xhosa.1752.legaljun
iingxaki zomthetho
INGXAKI: Ndathatha
i-inshorensi yefanitshala neziny' izinto ye-R150 000. Emva konyaka ndaxelelwa ukuba inkampani endithathe kuyo i-inshorensi ithuthela iincwadi zayo kwenye inkampani yaza yandicebisa ukuba ndiyivumele itshintshele ipolisi yam kuloo nkampani intsha. Ndavuma ndaza ndacela ukuba linyuswe ixabiso layo ibe yi-R250 000.
Kwaphela iiveki ezi-3 ndingafumani zinkcukacha ezivela kule nkampani okanye ezivela kwinkampani endathatha kuyo i-inshorensi.
Kwaqhekezwa emzini wam. Yandincedisa inkampani yam ndafaka ibango saza sathumela iifom zebango kule nkampani ye-inshorensi entsha.
Yala ukuhlawula ibango lam ngelithi umgaqo wesivumelwano sam uthi mandibe ne-alam enxulumene nenkampani yoonogada.
Ndayixelela ukuba andizange ndiyixelelwe loo nto mna yaye akukho zinkcukacha ze-inshorensi ndazithunyelelwayo yile nkampani ngoko ke andiyazi imigaqo yayo. Emva kweentsuku ezingama-45 ndafumana ileta eposini endichazela ngenkqubo nemigaqo yepholisi yam ndaza ndabe ndiyaqala ukuyifunda.
Ndingabuyekezwa njani kwibango lam""
ICEBISO LAKWASCORPION:
Xa inkampani ye-inshorensi isusa umxumi wayo imsa kwenye inkampani imigaqo yepolisi ayitshintshi.
Akuyomfuneko ke ngoko ukuba uzalise ezinye iifom ngaphambi kokunikwa ipholisi.
Kodwa xa kusonyuswa ixabiso lepholisi, kufuneka isivumelwano esitsha.
Xa imigaqo yepholisi yenkampani entsha ingafani naleyo emidala kufuneka zombini ezi nkampani zimazise umxumi wazo ngemigaqo emitsha ngokukhawuleza.
Kubonisa ukungakhathali kwezi nkampani zombini ukungakuthumeleli iimpepha zepholisi entsha.
Ukungahlawulwa kwebango lakho yile nkampani akwamkelekanga yaye iScorpion Legal Panel iyabona ukuba unethuba elihle lokuphumelela etyaleni xa ubeka ezi nkampani ityala.
Lityala elinobuzaza eli ngoko sikucebisa ukuba ufune igqwetha eliza kukumela. [x]
Iingxaki ze-inshorensi
ABAFOTIWEYO BAYABONISA NJE
Thumel' ingxaki yakho yomthetho kule dilesi BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama-30 kwii-ofisi zalo naphi na kweli okanye uthethe nalo ngomnxeba.
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ke ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
