xhosa.1379.teen
BONA - August 2005
Idabi lolutsha nabazali
Uyihlo nonyoko nabo "bangabantu" - kukuyiqondisisa loo nto okuza kunciphisa ingxabano phakathi komzali nomntwana evela kwiminyaka yokufikisa
ifoto yeyakwaGREAT STOCK!
ELINYE lamadabi anzima esiwalwayo silulutsha liphakathi kwethu nabazali bethu - andibi kunjalo mlisela nomthinjana" Abazali bafun' ukubulawula ngokupheleleyo ubomi bakho.
Uyabathanda kona kodwa ngamany' amaxesha ... uyabacaphukela.
Kutheni nindenza le nto nje" Ndiqinisekile ukuba kudala uman' ukuzibuza lo mbuzo - uze ubabuze nabazali bakho.
Ukhe wazama nje ukuziphendula wona lo mbuzo"
Ukuze uwuphendule kufuneka ujonge ngaphaya kwesiqu sakho. Kufuneka izinto uzijonge ngeliso labazali bakho. (Inzima kakhulu loo nto kulutsha kodwa lungayenza!)
Abazali bakho bakulawula kuba bekukhathalele. Kulula ngolo hlobo.
Baye bakhathazeke bacinge ukuba uyagula okanye bacinge ukuba ngenxa yodandatheko lokutshintsha komzimba wakho nokukhula ungagqibela sel' usenza into embi uzonzakalise.
Umzekelo, imo yakho iyaguqu-guquka - uyonwaba ngoku, uqumbe ngoku. Bayazi abazali ukuba zizinto ezidaliweyo ezi kodwa bona bafun' umntwana wabo onwabile njengakuqala.
Kungenzeka ukuba abazi ukuba bangakunceda njani na ukuze ubuyele kwimo yakho yesiqhelo baze basebenzise iindlela ezirhabaxa ukuzam' ukukukhupha kwingxaki okuyo.
Maxa wambi kuyenzeka ukuba yonke le nto bayenziswa sisazela sokuba mhlawumbi usenza ezi zinto nje kungenxa yento abayenzileyo engalunganga.
Into eyenza izinto zibembi kakhulu kukuba maxa wambi abantu abakonwabeli ukuhlala nawe ngenxa yemeko yakho.
KUTHENI le nto bengavelani nje nawe" Ngabazali bakho kwaye abazali kumel' ukuba babe novelwano...
Kunjalo kanye kodwa nabo abazali ngabantu njengawe lo! Yiyo ke le nto ingunobangela wala madabi angapheliyo enihlala niwalwa nabazali bakho.
Xa ufika kwixesha lokufikisa ukwixesha apho uqabuka khona nabazali bakho batsho baqond' ukuba sel' ukhulile. Kukwakho nokungakholwa macala omabini.
Abazali kufuneka baziqhelanise nento yokokuba ngoku ukhulile, "ungumntu onomahluko" kwaye uneembono neengcinga zakho.
Ngokuya wawuselusana babekukhuza xa uphath' isitovu esishushu. Ngoku kufuneka bayamkele into yokokuba kukho amaxesha apho kuza kufuneka bakuyeke uzitshise wenz' iimpazamo ukuze ufunde.
Akukho lula kubo ukwenza loo nto.
Ngaloo mzuzu wena ufun' ukuphila njengomntu omdala kodwa kukho amaxesha apho uye unqwenele ukuba abazali bangakufuphi nawe ukuze uwele ezandleni zabo ezinothando.
Ngeny' imini ubaxelela ukuba bohlukane nawe kodwa ngeny' imini uyabatyhola ngokungakukhathaleli.
Ilungile loo nto"
MLISELA nomthinjana xa nifuna ukuba abazali benu baniphathe ngendlela eyahlukileyo nani baphatheni ngendlela eyahlukileyo. Xa ufuna abazali bakho bakuphathe njengomntu omdala nawe kufuneka ubaphathe njengabantu abadala.
Xa usengumntwana abazali bakho bangabakhuseli bakho, awoyiki nto kwaye akukho nto iza kukonzakalisa. Xa kusonakala uyazi ukuba umama notata baza kuyilungisa loo nto.
Kodwa xa sel' ukhulile iyatshintsha loo nto.
Bangabazali bakho kwaye kufuneka ubahloniphe. Kodwa nabo bangabantu abazenzayo iimpazamo nabo - kwaye maxa wambi kufuneka ubaxolele. Nkqu nokuba abaqondi ukuba kukho apho baphazame khona!
Xa bexabana bobabini uye ubabone ukuba "ngabantu abafana nabanye". Ngeloo xesha bayayek' ukuba ngumama notata koko baba ngabantu abadala abacaphukayo - kwaye kungenzeka ukuba yiyo loo nto eyayikoyikisa usengumntwana. Babesuka babe ngathi abazani.
Bayazona izinto mhlawumbi nawe uchaphazeleke kodwa kufuneka umelane naloo nto. Kuyanceda ukumxolela umntu kuba nawe ngeny' imini uza kulufun' uxolo lwakhe.
Mhlawumbi uyazi ukuba uza kubavis' ubuhlungu abazali bakho - into ongazange ucinge ukuba ungayenza usengumntwana kodwa ungabavisa ubuhlungu ungaqondanga.
KALOKU ungumntwana wabo - kukho laa nto inidibanisayo kwaye bakukhathalele - kodwa kukho amaxesha apho bengenako ukuhlala nawe endlwini enye.
Nikhe nayicinga loo nto mlisela nomthinjana wakuthi" Xa usithi uyabacaphukela abazali bakho ukhe waqwalasela ukuba kukho amaxesha apho nabo bekucaphukela njengoko nawe ubacaphukela"
Kaloku le nto ihamba kanjalo macala omabini. Makhe siyeke ukukhalazela indlela abangasiveli ngayo abazali bethu nathi sikhe sijong' izinto ngeliso labo size siqale ukuvelana nabo nathi.
Ningalibali ukuba ngokwenjenjalo nizabalazel' ukuba ngabantu abadala - bayazabalaza nabazali benu.
Nakubo la maxesha anzima kakhulu kwaye aninguye unobangela woko.
Ukuzama ukwamkela ukuba awunguye umntwana koko ungumntu omdala nako akunguye unobangela.
Into ebuhlungu kakhulu kukufumanisa ukuba ubabona ngeny' indlela. Awubaboni njengabazali abangayenziyo impazamo nabangaphosisiyo koko ubabona njengabantu nabo. Abantu abazenzayo iimposiso nabakwaziyo ukuthetha amagama ahlabayo. [x]
EZOLUTSHA: Sincokola noFat Charlie
BONA XHOSA - June 2006
u
t
Kubalulekile ukubaxolela abany' abantu
BONA XHOSA - June 2006
KHUMBULA... Ukuthatha abazali bakho njengabazali abakukhathalele ngokukodwa nanjengabantu abazenzayo iimpazamo sesinye sezifundo ezibalulekileyo ekufuneka uzifunde endleleni yakho eya ebudaleni...
Zilungiselele nawe
Olunye lweempawu eziphambili zomntu ofikisayo kukuzicingela yedwa.
Ulutsha olufikisayo luzicingela lodwa, yonk' into luyibona ngohlobo lwalo lodwa.
Idaliwe loo nto kodwa iyinxalenye yokukhula. Isifundo oza kusifunda kwesi sigaba sobomi bakho sesokuba ukuzicingela wedwa akulunganga.
Uninzi lwabantu alusifundi esi sifundo kwaye baphela sele bengathandwa nangabany' abantu.
Kodwa ndiyathemba ukuba into enjalo ayizukwenzeka kuni mlisela nomthinjana kuba niza kuqal' ukuprekthiza kwaba bantu nisondelene kakhulu nabo - abazali benu.
Ubudlelwane esinabo nabazali bethu busivulel' indlela yokuyeka ukuzicingela sodwa. Siza kukubona kamva ukubaluleka kokuyeka ukuzicingela sodwa.
Kodwa kufuneka siqinisekise ukuba asizicingeli sodwa kodwa sizilinganisele.
Akulunganga ukukhathazwa yinto ecingwa ngabany' abantu ngawe nokuphilela ukonwabisa abany' abantu kwaye kufana nkqwa nokuzicingela wedwa!
Abantu bayayek' ukukuhlonipha xa usenza njalo bakuxhaphaze.
