XHOSA.1733.stars
Okuxelwa Ziinkwenkwezi
BONA XHOSA - March 2006
Umsebenzi: Uza kuba senkcochoyini emsebenzini xa uphucul' isakhono sakho.
Impilo: Phumla kakhulu. Uza kugula xa usebenza ngamandla.
Imali: Yiqingqe ngobuchule imali.
Uthando: Lufuna uhoyo kakhulu ngoko zinik' ixesha uluhoye.
Umsebenzi: Uza kuthandwa ngabakuphetheyo nabaxumi bakho.
Impilo: Kufuneka wenze iinguqu ukuze uphucule impilo yakho.
Imali: Yandis' amathuba okwenza nokong' imali.
Uthando: Liyakuphembelel' iqabane lakho.
Umsebenzi: Impumelelo yakho ixhomekeke ekuncedeni abany' abantu.
Impilo: Zinik' ixesha lokubuyisel' amandla.
Imali: Lungis' iimeko zemali ukuze ungangeni ematyaleni.
Uthando: Lumka - kuza kubakho iinguqu eluthandweni.
Umsebenzi: Uza kuba nexesha elimnandi!
Impilo: Ungazikhathazi kakhulu.
Imali: Uza kuba nethamsanqa lemali.
Uthando: Zilungiselele ukumelana nobunzima oza kuhlangabezana nabo.
Umsebenzi: Xa umilisel' ingqondo uza kwenza bhetele.
Impilo: Phucul' indlela otya ngayo nempilo yakho.
Imali: Ungayichithi kakhulu imali.
Uthando: Uza kuba namathuba amaninzi othando.
Umsebenzi: Iimeko zasemsebenzini ziza kuwuphucul' umsebenzi wakho.
Impilo: Uza kuba namandla.
Imali: Uza kong' imali xa uyiphatha ngobuchule.
Uthando: Uyayazi into omawuyenze ukumelana neengxaki zothando.
Umsebenzi: Ziza kutshintsh' iinjongo zakho yaye uza kwenza nto yimbi.
Impilo: Kubalulekil' ukuhlis' inqanaba loxinzelelo.
Imali: Ungayixhalabeli imali, yek' ukuyichitha kakhulu.
Uthando: Yek' ukuxhomekeka kwiqabane lakho, lixhase.
Umsebenzi: Zilungiselel' ukumelana nomsebenzi onzima.
Impilo: Ukukhathazeka kuza kuphazamisa imithambo-luvo yakho.
Imali: Phand' amathuba amatsha - uza kwenza imali ethe chatha.
Uthando: Nxibelelana neqabane lakho ukuze nihlale niseluthandweni.
Umsebenzi: Lindel' iinguqu neengxaki.
Impilo: Zilolonge ukuze womelele.
Imali: Uza kuba nethamsanqa ube nemali ethe kratya.
Uthando: Uza kukonwabisa umtshato. Xa ungatshatanga, khetha umyeni.
Umsebenzi: Lumka. Ungenz' izinto ngongxamo.
Impilo: Xa udinwe kakhulu yiya kuxilongwa.
Imali: Lumka phambi kokwenz' izivumelwano ukuze ukhuseleke.
Uthando: Uza kwaneliseka eluthandweni, zinik' ithuba lothando.
Umsebenzi: Impumelelo yakho ixhomekeke emsebenzini owenzayo.
Impilo: Zikhulule emphefumlweni ukuze ube sempilweni.
Imali: Ungenzi izinto eziza kukufak; engxakini.Uthando: Uthando lwakho luyakukhulisa kwaye uza kufunda lukhulu kulo.
Umsebenzi: Lixesha elililo lokutyhalela phambili. Uza kuphumelela.
Impilo: Yenz' imithambo uphucul' indlela otya ngayo.
Imali: Qingq' imali ngobuchule uza kulungelwa.
Uthando: Lixesha lokwanelis' iimfuno zothando. [x]
