xhosa.1720.hair
UNYAKA OMTSHA,
inkangeleko entsha!
IINWELE
Zitende uzithengele iwigi utshintshe inkangeleko yakho...
IIWIGI zikunika inkululeko yokuba ubelibhinqa ofuna ukuba lilo, kwaye ingakwenza ufane nendumasi xa ufuna. Kodwa ke ulumke ungenzi isigqibo oza kuzisola ngaso. Kuhle ujonge ezi zinto zilandelayo phambi kokuthenga iwigi.
1 THATHA ISIGQIBO: Phambi kokuya kuthenga iwigi, cinga ngestayile, uhlobo leenwele, ubude nombala owuthandayo.
2 BALISISA: Bala imali onayo. Iwigi yehuman-hair inexabiso elixhomileyo kuneyeenwele zokuzenzela. Kodwa zininzi izinto ongazenza ngewigi yehuman-hair. Xa iyiwigi eneenwele ezolulekileyo uyakwazi ukuyiphotha. Xa sele ziphothiwe, uyakwazi ukuzolula. Ungayitshintsha umbala okanye uyikhanyise ngombala. Uyakwazi nokuyicheba.
3 CWANGCISA: Thatha ixesha lakho xa ukhetha iwigi, xa unako cela iingcebiso kwingcaphephe yakho yeenwele. Xa usiya evenkileni qiniseka ukuba iinwele zakho zicocekile kwaye zikanywe zathi nca ukuze ukwazi ukulinganisa ubone ukuba iwigi iza kuhlala njani kuwe.
4LUNGISA: Ukuba unako sebenzisa ikhamera yefowuni yakho, ukuzifota unxibe iiwigi ezohlukeneyo. Ukhumbule ukuba kufuneka kubonakale ngathi ziinwele zakho. Ezinye iiwigi zifuna ukulungiswa ukuze zikufanele.
5YINONOPHELE: Iiwigi ezininzi ziza nemiyalelo kodwa ukuba eyakho ayinayo, buza abantu bevenkile okanye umlungisi-zinwele wakho. Kubalulekile ukulandela imiyalelo yokunonophela iwigi. Ukuba bathi ungasebenzisi bushushu, ungazisebenzisi iitong okanye ihair drier. Ukuba awuyilandeli imiyalelo, iwigi yakho iza kumoshakala.
6THENGA: Xa sele uyithengile iwigi, yeyakho. Iivenkile ezininzi aziyamkeli iwigi xa uyijikisa, ngoko qiniseka ukuba uyayithanda xa uyithenga. Zikhona iiwigi ezilungele amabhinqa onke neendidi zonke zamatheko, ngoko fumana ekulungeleyo.
Zikho esizichongileyo ukuze nawe uthabatheke, zonwabele. [x]
Umbhali: Faith Seuoe
Umfoti: Ivan Naude
Iinwele nolungiso-buso:
Faith Seuoe
Imodeli: Nancy, G3
Ifunky fro
Ezinye iiwigi ze-Afro ngathi zezokunxitywa kwimidlalo ehlekisayo yeqonga kuphela kodwa le iwalungele amatheko amaninzi kuba inemiphotho ethambileyo. Intle naxa uyinxiba yonk' imihla emsebenzini okuvumelayo.
Isleek & long
Ezinye iiwigi zikunika iinwele ezinde ngoko nangoko - nefrinji xa uthanda. Yibophe emini uyikhulule ebusuku. Okanye wenze iqhuma emva okanye ecaleni.
Ishaggy bob
Yeyona ilungileyo xa uqala ukuba newigi ayisindi kwaye kulula ukuyijika-jika. Intle xa inje emsebenzini usebenzise iminwe okanye ikama untsale iinwele zize phambili ukuze wenze ifrinji, ubenomtsalane xa usiya ethekweni.
