xhosa.1763.yourfamily_parent
UBUNGOZI BOKUBUKELA
I-TV...
IMINYAKA emibini yokuqala yomntwana yeyona ibalulekileyo ekukhuleni kwengqondo yakhe, kuba ngeli xesha umntwana ukhula afunde ngenkuthazo yabazali. Umabona-kude usenokuba yindlela ekhawulezayo yokonwabisa abantwana emakhaya, kodwa ukumbukela kungakuchaphazela ukukhula komntwana wakho. Ngoko cima iTV ufunde, ucule, udlale imidlalo, ubalise amabali wonwabe nomntwana wakho.
UCristine Scolari oneminyaka eli-10 engugqirha wengqondo wabantwana usichazela ukuba kutheni ukubukela nokudlala imidlalo ye-TV ixesha elininzi kuyichaphazela indlela akhula ngayo umntwana wakho.
Ingaba i-TV nemidlalo yevidiyo ayibalungelanga ngenene abantwana?
Ayizizo zonke iinkqubo kunye nemidlalo ye-TV engalunganga, yiyo loo nto kufuneka uziqwalasele ezi zinto xa ungumzali. Ezinye iinkqubo ze-TV ziyafundisa kwaye ziyonwabisa. Kodwa ke, nanga amanqaku abalulekileyo omele ukuwazi:
Ubude bexesha ababukela ngalo i-TV badlale nemidlalo yayo. Umzekelo, usenokuba ubukela inkqubo efundisayo iiyure ezintathu, kodwa isenokwenza umonakalo kuba ithabatha nexesha lokusebenzisa umzimba, elomsebenzi wesikolo nelokuchitha ixesha nabanye abantwana. Abantwana bayathanda ukuhlafuna xa bebukele iTV, oko ke kungakhokelela ekubeni umntwana atyebe.
Iinkqubo ezibukelwa ngumntwana wakho. Ummiselo weminyaka kwezi nkqubo ubekwa ngesizathu kwaye kufuneka ulandelwe. Ngolu hlobo ukhululekile kuba uyazi umntwana wakho ubukele inkqubo emfaneleyo.
Abantwana abamelanga kuba ne-TV emagumbini abo okulala. Okokuqala, oku kubenza bahlale bodwa, batsho bangabaqheli abantu. Ukongeza kweli nqaku, awukwazi ukumjonga umntwana ukuba ubukele ntoni okanye ubukele ixesha elingakanani ngexesha apho bekufanele ukuba ulele.
Kufuneka sikhumbule ukuba ukubukela i-TV ixesha elide bubuvila obunganeziphumo ezibi ezifana nezi:
Isakhono sokunxibelelana: Unxibelelwano lwenziwa ngabantu ababini okanye ngaphezulu. Kodwa abantwana ababukela i-TV abamameli kwaye abancokoli. Baqhela ukuba "ngumbukeli olivila" ohleli endaweni enye. Abantwana balinganisa okwenziwa kwi-TV. Ayintlanga loo nto, ingakumbi xa idibene nobundlobongela.
Ukukhula ngokomzimba: Abantwana abathanda ukubukela i-TV abadlamki. Abantwana kufuneka bazula-zule benze nemithambo ukuze bakhule emzimbeni - izihlunu, bakwazi ukujika-jika umzimba. Xa engawushukumisi umzimba angatyeba, loo nto imenze ukuba agule, angazithandi kwaye ahlekwe.
Ukudibana nabanye: Abantwana kufuneka badlale nosapho kunye nabahlobo ukuze bakhule bekwazi ukudibana nabanye abantu. Kufuneka badibane nabanye bancokole kwaye badlale kunye. Kodwa ke, xa umntwana wakho esoloko ebukele i-TV, ugqibela ngokuba likheswa. Oku kumenza angakwazi ukulawula umsindo wakhe, angazi ukuba athini xa ekhathazekile, okanye edakumbile.
Ukuzikisa ingqondo: Abantwana baxhomekeka kwi-TV nakwimidlalo yayo ukuzonwabisa, nto ke leyo ikhuthaza ubuvila. Xa abantwana bebukela i-TV kakhulu bayakhawuleza ukudinwa esikolweni kuba akukho ntshukumo yenziwayo. Ingqondo yabo izinza okwexeshana.
Ukusebenzisana kwamalungu: Ukubukela
i-TV rhoqo kwenza abantwana bangakwazi ukusebenzisa amalungu abo omzimba ngendlela eyenza ukuba ancedisane. Imidlalo yebhola yeyona ilungileyo ukufundisa umntwana isakhono sokuhambisana kwamehlo nezandla, akwazi ukuyilandela ibhola ngamehlo aze ayinqakule ngezandla. Enye into kukuzoba, ukubhala nokusika.
Ukubona: Njengamalungu onke omzimba abantwana bamel' ukuwasebenzisa amehlo. Xa ubukele i-TV ujonga kuyo kuphela. Kufuneka badlale imidlalo edlalelwa ebhodini ebenza baphunguze, kube yimidlalo apho beshenxisa izinto abazibonayo.
Iinkqubo emazibukelwe
Abantwana abangaphantsi kweminyaka emithathu kufuneka bangayibukeli i-TV. Abadala kunabo bangavunyelwa iyure ukubukela iinkqubo ezibafaneleyo.
Kwabangena isikolo kuhle ukubeka umthetho wokuba i-TV ibukelwa xa ugqityiwe umsebenzi wesikolo kwaye inkqubo ibafanele.
Imidlalo ye-TV ayimelanga kuvunyelwa phakathi evekini, iiyure ezimbini ngempela-veki zilungile. [x]
Umqulunqi: Kamogelo Sebola
Ingaba umntwana wakho uchitha ixesha elininzi ebukele i-TV? Ingaba usapho lwakho luchitha ixesha elininzi kwimidlalo ye-TV ngeempela-veki? Lixesha lokuyicima uthathe ulawulo.
UBUZALI OBULUNGILEYO
Aba-ntwana kufu-neka benze imitha-mbo ukuze bakhule
IMIDLALO YABANTWANA
Nazi izinto ezingenziwa ngabantwana bazonwabele ngaphandle kokubukela i-TV. Akukho mfuneko yakuchitha imali eninzi uthenga izinto zokudlala.
Iincwadi zilunge kakhulu. Abantwana bayathanda ukufundelwa, kubakhuthaza ukuba bafunde nabo ngokuya bekhula, nekuyinto ebalulekileyo esikolweni. Ithala leencwadi yindawo entle yokufumana iincwadi zasimahla!
Cinga ngemidlalo yakudala. Khumbula ukuba kwakumnandi kangakanani ukutsiba-tsiba nemidlalo yokuzifihla.
Izinto zokudlala abazithandayo, ezifana namabhere, oonodoli, oololiwe neenkqwelo zingamgcina umntwana exakekile.
Ukuzoba nokupeyinta kuza kumnceda umntwana akhule, nokuthunga okanye ukunitha. Izinto ezifana namaqanda iibhokisi, iibhotile zeplastiki, amakhathoni njalo njalo azifuni de ukhuphe imali.
Imidlalo yenye indlela elungileyo. Nokuba injani na ibhola iyamonwabisa umntwana.
Khumbula ukuba abantwana kufuneka bavele neyabo imibono ukuze babenento yokwenza. Kufuneka bafunde ukuzenzela izinto nabahlobo.
