xhosa.1376.your_letters
Bhotani bahlobo
Kukho intetho yamaJuda endiyithandayo ethi: uThixo wayengenakuba kwindawo yonke, ngoko wadala oomama.
Oomama ke balibaleka lula njengoThixo, imisebenzi yabo - kwaye akutshiwo ukuba "Enkosi" rhoqo njengokuba kufanelekile.
Njengokuba nam ndingumama osemtsha, ndibonile ukuba akuyondlwan' iyanetha ukukhulis' umntwana.
Kodwa abona mama bathwele nzima ebomini ngabo banabantwana ababafumana bengekatshati kuze kunyanzeleke ukuba babashiye kwizalamane xa betshata.
Kunzima ukukhetha phakathi komntwana wakho nomntu omthandayo. Uthi ukholelwa ekubeni abantwana bakho ngabona babalulekileyo, uphinde ubone nokuba ulonwabo lwakho nalo lubalulekile.
Ibali elithetha ngoku likwiphepha lama-32 kwaye ndiyathemba liza kunceda oomama abakhe bajongana nale ngxaki okanye ekuseza kufuneka benze eso sigqibo.
Ngaphandle kokuhlonipha oomama, iBONA neVaseline banikhuthaza ukuba ninonophele ulusu lwenu.
Thumela ibali lakho okanye ubonise ngolusu lwakho kwimisitho eza kuba kumaziko eevenkile ngo-Aprili nangoMeyi. Ungaphoswa kuba ungafumana ithuba lokuvela kwimagazini uxelel' uMzantsi Afrika ngolusu lwakho oluhle.
Eziny' iinkcukacha zikumaphepha aphakathi kwephepha lama-62
nama-63.
De kube lixesha elizayo!
Nihlale nisikelelekile
IILETA ZENU
Sbu
Mpungose
Ileta egqwesileyo
SIBHALELE IIMBONO ZAKHO
Iileta Eziya kuMhleli, Box 32083, Mobeni, 4060
fax: 031-912-2720 e-mail: bona@dbn.caxton.co.za
Ungalisebenzisa igama elingelilo elokwenyani, kodwa sicela usinike igama lakho lokwenene nedilesi. Izimvo ezikweli khasi zezabafundi, ayizozethu kwaye lilungelo lethu ukuzihlela iileta esizikhuphayo.
INGABA ndim bethu? Kule mihla ndibona iintombi ezininzi zemidaka zitshaya. Sekutheni ngoku?
Ndiyazi ukuba amadoda athi amabhinqa akafanelwa kukutshaya. Ndithi mandiyibalule le nto ukuze kucace ukuba esi ayisosizathu esibangela ndixhalabiswe kukutshaya kwamabhinqa.
Eny' into ke kukuba amanye amabhinqa akubona ukutshaya njengendlela yokuzibonakalisa ukuba angamabhinqa azimeleyo. Zininzi iindlela zokubonakalisa oko.
Kodwa ke eyona nto ibalulekileyo kukuba ukutshaya ngumkhuba ombi. Kwaye kuchaphazela nabantu abakungqongileyo, kuba ukuphefumla umsi wecuba kufana nqwa nokutshaya.
Ndiyabeva "abantu abadala" kubo kunganzima ukutshintsha. Kaloku ngexesha labo ukutshaya kwakuyinto evumelekileyo kwaye abantu abaninzi babesazi kungenabungozi! Kodwa ulutsha lumel' ukwazi bhetele.
Kwaye luyazi - kuba bangaphi abantwana abangathandiyo ukubona abazali babo betshaya?
Kodwa okusuke kwenzeke kukuba bathi beneminyaka ethile babe sebetshaya nabo.
Ungaphazami! Ukutshaya akukwenzi mdala. Kwaye ukuba uyintombazana noko ukutshaya ayibobunenekazi kwaye akunamtsalane!
Yeka!
ngu-CX, eWitbank
Imitshato!
Ndikonwabele ukufunda ngomtshato weGenerations (kwiBONA kaSeptemba 2008). Nam ndinqwenela ukuba mtsha kwakhona ndibe nomtshato onjengalo. Umnqweno wam kukuba esi "sizukulwana" siziphathe kakuhle, ukuze ngeny' imini naso sibe nemitshato ekhethekileyo! Masithembe ukuba siza kuhloniphana sibe nendibano yesondo ekhuselekileyo sihlale sikhuselekile!
Sithi phambili kwiBONA!
nguPeggy Pilane, ePotchefstroom
IBONA iyabukeka!
Sekuyiminyaka emininzi ndiyifunda iBONA, kodwa kutshanje ndiqaphele ukuba amabali ayo aya ngokuba mnandi kwaye nenkangeleko yayo iyaphucuka. Ndithi phambili!
nguNtombi K, eThekwini
Kuhle ukwakha
Izandla zethu zinako ukulimaza, kodwa zinako nokuphilisa. Imilomo yethu iyatyhafisa, okanye ikhuthaze. Imilenze ingasisa empumelelweni - okanye kulwaphulo-mthetho.Iingqondo zethu singazisebenzisa ukwenza izicwangciso ezilungileyo - nezingendawo.
Kukuthi - ngoko masizame ukusoloko sisenza okulungileyo nokwakhayo.
Intsebenziswano, uvelwano nobulungisa zezona zixhobo zobuntu.
Makuqale namhlanje kuqale ngawe!
nguMichael Makola, eTembisa
Usapho lwakho phambili
Masizame kangangoko ukugcina iintsapho zethu ndawonye! Masicinge ngabantwana phambi kokuqhawula imitshato. Masizame ukuzilungisa izinto!
Kuhle ukuba nomntu oza kuncedisana naye kule mihla ikekeleyo imeko yezoqoqosho.
Phambi kokuqhawula umtshato, zamani ukulungisa iingxaki zenu, nikhumbule ukuba anisenodwanga kuloo mtshato!
ngu-Albert Moale, eRustenburg North
Kunzima
La ngamaxesha anzima. Minyaka le iqela elitsha lolutsha liyagqiba esikolweni lakugqiba lingafumani misebenzi. Kodwa ke awuphumeleli xa ungazami.
Ungancami nanini na! Zama kangangoko unako, uza kuphumelela.
nguDebrah Mashigo, eMadinyane
Yimigulukudu enobulwanyana
kuphela ekhuthuza abafi
Xa abantu bedlula kwingozi yemoto, ababizi imoto yezigulane, bathatha ispaji neselfowuni yakho. Yingulo leyo ebonakalisa ubulwanyana. Niza kutsha esihogweni!
nguJS, eSomarobogo
Masibagxothe
Masisukume sigxothe abathengisi beziyobisi ezindaweni zethu. Masilwe nabo batshabalalisa ilizwe lethu.
nguLM, KwaXuma
Ixesha lokuthetha liphelile
Masiyeke "ukuthetha ezopolitiko"! Lixesha lokuyeka ukutyhola i-ANC (okanye nabani na). Lixesha lokuyeka ukumamela izithembiso. Ukuthetha kodwa akuncedi. Lixesha lokwenza ngoku! Masisukumeni sisebenze kunye senze eli lizwe lethu lihle lisebenze!
nguSolly Dinkebogile, e-Ikageng
Ungakwenzi!
Ukuzisola nokuphoxeka zizinto zobomi esingenakuziphepha. Aza kubakho amaxesha okonwaba nawokunxunguphala - yindlela izinto ezenzeka ngayo.
Awonwabi okanye uphumelele lonk' ixesha. Kodwa ndiqaphela ukuba abantu abaninzi bayakhawuleza ukuncama, ingakumbi ulutsha.
Awuphumelelanga iimviwo? Uyasokola ukufumana umsebenzi? Ungancami! Naleyo iza kudlula!
Ungazenzakalisi. UThixo uyakuvavanya kwaye awunakungaphumeleli.
nguMP, eMobeni
Masihlale siphilile
Masikhumbule ukuba iingozi ezininzi zenziwa ziimpazamo zabantu. Ingaba eli xesha akulilo elokuba abaqhubi bayeke ukuqhuba ngesantya? Ingaba eli akuloxesha lokuba abaqhubi bavume ukuba abazizo iinkcutshe zabaqhubi njengokuba becinga? Masikhumbule, kuhle "ukufika siphilile".
ngu-Esther Moilwe, eRenosterkraal
Azikho iinkokeli
Ngenene ilizwe lethu liyintlekisa. Bayaphi ubuntu? Endaweni yokuba bazame ukuba ziinkokheli ezilungileyo, iinkokheli zezopolitiko zilibele kukuba ngoziswana zibomvana! Zinyelisa inkxamleko yamaqhawe alwela inkululeko yethu!
nguKL, eMabopane
Khawuzicinge uvakalisa zonke iimvakalelo zakho ngeSamsung M620. AbakwaNashua Mobile bakunika iindlela zokuqhagamshelana nabantu ngeemveliso neenkonzo zeeselfowuni.
Ngeziny' iinkcukacha fowunela ku-0861-531-531 okanye uye ku-www.nashuamobile.co.za
Umbhali weleta egqwesileyo kule nyanga uya kuzuza iSamsung M620 yakwaNashua Mobile
exabisa i-R1 200
Umyalezo obalulekileyo wolutsha lweli
Ukutshaya kubi
Phumelela ne-
SITHI HUNTSHU kwaba bafundi ababe nethamsanqa baphumelela ii-Apple iPod 1GB Shuffles kwiBlock Puzzle No 88 ephume kwiBONA kaFebruwari 2009. Nanga amagama abo: M. Somya, Cookhouse, noMaria Mhlongo, Mabeskraal. Niwonwabele umculo wenu!
Impendulo: Arthur Mafokate
SIVUYISANA noFreddy Matadzi waseKrugersdorp, ophumelele ukhuphiswano lweentsuku ezintathu zokuhlala eMadikwe River Lodge entle obe lukhutshwe kwiBONA kaFebruwari 2009. Ulonwabele ikhefu lakho eMadikwe Game Reserve.
Cinga okuhle
Iingcebiso ezilungileyo ezisuka kubafundi bethu abathathu
Ndilityendyana elineminyaka engama-20 ubudala eliphumelele ibanga leshumi elingazange laba nendibano yesondo. Anditshayi kwaye andiseli. Ndikhathazekile lulutsha lweli lizwe oluzitshabalalisa ngokwalo ngeziyobisi neendibano zesondo ezingakhuselekanga.
Iintolongo nezibhedlela zethu zizele lulutsha olungcungcuthekiswa yimiphumela yokuziphatha kakubi.
Ulutsha maluzimisele ekuphuculeni ingomso lalo, ngokuzimisela lufunde nokuzibandaka kwezemidlalo. Kufuneka luthabathe onke amathuba avelayo ukuphucula ubomi balo.
Ngokusebenzisana singayiphumelela imfazwe yokulwa notshaba lwesizwe.
nguMfundiso Smith, eKokstad
Ukuba sifuna ukuphila ubomi obumnandi masizigade iingcinga ezingendawo. Simele sikhethe ukucinga, siphile kwaye senze okulungileyo!
Kufuneka sifune ukwenza okuhle! Ukucinga okuhle kukukhokelela endaweni ezintle.
nguC Sepeko, eJouberton
Ndiwabonile amahlwempu esiba zizityebi. Ndibabonile abantu abaneziphene emzimbeni bephumelela. Ndibabonile abantu abangafundanga befikelela enkcochoyini. Bonke aba bantu bafana ngento enye - bakhethe ukuphucula ubomi babo, nokuba imeko yabo ithini na.
Ukuba bona banakho, wena woyiswa yintoni?
ngu-Aaron Tlou, eTweefontein
