa okanye baxokiswe ngemisebenzi amabayilindele.
Kwicala labantwana ngabazali abaye bakhohliswe bacinge ukuba "bathengela" abantwana babo ubomi obungcono.
Noxa abazali baye bahlawulwe imali encinci ngabathengisi, intlawulo yokufunelwa umsebenzi isoloko ibizwa ngabathengisi.
Njengoko amabhinqa nabazali babantwana bengenayo le mali ibizwayo kubo, la maxhoba kulindeleka ukuba alihlawule ityala lawo ngokusebenza.
Amaxhoba phantse lonk' ixesha angena kula mazwe ngondlela mnyama. Le nto inika amandla abathengisi, kuba ngokomthetho la maxhoba akaziwa. Abathengisi bathatha nezazisi, ngelithi baza kuzigcina babanike xa sele "ityala" lihlawulekile.
Kuthi ke kuba umvuzo wexhoba ulawulwa okanye ubanjwa amaxesha amaninzi ngenxa "yendleko" ezithile ezivelayo ekugqibeleni kubonakale ukuba akukho ndlela elingahlawuleka ligqitywe ngayo ityala lokuqala.
Kaloku kuba amaxhoba esuka kumazwe apho ubuqhophololo bubuninzi kwaye ukumangalela urhulumente kuyinto exhaphakileyo, amaxhoba oyika amapolisa ngokufanayo nabathengisi.
"Abathembi mntu, kodwa babona kuyimfuneko ukuzimela ngabathengisi xa besoyika ukuba bangasiwa emapoliseni. Bayaqonda ukuba bangawuxela umsebenzi abawenzayo bangagxothwa. Noxa ukugxothwa elizweni kubonakala ngathi yeyona ndlela yokubaleka, kungakhokelela kwimpindezelo yabathengisi." uyachaza uGlaster.
BONA XHOSA - April 2008
Ngenxa yesifo ugawulayo, sifumana abantwana abaninzi abangenazintsapho abangabuyela kuzo bakuhlangulwa
Ibali likaCynthia
Okwehlela uCynthia kuyafana nokwenzeka kwabanye abantwana - umahluko kukuba, yena ukwazile ukubalisa...
Wayeseneminyaka eli-12 ukufika komnxeba wabathengisi kokwabo entshona yeNigeria.
Ezo zikrelemnqa zabacenga ukuba base intombi yabo eLondon apho iza kufunda khona, ize ifezekise "amaphupha ayo." Bavuma abazali bayo ababengathathi ntweni.
Akufika uCynthia eNgilani wanikezelwa kwisibini esingatyebanga kuyaphi saseNigeria waza wanyanzelwa ukuba asebenze iiyure ezili-16 engahlawulwa.
Wayebethwa kanobom ngaphandle kwesizathu esivakalayo.
Ukhumbula imini apho lo mama wayemnkula ngentlanzi entloko ephinda-phinda ngenxa yokungavisisani ababanako.
"Babendibethela nonobenani," utshilo kuDavid Harrison weSunday Telegraph emva nje kokuhlangulwa ngamapolisa.
"Ndandisenziwa ikhoboka ndingenampepha zakungqina ukuba ndingubani. Bendikhala de ndiphelelwe ziinyembezi."
Ngokokubonakala kwezinto, amathombazana okanye amaxhoba olushishino oluchaseneyo nomthetho asetyenziswa njengabancedisi basekhaya. Amakhwenkwe wona ayakha okanye asebenze ezimayini.
