xhosa.1770.pep
Psst! Xelela nabanye - wonga imali eninzi xa uthenga ngokheshi okanye uleyibhaya
Inqaku lentengiso
Sasaz' iindaba ezimnandi!
XA uphinda uncokola nabahlobo nezalamane zakho ungalibali ukuzibalisela ezi ndaba zimnandi ngokuthenga ngokheshi...
n Akukho zimpepha zityikitywayo ezikubophelelayo.
n Ufumana amava okulawul' imali yakho nokuyiqingqa ngokukuko - zinto ezo zibaluleke kakhulu xa ulawula ishishini lakho.
n Uza kuzingca xa ubona sele wonge imali eninzi.
Kaloku xa utheng' iTV ngetyala ugqibela sele uhlawula ngokuphindwe kabini...
Makhe sithi uthenga i-54cm TV exabisa i-R1 199. Xa uthenga ngetyala uhlawula mhlawumbi idiphozithi ye-R120 uze uhlawule izavenge ze-R63 ngenyanga.
Loo nto itheth' ukuba ugqibela sele uhlawula
i-R1 992. Le mali iquka inzala ye-R443 kunye neziny' iindleko ezifana nemagazini yeklabhu (idla ngokuba yi-R15 ngenyanga), imali yokudiliva (eba yi-R120) ne-inshorensi (yi-R15 ngenyanga).
Zisasaze ezi ndaba - thenga ngokheshi uza kuziva ukhululekile! [x]
Kulumkele ukuthenga ngetyala
n Ukuba bowusazi ngaba awuyivumanga imagazini, i-inshorensi nokudilivelwa: NGABA WONGE I- R360
n Ubungonga nangakumbi ... Xa ubuthenge ngokheshi okanye ngeleyibhayi kwaPEP umzekelo: NGABA WONGE I-R793!
BONA XHOSA - May 2006
