xhosa.1712.yourlifeguide_stars
Inyanga yakho
Wena: Phucula indlela obukeka ngayo.
Umsebenzi: Lixesha elinzima, uza kuvuzwa ngokusebenza nzima.
Imali: Wena nomhlobo wakho ningeza neembono ezintle zokwenz' imali.
Uthando: Lixesha lokuba uphulaphule ukuba sithini isinqanda-mathe sakho.
Iintsuku zethamsanqa: 24, 25, 26
Iinombolo zethamsanqa : 7, 10, 11, 25, 42, 48
Wena: Uyabuthanda ubomi kwaye bukuhambela kakuhle.
Umsebenzi: Cinga okuhle kungenzeka unyuselwe.
Imali: Fumana iingcebiso ngemali.
Uthando: Yiba nothando kwaye ubeluncedo kwiqabane lakho.
Iintsuku zethamsanqa: 1, 27, 28
Iinombolo zethamsanqa: 1, 4, 12, 14
Wena: Lixesha lokwenza izicwangciso zengomso.
Umsebenzi: Yonyusa amathuba akho omsebenzi ngokufunda.
Imali: Yiphathe kakuhle imali yakho, ungazibona sele unemali esecaleni.
Uthando: Umntu omtsha unomdla.
Iintsuku zethamsanqa: 2, 3, 29, 30
Iinombolo zethamsanqa: 15, 19, 22, 26, 28, 36
Wena: Zimisele kwinto oyenzayo uya kuphumelela.
Umsebenzi: Usenokudibana nomntu obalulekileyo kwezoshishino.
Imali: Iimbono ezintle zingakwenzela imali kwixesha lakho elisecaleni.
Uthando: Thand' iqabane lakho.
Iintsuku zethamsanqa: 4, 5, 31
Iinombolo zethamsanqa: 9, 24, 32, 33
Wena: Lixesha elihle lemibono emitsha nokwenza izicwangciso zekamva lakho.
Umsebenzi: Unako ukucel' umngeni kuba ithamsanqa lingakuwe.
Imali: Sebenzisa iitalente zakho ukwenza imali.
Uthando: Ubuhlobo buyaqandusela.
Iintsuku zethamsanqa: 6, 7
Iinombolo zethamsanqa: 13, 29, 34, 37, 39, 41
Wena: Ubomi bubonakala buhamba kakuhle, oko kwenza kubelula ukuthabatha izigqibo.
Umsebenzi: Yonwabel' ukudibana nabantu - ungafuman' iingcebiso ezizizo.
Imali: Kuza amathuba okwenza imali!
Uthando: Zinik' ithuba lakho wedwa neqabane lakho. Ningonwaba.
Iintsuku zethamsanqa: 8, 9
Iinombolo zethamsanqa: 6, 17, 18, 21, 30, 38
Wena: Izicwangciso zekamva lakho zikuhambela kakuhle.
Umsebenzi: Zimisele emsebenzini uza kuzuza.
Imali: Iindlela ezinomdla zokwenza imali ziyakutyhilekela. Zisebenzise.
Uthando: Uthando lusemoyeni. Ukuba awunamntu, lindela uthando olutsha.
Iintsuku zethamsanqa: 10, 11
Iinombolo zethamsanqa: 1, 5, 9, 13, 23, 28
Wena: Uyakwazi okufunayo, oko kufezekisa iinjongo zakho.
Umsebenzi: Kuya ngokubalula ukujongana neemeko zakho kwaye izinto zikuhambela kakuhle.
Imali: Qwalasel' indlela osebenzisa ngayo imali yakho. Zama ukonga.
Uthando: Kuza amaxesha olonwabo ngoko ke cinga ngothando.
Iintsuku zethamsanqa: 12, 13, 14
Iinombolo zethamsanqa: 3, 6, 22, 24, 42, 49
Wena: Qhuba nokwenza izinto ezikunika umdla - uza kufumana iziphumo ezihle.
Umsebenzi: Yiba lidela-ngozi, iza kubenza ubomi bakho bubenomdla.
Imali: Usenokuba nethamsanqa.
Uthando: Kule nyanga unobubele kwaye uthetha kuvakale. Ungakufumana okufunayo kumntu wesinye isini.
Iintsuku zethamsanqa: 15, 16
Iinombolo zethamsanqa: 4, 8, 16, 34
IINKWENKWEZI ZAKHO
Wena: Zixolise ngokufuna iimpendulo emthandazweni.
Umsebenzi: Sebenza nzima, uzokhula.
Imali: Uza kufumana imali ekufaneleyo.
Uthando: Ukuba awunamntu kwaye uyamfuna, phuma udibane nabantu.
Iintsuku zethamsanqa: 17, 18
Iinombolo zethamsanqa: 2, 10, 14, 21, 27, 37
Wena: Lixesha lokonwaba.
Umsebenzi: Fumana inkuthazo ebantwini abaphumeleleyo ulinge ukwenza izinto ezintsha.
Imali: Dibana nabantu ababalulekileyo.
Uthando: Ukuba awunamntu, uthando lulo oluza kufumana wena.
Iintsuku zethamsanqa: 19, 20, 21
Iinombolo zethamsanqa: 7, 15, 31, 33, 38, 40
Wena: Bambelela elukholweni - uza kulufumana uncedo.
Umsebenzi: Iingxaki onazo emsebenzini ziyasombululeka.
Imali: Eli lixesha elihle lokukhangela iindlela zokwenz' imali.
Uthando: Yonwabela amaxesha amnandi.
Iintsuku zethamsanqa: 22, 23
Iinombolo zethamsanqa: 19, 35, 39 [x]
IIMPAWU ZEENKWENKWEZI ARIES: Inkunzi yegusha, Igusha, Ithole
TAURUS: Inkunzi, Inkomo, Inkabi
GEMINI: Amawele, uCastor noPollux, ne-Pillar of Hercules
CANCER: Unonkala, umnamvuni, Inkubabulongwe
LEO: Ingonyama, ikati, uHercules
VIRGO: Intombi enyulu, Ihlahla eliluhlaza, i-Ear of Wheat
LIBRA: Isikali
SCORPIO: Unomadudwane, Ukhozi, Inyoka
SAGITTARIUS: Umtoli, Ihashe-mntu, Utolo
CAPRICORN: ISeagoat, Idolfini
AQUARIUS: Iselwa, Isitya samanzi
PISCES: Zonk' iintlanzi, Umlobi
