xhosa.1698.letters
SIBHALELE IIMBONO ZAKHO
Iileta Eziya KuMhleli, Box 32083, Mobeni, 4060
fax: 031-912-2720 e-mail: bona@dbn.caxton.co.za
Ungalisebenzisa igama elingelilo elokwenyani, kodwa sicela usinike negama lakho lokwenene nedilesi. Izimvo ezikweli khasi zezabafundi, ayizozethu kwaye lilungelo lethu ukuzihlela iileta esizikhuphayo.
Ithemba ngoMzantsi
Viva nyamezelwano! Viva "kuphila kwabantu"!
U KUKHULA ndingumntu omnyama kwakunzima kuba ndandingafani nabany' abantu. Bonk' abantu babendibona ndingeyondoda yokwenene. Mhlawumbi oko kwakubangelwa kukuba ndakhulela emzini owawunamabhinqa kuphela. Ngelo xesha ndandingazi kwanto ngokuba "geyi."
Eziny' iititshala zazizama ukundikhusela, kodwa ezinye zazindenz' intlekisa ngokuba "ndibufazirha." Amany' amakhwenkwe ayendingomba rhoqo, esithi andenza "indoda."
Ayekho amakhwenkwe anjengam, kodwa andizange ndifune ukuba ngabahlobo bawo kuba ndandibhidekile. Ndikhumbula enye indincamisa mhla kwakuvalwa izikolo isithi indinqwenelel' ingomso elihle. Ndaqonda ngoko ukuba ndiyithanda kangakanani.
Emva kokuya esuthwini kwaXhosa ndazama ukuphila ubomi "obuqhelekileyo" kodwa andizange ndonwabe ngokupheleleyo.
Ndakufunda inqaku leBONA lokutshatana kwamadoda (August 2007) ndayiva ixhuma intliziyo yam.
Ndisenengxaki nomcimbi wesini sam, kodwa kuyavuyisa ukubona ilizwe laseMzantsi lihamba ekhondweni elililo ngokufunda ukunyamezelana.
Kwaye iBONA iyanceda ukusasaza ithemba ngokukhupha amanqaku anjalo. Anga uThixo anganisikelela!
Vuyolwethu Mfumbe, Mossel Bay
Viva BONA!
BONA uyinkwenkwezi ekhazimlayo. Ungumhlobo wam wenene. Kumnandi ukulala usecaleni kwam. Owu kumnandi!
BONA, ndiya kusoloko ndikuthanda.
Enkosi ngobukho bakho!
nguPL, eSoweto
Ihlazo lika-2010
Liphelil' ixesha kuba u-2010 akafikanga ugalelekile, ukanti imbi imeko yebhola kweli! Sesibe neminyaka eli-14 yokuyilungisa kodwa yintoni eyenziweyo ukuyiphucula?
Incinane gqitha!
Siza kuba yintlekisa kwihlabathi!
nguFB, eBoipatong
Umyalezo wabafundi bematriki ku-2008
Imfundo sisiseko selizwe eliphumelelayo. Awunakuba nanto xa ungafundanga.
Iziqhamo zengomso zikwimbewu yanamhlanje - kwaye loo mbewu yimfundo.
Ndibanqwenel' ithamsanqa abafundi bematriki ngo-2008 - zimiseleni yaye nomelele, niphephe izinto eziya kunitshabalalisa.
nguJohannes Mlangeni, eSebokeng
Ingaba iyasebenza i-OBE?
Ingaba ayifuni enye ingqwalasela inkqubo yemfundo ye-OBE? Le nkqubo ineminyaka eli-10 isetyenziswa kodwa zithini iziphumo zayo?
Azixolisi tu.
Ndizibona ndaba nethamsanqa ngokwenza imatriki yam "ngenkqubo yemfundo endala." Loo nkqubo yayinazo iingxaki zayo, kodwa sasikwazi ukufunda.
Inkqubo ye-OBE ivakala ilula emlonyeni, kodwa iza kwenza iititshala zibe ngathi aziwazi umsebenzi wazo. Ingaba abafundi bavuthwe ngokwaneleyo ukuba bakhethe inkqubo yemfundo abayifunayo?
I-OBE ifun' ukunikwa enye ingqwalasela ngokukhawuleza xa singafuni ukuba nezizukulwana ezizayo ezingafundanga kakuhle.
nguJoseph Thabiso,
eBloemfontein
Yisebenzis' ingqondo
Ingqondo yakho ingakukhupha ebuhlwempini ikwenze ubesisinhanha. Kaloku ingqondo sesona sixhobo sakho sikhulu, esingarusiyo nesiya kuba buthathaka xa ungasisebenzisi. Eyona ndlela ilungileyo yokusebenzis' ingqondo yakho kukuthwala uxanduva lobomi bakho! Kufuneka ubenemfundo uze usebenze nzima ukuzalisekisa amaphupha akho.
nguAndrew Noge,
eJukskei Park
Zithandeni!
Baninzi abantu abangayithandiyo into abayiyo. Omnye umva esithi: "Akwaba bendimde kunoku." Uze uve omnye esithi: "Akwaba bendimfutshane kunoku." Kukho nabo bafuna ukuba neziqu ezincinane, okanye abafuna ukuba nolusu olukhanyayo.
Asonwabi ebomini bethu kuba sifuna ukufana nomntu othile.
Yamkele into oyiyo. Funda ukuzithanda kuba xa ungazithandi wena awusayi kuthandwa mntu.
Imbonakalo yakho yangaphandle ayikuxeli ukuba unjani. Ubuhle abubonwa kwilokhwe oyinxibileyo!
Gxininisa kwizinto ozenza kakuhle, uzithande uyinto oyiyo, uya kuba mhle ngaloo ndlela.
nguPN, eRandfontein
Zenzele ngokwakho
Njengomntu omtsha, ndifun' ukukhuthaza ulutsha lweli ukuba lume ngeenyawo luzenzele izinto ngokwalo!
Ndiyaqonda ukuba mininzi imiqobo exabe endleleni, owona mkhulu ikukunqongophala kwemisebenzi, kodwa ngokwenza uphando uya kubona ukuba urhulumente wenze amaphulo amaninzi olutsha asifundisa izakhono ezahlukeneyo ukuze sifuman' imisebenzi.
Masisebenzise imibutho enjengeJipsa, i-Asgisa, iNational Youth Services neminye. Masingalibali kukukhalaza sisonge izandla.
nguTM, ePhalala
Uthando okanye imali?
Sisakholelwa eluthandweni. Kodwa into endikhathazayo kukuba kule mihla uthando luhambisana nemali.
Ngubani oweza naloo nto?
Siphila kwilizwe lorhwebo nelezivumelwano zentywenka yemali. Ukwenz' imali kuphela kwento esezingqondweni zethu de salibala ezona zinto zibalulekileyo.
Ezo zinto ke kuthando olusulungekileyo nolonwabo lokuncoma izinto ezincinane ebomini bethu.
Kodwa ke abantu abananyaniso kangangokuba kunzima nokubona ukuba umntu onaye uyinto athi uyiyo na. Ihlabathi lizele ookrebe basetyhini namadoda azama ukungena espajini sakho.
Samkelisiwe Mhlongo, e-mail
Mababanjwe abarhwaphilizi
Ndikhathazekile ngabasebenzi bakarhulumente abamkela imali yezibonelelo ngokungekho mthwethweni. Urhulumente ulahlekelwa yimali eninzi ngenxa yaba bantu.
Mababanjwe bohlwaywe abantu abenza olo rhwaphilizo kuba batya imali urhulumente anceda ngayo abantu abasweleyo.
Asinakuthula sibe silubona urhwaphilizo!
Masilwe kangangoko nalo mkhwa mbi kangaka!
Zokwana Papikie, Zebediela
Amaphepha-ndaba asoloko ezele iindaba zorhwaphilizo olwenziwa ngamagosa karhulumente - ingaba kwenzeka ntoni kumanqanaba aphantsi? Ingaba ukhe walubona lusenzeka urhwaphilizo? Sibhalele usibalisele ibali lakho! [x]
Umbhali weleta egqwesileyo kule nyanga uza kuzuza iMotorola W230 enomculo nexabisa i-R700!
IILETA
Yiba MotoSharp-Sharp ngentsha iMotorola W230 enomculo nenezinto ezininzi ezikunika umculo. Ungashicilela umculo ngqo kwiFM radio engaphakathi kuyo okanye uphulaphule iingoma ezikwi-1GB MP3 player egcin' iingoma eziyi-300.
u
Hlala
Uphilile
IBONA ithi...
LIXESHA leeholide zokuphela konyaka - lixesha lokuphumla nelokuzonwabisa. Okubuhlungu kukuba ngeli xesha kufa nabantu abaninzi.
Baninzi abantu abasweleka nabenzakala kwiingozi zendlela ngeli xesha.
Kuza kukhutshwa izilumkiso kwiirediyo nakwiiTV zokuba abantu mabangaseli beza kuqhuba, mabangaqhubi bediniwe, mabathobe isantya ukuze bafike bephila apho baya khona.
Xa ucinga ngezi zibhengezo uyabona ukuba xa bezibhengeza imveliso okanye inkampani ethile, ngaba yavalwa kudala.
Kaloku kuyabonakala ukuba akukho mntu uzivayo ezo zibhengezo.
Kutheni ke abantu bengazihoyi izibhengezo nemithetho esindis' ubomi babo?
Kuthini oko ngathi bantu baseMzantsi Afrika?
Sisoloko sikhalaza ngeenkokeli zepolitiki namapolisa angamaqhophololo, nangezikrelemnqa ezingabukhathaleliyo ubomi babantu, kodwa nathi...
Asiyithobeli imithetho... sizenzela nje ukuthanda kwethu.
"Ayindim owenza loo nto!" Ndiyakuva usitsho. Kukangaphi ucaphukiswa ngumntu ophantse wenza ingozi ngokungayithobeli imithetho yendlela? Singamaxhoba sonke kwizinto ezenziwa ngabantu ezindleleni.
Mhlawumbi yindlela esiziphatha ngayo xa siqhuba eyona ibonisa ukuba singabantu abanjani. Oko kubonisa indlela esizicingela ngayo thina.
Ingaba asiyiyo loo nto eyenza iingozi zibeninzi kangaka ezindleleni zethu? Baninzi abaqhubi ongathi banqwenela ukuba kuhambe bona bodwa ezindleleni.
Abo baqhubi ke bacinga ukuba okubalulekileyo kokufunwa ngabo kuphela...
Okunomdla ke kukuba nezidlwengu nababulali esifuna bohlwaywe ngumthetho nabo bacinga njengathi...
u
Q
Isasebenza idemokhrasi kweli emva kwendlela asuswe ngayo uMbeki esihlalweni?
EWE. "Kwenziwe obekufanelekile. NguZuma ngoku omakaxhuzule imikhala yolawulo. UMbeki ulinikiwe ithuba lakhe."
Thandazile Mtjale (56)
EWE. "Salwela ukubakeka ezikhundleni, kodwa abasenzeli nto. Sithi esikhathalela uluntu, bona abakhathali. Mabasuswe ke."
Abigail Shange (48)
HAYI. "Ubengafanelanga asuswe uMbeki lingaphelanga ixesha lakhe. UZuma uza nantoni entsha?"
Patience Gumede (41)
EWE. "I-ANC inelungelo lokutshintsha iinkokeli zayo. Andiyiboni yenze into engekho mthethweni."
Tshabang Mpko (23)
EWE. "Isasebenza inkqubo yedemokhrasi kweli. UMbeki ubehoye okwenzeka eZimbabwe kakhulu kunokwenzeka eMzantsi."
Someone Ngubo (22)
EWE. "Isasebenza idemokhrasi! Xa iqela lopolitiko libona umntu engawenzi umsebenzi wakhe, linelungelo lokumgxotha."
Ntembiso Magocobu (35)
HAYI. "Ayisasebenzi idemokhrasi kweli. Abantu abakhange babenalizwi kulo mba kwaye uMbeki ubefanele ayekwe agqibe ixesha lakhe lokulawula."
Bryan Sipho Dube (21)
EWE. "Umongameli waseMzantsi Afrika kufanele kube nguJacob Zuma."
DM Msweli (60)
