xhosa.1689.yourlifeguide_motivation
Isizathu sokulwa ne-
NTSWELO-LWAZI
Kuthiwa ongakwaziyo akunakukukhathaza. Musa ukuyikholelwa loo ntetho! Ukungazi kokona kukwenzela inkathazo
NDIGQIBA kufunda ngendwalutho yaseMelika uChris Gardner. Libali elimnandi ngenene! UChris zange amazi uyise de wayindoda. Unina wavalelwa entolongweni kabini kwafuneka egciniswe kwizihlobo namakhaya eenkedama. Wadlwengulwa yindoda ethile kwaye umyeni kanina wayemzonda, esoloko emthembisa ngokumbulala, ebenza bubenzima ubomi bakhe.
Ebudaleni, uChris wakhe wangabinakhaya elala kwizindlu zangasese zoluntu nonyana wakhe.
Ukuba uChris wayencamile
waze wayithatha imeko yakhe njengemeko engasoze itshintshe, ngubani owayengamsola?
Kodwa, endaweni yokuncama, uChris waqhubeka nobomi waze waqala inkampani eyagqibela ngokwenza ibhiliyoni zeedola. Ngoku ulwa ubuhlwempu ukunceda abanye abantu (kwaye imbali ngobomi bakhe yenziwa ifilim ethi The Pursuit Of Happyness, edlalwa nguWill Smith).
Ndikholelwa ekubeni sonke sinoChris Gardner phakathi kuthi. Ndizama ukuthi kuwe kukho intshatsheli enako ukwenza nantoni na iphumelele - kwaye ndinyanisile.
Owu, ndiyathandaza ukuba amehlo akho omphefumlo avuleke ukuze ubone amathuba ovuleleke kuwo ngalo mzuzu.
Akukho mntu odalwe nguThixo ongenakuphumelela. Iitalente zethu, iziphiwo nezakhono zisenokwahluka, kodwa uThixo usinika sonke ithuba lokuba sibe zizinto ezinkulu. Uqaphele andithanga "sibe ziindumasi", kodwa sibe bakhulu.
Ukuba ubusazi izinto ezingenzeka - imimangaliso edlulayo kuwe mihla le, imfihlo abantu abazisebenzisileyo kwixesha langaphambili ukutshintsha ubomi babo.
Mhlobo wam, intswelo-lwazi sesona sixhobo sikhulu somtyholi. Intswelo-lwazi yenza izinto zakho zingakuhambeli kakuhle.
Ukhe ubeve besithi ongakwaziyo akunakukukhathaza? Musa ukuyikholelwa loo ntetho!
Ongakwaziyo kukwenzela inkathazo yonk' imihla yobomi.
Ubusazi ukuba izitalato zazo zonke iilokishi, iidolophu, iindawo zeengcungcu nezixeko ngenene zigangathwe ngegolide? Abantu abaninzi abayiboni loo nto. Abo bambalwa bayibonayo eyabo indebe isoloko iphuphuma nangexesha lobunzima.
Yiyo loo nto ufumanisa ukuba nakwezona ndawo zihluphekayo basoloko bekhona abantu abanemali eyaneleyo bade babolekise nangayo.
Inye ingxaki yakho ebomini, kukungazi. Usenokuba unengxaki yemali, yomtshato okanye yeshishini, kodwa eyona ntsusa yintswelo-lwazi.
Kodwa ikhona indlela yokuzihlangula ukuze sonke sifezekise amaphupha ethu.
Ikhona indlela yokusindisa umtshato wakho, uyeke nokuba ngumboleki, ubolekise - okufunekayo kuwe kukuyifumana.
Awuwedwanga, bonke abantu kwihlabathi jikelele sebesuka kule nto ukuyo - kodwa bakwazi ukuphumelela.
Ndifundile ngabantu abazalwa bengenazingalo kodwa bakwazi ukwenza yonke into eyenziwa ngabanye abantu. Ndikhe ndeva ngabantu abazoba ngomlomo kuba bengenazandla.
Namhlanje, umongameli wesona sizwe sinamandla ngumdaka. Kwiminyaka engaphantsi kwama-60 edlulileyo, uyise ubengenako nokungena kwivenkile yokutya esemgangathweni asele ikofu; kwiminyaka engama-200 ngewayeyakuba likhoboka elithengiswayo.
Zihlobo zam: eyona ntlupheko ayikuko ukuswela imali okanye izinto eziphathekayo - kukungabi nalo iphupha okanye umbono ovela kuThixo. Ingqondo emfamekileyo iyingozi kunemfama engaboni ngamehlo.
Ihlabathi lelabantu abanamaphupha. Ungasuka kuloo ndawo ukuyo uye naphi na. Uyakunqandwa ziinkwenkwezi! [x]
UMfundisi George
Ingqo-ndo emfame-kileyo yeyona iyingozi ku-
nokunga-boni
nga-mehlo
INKUTHAZO
