xhosa.1742.parenting
Ubuzali
isikhokelo esiza kukunceda
IHAYI-HAYI ingabangelwa kukutya ukutya okungekho mgangathweni iminyaka emininzi ube ungawenzi umthambo, kodwa ingabangelwa nakukukhulelwa ize ibeke ubomi bukamama nosana aluthweleyo esichengeni.
Yintoni ipre-eclampsia"
Xa umama okhulelweyo enokudumba okuhambisana nehayi-hayi kwaye umchamo wakhe uneeprotini sukuba enepre-eclampsia (ukuba namanzi emzimbeni).
Le ngulo ihlasela abasetyhini abakhulelweyo kwaye ibeka engozini impilo kamama nosana aluthweleyo.
Inako nokuqhubeka nokuba umama sele ebelekile, ize ingehli ihayi-hayi yakhe.
Le ngulo inciphisa ukuya kwegazi kwisiza-mva luze usana olusesibelekweni lungayifumani i-oksijini nezinto ezisisondlo.
Iimpawu zayo
Yinto eqhelekile ukudumba kancinane kweminwe, amaqatha neenyawo xa ibhinqa likhulelwe. Oko kudumba kudla ngokwenzeka kwiinyanga ezi-6 ukuya kwezokugqibela zokukhulelwa kwebhinqa kwaye kubangelwa kukugcina komzimba amanzi.
Ukudumba kakhulu ngequbuliso nokutyeba okuhambisana nentloko ebuhlungu luphawu lokuba unepre-eclampsia.
Xa unezi mpawu, yiya kwagqirha.
Ngubani osengozini"
Ipre-eclampsia iphatha isibhozo ekhulwini samabhinqa akhulelweyo kwaye idla ngokuhlasela amabhinqa aqalayo ukukhulelwa. Amany' amabhinqa asesichengeni ngaphezulu kwamanye, ngoko ufanele uye rhoqo ngeemini zakho zokuya eklinikhi ukuze ugqirha akhawuleze ayibone xa unayo.
Uba sesichengeni kakhulu xa:
u Ungaphantsi kweminyaka engama-20, okanye ungaphezulu kwengama-35;
uUnomzimba omkhulu;
u Unesifo esinganyangekiyo njengesifo seswekile okanye ihayi-hayi;
u Ukhulelwe amawele;
u Ikhe yakuphatha ipre-eclampsia xa ubukhulelwe ngaphambili.
Ukuyinyanga
Ipre-eclampsia ayinyangeki. Xa ugqirha efumene ukuba unayo, uya kukucebisa ukuba usoloko usebhedini ukuze ungakhawulezi ubeleke.
Xa ungabi bhetele, uya kulaliswa esibhedlele ubekwe phantsi kweliso elibukhali de ubeleke. Amaxesh' amaninzi ubeleka ngoqhaqho.
Ndingayithintela njani"
Qho xa uye kugqirha okanye eklinikhi, baya kukuhlola ihayi-hayi - oko bakwenzela ukujonga iimpawu zepre-eclampsia.
Ihayi-hayi xa ukhulelwe ayinyangwa njengaxa ungakhulelwanga, buza ugqirha ngaphambi kokusela naliphi na iyeza okanye utshintshe ukutya. Abantu abanehayi-hayi kudla ngokuba kuthiwe mabangayityi ityuwa, kodwa xa ukhulelwe kufuneka uyitye. Qinisekisa ukuba nantoni oyenzayo ethintela ukuphathwa sesi sifo uyixelelwe ngugqirha.
BONA XHOSA - October 2006
Okoomama nootata....
Ungazibeki esichengeni
Ukumelana nehayi-hayi xa ukhulelwe
nguNONHLANHLA KHUMALO
BONA XHOSA - October 2006
iindlela zokuphelis' inkxalabo yoku-khulelwa
Ukukhulelwa lixesha elinzima elihambisana novuyo nenkxalabo. Ukutshintsha kwamadlala kukwenza ube namaxesha okuziva udangele okanye unoxinzelelo lwengqondo olubangelwa yinkxalabo yokuba wena nosana oluthweleyo niza kuphila na.
Iqhelekile inkxalabo engephi xa ukhulelwe, kodwa kufuneka ube neendlela zokumelana nayo ukuze kungagqibeli kuluxinzelelo lwengqondo olumandla.
Nazi izinto ezingakunceda ukonwabele ukukhulelwa kwakho.
1. Funda ukuphefumla: Ukuziqhelisa ukuphefumla kuya kukunceda xa ubeleka. Kuya kukunceda ukwazi ukuhlisa uxinzelelo osenokubanalo. Tsala umphefumlo ixesha elide imizuzu embalwa, okanye de uzive ubhetele.
2. Yenza umthambo: Ukusebenzisa umzimba kuhlisa uxinzelelo kuba kwenza umzimba ukhuphe i-endorphins (eyihomoni ekwenza ukhululeke) kwaye kuya kukwenza womelele xa ubeleka. Ukuba uwenza kangakanani umthambo kuya kuxhomekeka ekubeni ubuwenza na ngaphambi kokuba ukhulelwe. Thetha nogqirha wakho ngaphambi kokuba wenze nawuphi na umthambo. Ukuhamba nokwenza imithambo oyifundiswe eklinikhi kokona kulula.
3. Thetha ngokukhulelwa. Lixelele iqabane lakho ukuba uziva njani ukuze nalo lazi ukuba kuqhubeka ntoni kuwe. Thetha namanye amabhinqa akhulelweyo ngezinto onexhala lazo.
4. Yitya ukutya okwakha umzimba: Ukutya zonke iindidi zokutya kuya kukunceda nosana lwakho nihlale nisempilweni. Yitya ukutya okune-ayoni ukuze uphelis' ukudinwa noxinzelelo.
5. Zitende: Zithengele into entle, okanye uye kulungisa iinwele esaluni - oko kuya kukwenza uzive wonwabile.
u
t
BONA XHOSA - October 2006
Ukucebela isikolo sabadala
Usenokucinga ukuba kusekwangoko ukuba ungaqalisa ukuceba imfundo yomntwana wakho, kanti oko kokona kubhetele kule mihla. Ukuceba kuselithuba kuya kwenza umntwana wakho ayonwabele imini yokuqala esikolweni. Nanga amacebiso angakunceda.
P Ipre-school ibalulekile.
Uninzi lwezikolo zamabanga aphantsi zifun' abantwana abaqale bafunda epre-school. Ukufunda epre-school kuyamnceda umntwana afunde izakhono ezifunekayo esikolweni sabadala.
P Ceba kwangethuba.
Ukuze umntwana wakho amkelwe esikolweni sabadala kufuneka wenze isicelo sokwamkelwa uze umbhalise kunyaka ongaphambili. Licebo elihle ukuqale umfunele isikolo aza kufunda kuso uve nokuba kuhlawulwa malini kuso. Oko kuya kukunceda usikhethe kakuhle isikolo.
P Funda ngenkqubo yemfundo.
Inkqubo yemfundo yelizwe lethu itshintshe kakhulu kule minyaka idlulileyo, ngoko kufuneka uyazi ukuba isebenza njani. Abantwana ngoku bangena kuGrade 1 xa beneminyaka esixhenxe kwaye kufuneka bafunde uGrade R ngaphambi kokungena "esikolweni sabadala".
Izikolo zikarhulumente zisenemithetho ethi isikolo samkela abantwana baloo mmandla sikuwo, ngoko kubhetele ukukhawuleza umfumanele isikolo umntwana wakho ukuze ufumane onokukhetha kuzo.
Hamba ngestayile
Ukukhetha "iindlela zokuhamba" zomntwana
KUZA kufuneka ube neprem xa ufun' ukuphuma ubethwe ngumoya nosana lwakho. Iintsana zikhula ngokukhawuleza yaye lubanzima usana xa selulukhulu - kuya kukunceda ukuba neprem. Ungayisebenzisa xa uhamba-hamba nosana lwakho, xa nithabatha uhambo olude, ukanti ungaluqhuba ngayo endlwini xa uluthuthuzela.
Ziliqela iindidi zeeprem kwaye zinemisebenzi eyohlukeneyo. Ezinye zenzelwe iintsana esezikhulile ukanti ezinye zezeentsana ezisandul' ukuzalwa.
Iiprem
Ezinye zenzelwe usana olunye okanye iintsana ezimbini, ukanti zingasetyenziswa kusana olusandul' ukuzalwa de lube neminyak' emibini.
Xa uyithengel' imveku, jonga olungakwazi ukulala kuyo kuba imveku ayikwazi ukuhlala.
Ezinye zilula kunezinye, kwaye oko ufanele ukuqwalasele xa uhamba ngezithuthi zikawonke-wonke. Kwakhona kufuneka isongeke lula.
Iistrola neejoga
Xa uchith' ixesha elininzi ngaphandle, kubhetele uluthengele istrola usana lwakho. Istrola luhlobo lweprem elula nelungele iintsana esezikhulile.
Iijoga zona zinamavili amathathu yaye zenziwe zafana neeprem neejoga kodwa zona zinkulu.
Omawukujonge xa uthenga
Xa uthengela umntwana wakho iprem, jonga ubudala bakhe. Jonga ukuba iprem ungayiqhuba lula na. Jonga ubunzima bayo nokuba iyasongeka na.
Ezinye iiprem ziza zinento yonke, zinaso nesitulo semoto usana olungasisebenzisa de lube neenyanga ezintandathu. Ezo ke zibekelwe ubudala bomntwana emva koko awunakuzisebenzisa [x]
Okoomama nootata....
BONA - September 2006
