xhosa.1737.cleaning
YONG'IMALI
XA usoloko unezi zinto zilandelayo ekhitshini awunakuphelelwa zizinto zokucoca ezifikelelekayo nezivanayo nokusingqongileyo:
Iviniga emhlophe: Isusa amafutha, inika ivumba elitsha, ibulala amavumba amabi, kwaye ibulala neentsholongwane.
Ibicarbonate of soda (bicarb): Iyacoca, inukise kamnandi, icoca namanzi.
Iilamuni: zinezibulala-ntsholongwane, ziyacoca, zinukise kamnandi.
IBorax: Iyacoca, inukise kamnandi, ibulal' iintsholongwane - ungayisebenzisela nokubulala izinambuzane. (Qaphela: Nangona iBorax iyimveliso yendalo, iyityhefu ebantwaneni nakwizilwanyana zasekhaya, ngoko mayibekwe kude nazo)
Zenzele ezakho izinto zokucoc' ikhaya
Isicoci sento yonke: Xuba isiqingatha sekomityi yeviniga nekota yekomityi yebicarconate of soda, amanzi esiqingatha selamuni kunye neelitha ezimbini zamanzi. Lo mxube ungacoca ngawo naphi na kuquka nemigangatho. (Qaphela: Ungayigaleli iviniga xa uza kucoca ikhawunta yegranite.)
Umgubo wokukhuhla: Xub' amacephe amane ebicarbonate of soda namacephe amane amanzi wenze intlama.
Ipholishi yefenitshala: Xuba umyinge wamanzi elamuni nemiyinge emibini ye-olive oil (engeyiyo eyokupheka efumaneka ekhemesti) okanye nayiphi na ivegetable oil.
Okokucoc' iifestile: Xub' ikomityi yeviniga emhlophe neelitha ezintathu zamanzi - galela intwana yamanzi elamuni, intwana yedishwashing liquid uze uyigalele kwibhotile yokutshiza.
Isibulala-ntsholongwane nesicoci sethoyilethi: Xub' ikomityi yeBorax neelitha ezine zamanzi ashushu.
Ukususa amabala
Ngelishwa akanakususwa onke amabala, ingakumbi asele ondele.
Into ebalulekileyo kukulisusa ngokukhawuleza ibala lingekondeli. Eny' into ebalulekileyo kukuba ungalihlambi ngamanzi ashushu, okanye uyihlambe impahla ibala ungalisusanga. Lifunxe ibala ngelaphu elicocekileyo (ungalikhuhli kuba uya kulandisa) uze ulihlambe ngamanzi abandayo.
Ngethamsanqa kukho izinto ezisusa amabala ngaphambi kokuwavasa. Fundisisa imiyalelo yokuyisebenzisa ngaphambi kokusebenzisa into yokususa amabala, ujonge nokuba loo mpahla ayibhalwanga ukuba ihlanjwa edry cleaner kuphela na.
Xa uzithele ngento eyenza ibala ungekho ekhaya, ityuwa iyanceda ekufunxeni amabala okutya okunamafutha.
Yiba nebhotilana enesoda water ukuze usule amabala ekhaphethi. Yigalele kancinci kwindawo enebala uze uyifunxe yome.
Ikhandlela ungalisusa ngephepha eliyitawuli ne-ayini efudumeleyo. Xa seliqinile, likrwele ngemela ebuthuntu. (xa lithambile liqinise ngokubeka umkhenkce kulo.) Beka iphepha eliyitawuli uze ubeke i-ayini eshushu ngaphezulu ukuze linyibilike lifunxwe lelo phepha.
Nelingcolise ikhaphethi ungalisusa ngolu hlobo, kodwa ulumke ungayitshisi.
Ukususa itshungam: Beka umkhenkce ofakwe eplastikini phezu kwetshungam. Yakuqina, yikrwele ngemela ebuthuntu. [x]
BONA XHOSA July 2008
IBicarb, iviniga emhlophe nelamuni - ezi "zizixhobo zokucoca" zemihla ngemihla.
Zibalulekile izicoci nezinto zokususa amabala ezithengiswayo ekucoceni amakhaya, kodwa sidla ngokungazihoyi izinto ezivana nendalo ezinamaxabiso aphantsi... Kubhale uGrace Khuzwayo Kufote u-Alexis Diack
Gcin' ikhaya lakho linuka kamnandi
Ifriji: Yicoce rhoqo ngaphakathi nangaphandle ngesicoci sento yonke.
Beka ibhokisi evuliweyo yebicarbonate of soda efrijini ukuze ifunxe amavumba. (Yitshintshe emva kweenyanga ezimbalwa)
Imigqomo yenkunkuma: Fafazela ibicarbonate of soda kumphantsi womgqomo ukuze ubulale amavumba amabi. Kungenjalo ungawufafazela iborax xa ufuna ungabi nevumba nezinambuzane.
Iikhaphethi: Fafazela ibicarbonate of soda uze uyiyeke okwethutyana ngaphambi kokuyivatyhuma.
Zenzele esakho isibulala-vumba: Xuba amanzi elamuni namanzi ebhotileni yokutshiza - uze ugalele amathontsi ambalwa e-oyile.
Ukwenza isicoci sefestile, xuba ikomityi enye yeviniga emhlophe kunye neelitha ezintathu zamanzi - galel' intwana yamanzi elamuni, nentwana yedishwashing liquid ugalele ebhotileni yokutshiza.
Yokucoca
phantse yonke into ekhayeni lakho
Indlela
Ithowusta
Le yeyona nto ingacocwayo de iimvuthuluka zesonka ziqale ukutsha!
Qiniseka kuqala ukuba ikhutshiwe embaneni nokuba ipholile. Yicocele phezu kwephepha ukuze ungangcolisi. Xa inetreyi ephumayo, yikhuphe uzivuthulule uze uyihlambe emanzini ashushu anesepha, uyomise emva koko. Xa itreyi ingaphumi, jongisa ithowusta ezantsi uze uyishukumise kuphume zonke iimvuthuluka zesonka. Iimvuthuluka ezitshe zancamathela ungazisusa ngebrashi yamazinyo okanye isicoci semibhobho. Ungasebenzisi into eyintsimbi kuba iya konakalisa i-elementi.
BONA XHOSA July 2008
Ukucoca kwenziwe lula
Amagumbi okuhlambela
Intlama yebicarbonate of soda ekhe yakhankanywa ngaphambili iyicoca kakuhle ibhafu nesityana sokuhlamb' izandla.
Izitya
Ukuze ubenezitya ezicocekileyo, galel' icephe lebircabonate of soda namanzi esiqingatha selamuni emanzini ozihlamba ngawo. (Ungazifaka neelamuni ozikhamileyo ukuze zibulale amafutha zivuselele namanzi ozihlamba ngawo)
Iidreyini
Ukuvula iidreyini ezivalekileyo: Galel' isiqingatha sekomityi yebicarbonate of soda nesiqingatha sekomityi yamanzi uze uyivale. Lo mxube uya kwenza amagwebu uze ugalele amanzi abandayo emva kwesiqingatha seyure. (Qaphela iviniga ungayisebenzisi ngaxesha-nye nebhlitshi okanye ezinye izicoci zedreyini, okanye emva kokuba ezi zinto bezikhe zasetyenziswa, kungenjalo kuya kuphuma ulophu oluyingozi.) Xa amanzi ehamba kancinane kwidreyini, galel' ikomityi yetyuwa nekomityi yebicarbonate of soda, uze ulandelise ngeketile yamanzi abilayo.
Iiketile
Iketile ejike ibala kukungcola ungayizalisa ngamanzi neviniga emhlophe, uze uwubilise loo mxube. Yihlambulule izihlandlo eziliqela ngaphambi kokuba uyisebenzise kwakhona, ungabilisa namanzi uwachithe emva koko ukuze iti yakho inganuki iviniga!
Ivasi
Galela isiqingatha nangaphezulu sekomityi yebicarbonate of soda kwivasi yakho ukuze ithambise amalaphu isuse namabala - ungagalela namanzi elamuni ukuze ibenevumba lendalo.
Imicrowave
Susa amabala okutya ngentlama yebicarbonate of soda, okanye ngesicoci sento yonke. Kungenjalo sika ilamuni phakathi, ulikhame amanzi kancinane, ulibeke esityeni samanzi uze uwabilise kwimicrowave. Umphunga uya kuthambisa ukungcola. Emva koko yosule yome.
Iikhethini zeshawa
Zihlambe umatshini wokuvasa ucotha okanye uzivase ngezandla ugalele ikomityi yebicarbonate of soda okanye ikomityi yeviniga emhlophe emanzini ozihlamba ngawo.
I-ayini ekhupha umphunga
ungasebenzisa lo mxube uxelwe ngasentla ukuvula imingxuma ye-ayini uze uyiyeke ikhuphe umphunga de aphele amanzi. Yihlambulule uze uyigalele amanzi acocekileyo uyiyeke iwakhuphe engumphunga nawo.
Indlu yangasese
Ukuze ubenendlu yangasese ecocekileyo, galel' ikomityi yeBorax ilale esityeni sethoyilethi. Ngengomso yikhuhle uze uyigungxule ahambe amanzi.
BONA XHOSA July 2008
Amacebiso eengcali
UWenzile Mpanza ongumpheki kwihotele ephambili eThekwini
"Sizihlamba ngeviniga yonk' imihla iindawo esisebenzela kuzo nemigangatho. Izigcina zicocekile kwaye zimenyezela ukanti ibulala neentsholongwane. (Xuba ikomityi yeviniga neelitha ezimbini zamanzi.)
Xa siza kucoca iindawo ezinkulu sisebenzisa izicoci ezithengwayo.
Xa sisusa amabala kwiyunifom zethu siqale siwafunxe ngetyuwa ukuze kusuke ukutya. Xa ithuba lingekho njengoko usazi ukuba abapheki basoloko bexakekile, sitshintsha nje amaqhosha ukuze elo bala lisithele." (Yiloo nto abapheki benxiba iibhatyi ezinezifuba ezibini!)
ULindiwe Kuzwayo ongumthungi odume kwihlabathi lonke nokwaneB&B
"Ndisebenzisa okokususa amabala ngaphambi kokuyivasa impahla, kungenjalo xa ilaphu livuma ndixuba ityuwa namanzi elamuni ndimanzise ngaloo mxube ibala emva koko ndilihlambe."
