xhosa.1706.sisarah
ABAFOTIWEYO BAYALINGANISA
NDILIBHINQA elineminyaka engama-30 yaye ndincuma nendoda eneminyaka engama-70. Siqale ukuthandana ngo-2002 yaza yandicela ukuba ndiyohlala nayo kuba yaluphele, nam ke ndavuma. Sisaqala ukuhlala kunye yayindiphethe kakuhle, kodwa ngoku akusenjalo! Iza namabhinqa encuma nawo silal' ebhedini enye nawo, ize ilale nathi sonke. Isandul' ukundixelela nokuba icele eliny' ibhinqa encuma nalo ukuba lizohlala nathi kuba babuyelene.
Andazi ukuba mandithini kuba ndisayithanda le ndoda.
nguBA, e-Edenvale
Ndiqal' ukuyiva ke le yendoda eneminyaka engama-70 eyenza izinto ezinjalo! Nangona kusothusa oku kwenziwa lixhego elingako, kodwa uyafana namany' amabhinqa anamaqabane angathembekanga
Zimbini izinto ongakhetha kuzo.
Ungayinyamezela le meko kuba uyithanda na le ndoda. Kungenjalo ungathi kuyo mayikhethe phakathi kwakho namany' amabhinqa encuma nawo.
Uvakala ngathi icebo lokuqala sele ulikhabile. Kaloku asithethi ngokuba semtshatweni wesithembu apha, kunjalo?
Akusosithembu esi. Apha sithetha ngendoda ethand' iilokhwe - ngoko ungatsho kuyo ukuba mayikhethe phakathi kwakho namany' amankazana ayo?
Zibuze ukuba: Ingaba ngenene uyayithanda le ndoda, okanye uyayivela kuba yaluphele? Uvakala ngathi yiloo nto eyakwenza wavuma ukuhlala nayo. Mhlawumbi ngoku uyoyika ukuyibuza ngento eyenzayo kuba kungenzeka ikugxothe emzini wayo.
Xa kunjalo, kufuneka wazi ukuba awunakuzifumana zombini ezi zinto. Xa usoyika ukuba uya kuphulukana nenkxaso-mali obuyifumana kule ndoda ngokwahlukana nayo, kuza kufuneka uyinyamezele into eyenzayo.
Kodwa xa uyithanda nyhani le ndoda yaye ufuna ukuqhubeka nokuthandana nayo, thetha nayo ngengxaki yakho.
Yikhumbuze nokuba ukulala nabantu abaninzi kuyingozi. Kungenzeka yona ayisakhathali nge-AIDS kuba yaluphele, kodwa wena usemtsha...
Xa ke ingaziboni izinto njengawe, iya kuba yona ayikuthandi.
Ngathi ufeketha ngexesha lakho kolu thando - ubeka nempilo yakho engozini! Kodwa thetha nayo.
Ndiphambene luthando?
Ingxaki yam kukuba ndililolo. Ndandinomfana endandincuma naye kwaye yonk' into ihamba kakuhle de ndamkel' uThixo. Umfundisi wam wathi akulunganga ukuthandana ube ungumKrestu. Ndandimthanda ngentliziyo yam yonke loo mfana, kodwa ndamlahla ndakwamkela uThixo.
Emva kweenyang' ezimbalwa, ndafumana ukuba icawe ineengxaki nobuxoki, ndayiyeka. Ukususela ngoko ndisoloko ndicinga ngomfana endandincuma naye.
Ndiyoyika nokumfowunela. Ndiya kuthini xa sele wazifumanela omnye umntu? Ndiya kudana ndibebuhlungu. Ingaba ndiphambene luthando lwalo mfana? Andikwazi nokuqhubeka nobomi bam kuba ndiyamthanda. Ndincede!
nguVB, e-Amsterdam
Awuvakali uphambene luthando! Qha walukuhlwa, walandela iingcebiso owawucinga ukuba zizizo, waza wohlukana nomntu obumthanda.
Kubhetele ulandele okusentliziyweni yakho. Zama ukubonana nalo mfana umchazele okwenza wahlukana naye. Ndinethemba uya kwamkela wakumchazela okwenzekayo.
Kodwa xa engakwamkeli okanye esithi sele enomnye umntu, kwamkele oko.
Oko kuya kukukhulula kwintlungu yakho, uyeke nokusoloko ucinga ngaye.
Ufanele wazi ukuba usakuthanda na ukuze nithabathise apho naniyeke khona, kungenjalo ufumane omnye umfana ongathandana naye.
Ilungu lam lithambile
Ndineminyaka engama-33 kwaye nditshatile ndinabantwan' ababini abasebancinane. Ndiqaphele ukuba emva kokubeleka umntwana wesibini, ilungu lam langasese lise latwabu-twabu. Ndinexhala lokuba oku kuza kundishiyisa ngomyeni wam. Ikhona into endingayenza ukuze liqine njengakuqala?
Okhathazekileyo, eJoburg
Ingxaki yakho yinto eyenzekayo, ngoko musa ukukhathazeka! Ukubeleka kulenza livuleke ilungu lebhinqa, kodwa izihlunu ziyabuya kwisithuba esingunyaka ubelekile.
Ukuze kukhawuleze ukwenzeka oko kukho umthambo olula ongawenza. Lo mthambo ungawenza nokuba uphi na - kwaye akukho mntu uya kukubona xa uwenza.
Okwenzayo nje kukufinyeza izihlunu zelungu lakho langasese njengaxa ubamba uminca umchamo. Zifinyeze imizuzu emihlanu, uphinde uziyekelele. zama ukukwenza kali-10 oku ngexesha yaye ukwenze kahlanu ngemini.
Ndilind' ixesha elingakanani?
Sineminyaka engama-26 nomfana endincuma naye kwaye sobabini sisuka kwilali enye, kodwa yena uphangel' eRhawutini. Ndimbona xa ebuyile emsebenzini, kodwa inye ingxaki yothando lwethu. Unamany' amankazana ancuma nawo.
Enye yeyalaph' elalini, yaye ihlala kufutshane nakowabo lo mfana. Xa ebuyile okokuqala ubonwa yile nkazana kuphela. Xa ephinde wabuya ubonwa yintombi anomntwana nayo ndingamboni mna.
Mna ndimbona xa ebuya okwesithathu. Ndimthanda njengamany' amankazana esimbanga nawo.
Uthe lo mfana mandingamfowuneli okanye ndimtyelele engatshongo. wamphika umntwana ndakukhulelwa. (Ngelishwa saphuma eso sisu.)
Ngoku ndifumene ukuba unenye futhi inkazana!
nguZB, eWesley
Xa uphulaphula le ndoda uya kuzibona uyilinda ubomi bakho bonke... uze ugqibele ungonwabanga. Uyakusebenzisa ukufeza okufunwa nguye.
Uthi uyayithanda le ndoda, kodwa yicingisise indlela ekuphethe ngayo. Kucacile ukuba awonwabanga kolu thando, kodwa uyoyika nokohlukana naye.
Kucacile ukuba le ndoda ayikuthandi kwaye ngoxa ulindile, ufeketha ngexesha lakho ongawulisebenzisa ukufumana umntu okuthanda ngenene!
Zicingele wena, ulahle lo mfana ufumane umntu oza kukuthanda ngenene. [x]
amandl' obomi
Ndinama-30 eminyaka, indoda inama-70, inamabhinqa encuma nawo
BONKE BALALA NDAWONYE
Ixhego
elinezimbo
USis Sarah
ukho ukuze
aphendule
imibuzo
yakho, ngethemba lokuba uza kuphilisa iintliziyo ezaphu-kileyo
Mbhalele kule dilesi:
Ask Sis Sarah,
Box 32083, Mobeni
4060.
Qaphela:
USis Sarah
akwazi
ukukucebisa ngeengxaki
zempilo.
indwalutho yale nyanga
Umdlali webhola
25.10.80
U-"Mbazo"wazalelwa eJoburg kwaye wadlala okokuqala kwiBlackburn Rovers ngoJanuwari 2005. Usandul' ukogqitha uShaun Bartlett ngenani lemidlalo yeqela lelizwe ayidlalileyo.
IINKWENKWEZI
BONA xhosa december 2008
(Mar 21 - Apr 20) Okuhle kungecala lakho ngeli xesha ngoko sebenzisa oko ukufezekisa umnqweno wakho wakudala. Uza kuqhuba kakuhle ukuba ungumyili okanye ukwezemidlalo.
(Apr 21 - May 20) Qwalasela impilo yakho nococeko - kufuneka womelele ubukeke xa ufuna ukuphumelela kwezoshishino. Yenza izicwangciso ubambelele kuzo.
(May 21 - Jun 21) Eli lixesha elilungele izivumelwano zexesha elide uphucule namalungiselelo owenzileyo. Umsebenzi uza kukuhambela kakuhle kwaye lindela nokuthandwa ekuhlaleni.
(Jun 22 - Jul 22) Qalisa into entsha - ungazivulela indlela entsha eza kukuzela nenzuzo ukuba usebenzisa okufundileyo. Uza kuba nento oyifumanayo ukuba uyazisebenzisa iimbono zakho.
(Jul 23 - Aug 23) Ulidela ngozi kwaye eli lixesha elihle lokukhenketha ubone iindawo nosapho lwakho. Uza kuba nakho ukuzimela iimbono ezinexabiso kuba ithamsanqa lingakuwe kule nyanga.
(Aug 24 - Sep 22) Qwalasela ishishini okanye umsebenzi wakho ngeli xesha usenethuba lokuphucula umgangatho nengeniso lakho. Uza kuba nethamsanqa ukuba awusebenzi, okanye ufuna ukuwutshintsha.
(Sep 23 - Oct 22) Lixesha elihle lobuhlobo, ngoko qhubeka nokuqhagamshelana nabahlobo uze ulungiselele ukobongeza. Iingcebiso zomntu osandula kudibana naye ziza kukunceda uphumelele kwaye uzithembe.
(Oct 23 - Nov 22) Ukholo nomthandazo zingakunceda uyeke iintandabuzo ukwazi ukoyisa iingxaki ezininzi odibana nazo. Yithembe indlela ocinga ngayo - iza kukunceda kwiimeko ohlangabezana nazo.
(Nov 23 - Dec 21) Lo ngunyaka wempumelelo kwezomsebenzi nakwezasekuhlaleni. Walandele ngokuzithemba amaphupha akho kuba uyakuwongwa xa ucwangcisa ngendlela.
(Dec 22 - Jan 20) Funda ukuphatha imali yakho ngendlela. Musa ukuchitha imali kwizinto ezingenamsebenzi xa ufuna ukugcina imali. Xa uzimisele ngenene uza kuyifumana enye indlela yokwenza imali.
(Jan 21 - Feb 19) Khangela amanye amathuba emsebenzini. Uyakwazi ukuzibonakalisa kudliwano-ndlebe lomsebenzi, ngoko qhagamshelana nabantu abangakunceda.
(Feb 20 - Mar 20) Zinike ithuba ube kunye nosapho lwakho ukuba ufuna ukuphucula ubuhlobo bakho neqabane lakho. Sebenzisa isakhono sakho ukuze konwatywe ekhaya. [x]
IINKWENKWEZI ZAKHO
