xhosa.1755.project dec
Bona
Amakhasi Okuzo-nwabisa
BONA XHOSA - December 2006
Ungazisondezi ebantwini abayijongela phantsi iminqweno yakho. Abantu abangekho ntweni bayakuthanda
ukwenza loo nto, kodwa abantu abakhulu bakwenza nawe uzive umkhulu. - Mark Twain
Imisebenzi itshintshe kakhulu kwaye iseza kuqhubeka nokutshintsha. Ngoku kuza kufuneka uzimele, uzikhuthaze ngokwakho yaye ube nembopheleleko ngaphezulu kwesizukulwana esingaphambili kwakho. Ubuchwepheshe onokubusebenzisa buza kwenza uphumeze okungaphezulu kobukulindele.
Kolu shicilelo sijonga imisebenzi nezinto ofanele uziqwalasele xa ukhetha umsebenzi owufunayo.
Esi sicatshulwa sithatyathwe kwiincwadi ezithi Life Orientation TODAY ezishicilelwe ngabakwaMaskew Miller
Longman.
Iincwadi zeTODAY zinazo zonke izifundo zikaGrade 7 ukuya kuGrade 9.
Izifundo ezingobomi
Yintoni esele siyazi"
Mna kwixesha elizayo
Sifuna ukufunda ngezi:
Izinto endizithandayo nendikwaziyo ukuzenza.
Imisebenzi eyohlukeneyo namathuba okufunda.
Indlela izinto endizithandayo nendikwaziyo ukuzenza
ezinxulumana ngayo nemisebenzi nezifundo ezohIukeneyo.
Iimfuno zemisebenzi nezifundo ezohlukeneyo.
Yintoni injongo yokuphangela"
Kungani ndifanele ndiphangele"
Kundinceda ngantoni kona ukuphangela"
Kundiphazamisa njani ebomini bam ukuphangela"
Ndiwukhetha njani umsebenzi endifanele ndiwenze"
Ziintoni endizithandayo"
Ziintoni endikwaziyo ukuzenza"
Ndazi njani ukuba kufuneka eziphi izifundo nama-nqaku ukuze ndifumane umsebenzi endiwufunayo"
Yeyabantwana abaneminyaka esi-
8 ukuya kwi-14
Njengoko sonke sinezakhono, iminqweno nezinto esikwaziyo ukuzenza ezingafaniyo, oko kusenza sithande
imisebenzi engafaniyo. Jonga imisebenzi eyohlukeneyo uzame ukufumana iinkcukacha ezininzi kangangoko unako ngomsebenzi WENA owunqwenelayo. Omnye wabantu abaziwayo ofundileyo ngemisebenzi nguJohn
Holland. Uchaze iindidi zabantu ezintandathu ezilandelayo nemisebezi yabo.
Iindidi zabantu zikaJohn Holland
Abantu ABATHATHA IZINTO NJENGOKUBA ZINJALO bathanda ukukhuphisana nemidlalo. Bathand' ukwenza kunokuthetha. Bathanda ukuba phandle nokusebenza ngoomatshini, izixhobo, izityalo nezilwanyana.
Abantu ABATHANDA UKUPHANDA basoloko becinga, beququzelela yaye befun' ukuqonda. Bayakwazi ukusombulul' iingxaki yaye bayakwazi ukubala. Bathand' ukusebenza bodwa yaye baneentloni.
Abantu ABANGAMAGCISA bathanda ukuzibonakalisa ngobuchule babo obahlukeneyo. Abayithandi imithetho, bathanda ukwenza izinto ngendlela yabo eyahlukileyo. Bathanda ukubonakalis' iimvakalelo zabo kunezabany' abantu.
Ulimo - Umntu othath' izinto
njengokuba zinjalo
Siphisa ngeencwadi ezi-5 ezintsha ezithi Life Orientation
Today Career Guide!
Thumel' iinkcukacha zakho kule dilesi:
Life Orientation Today Career Guide Giveaway
Maskew Miller Longman
PO Box 396
Cape Town
8000
Ungalibali ukubhala igama nedilesi yakho, inombolo yomnxeba negama lesikolo sakho.
Umfoti - Umsebenzi wobugcisa
Ukufundisa - Umsebenzi waba-ntu abathanda ukuhlala nabanye
Abantu ABATHANDA UKUHLALA NABANYE
bathanda ukufundisa okanye ukuncedisa.
Bathanda ubuhlobo, abakuthandi ukufunda nokusebenzisa imizimba ngaphandle kokuba bayafundisa.
Abantu ABAQHELEKILEYO abanangxaki nemithetho. Bathand' ucwangco kwaye abathandi kujongana
nomntu ngqo. Bathanda nokuba newonga.
Abantu ABONWABISAYO bayakwazi ukusebenzisa amagama kwaye bayakuthand' ukucenga kunokukhu-thaza abanye. Bayaluthanda udumo nesidima yaye baneminqweno emikhulu.
BONA XHOSA - December 2006
Ukugcina abantwana
- Umsebenzi womntu othanda abantu
Ziintoni WENA okwaziyo
ukuzenza"
Isipho!
