xhosa.1685.lobolo
XA IKHAZI
lingezonkomo, LIYIMALI
UMPHO LEBOGO ongunozakuzaku unendlela yokuziqala iingxoxo zelobolo. Uqala ngokubeka ikomityi yamanzi etafileni. Uthi akuyokomityi inamanzi nje kuphela le. "Kaloku amanzi akwabubomi." Kanye ke njengelobolo nayo ayizonkomo okanye imali nje, sukuba kudityaniswa iintsapho ezimbini.
Kodwa ixesha elininzi usapho lwakulontombi lufuna iwhiski, endaweni yamanzi. Ngamanye amazwi, kulo asikokuhlonipha isithethe, koko yindlela nje yokwenza imali. "Kum amanzi bubomi iwhiski kukufa," utsho uMpho.
Akukho sithethe singenako ukutshintsha. Ukuze isithethe sihlale siyatshintsha ukuze sivumelane nexesha. Kodwa kuthiwani xa isithethe sijikwa sibe yenye into - njengeKrismesi eseyijike yalixesha lenkcitho endaweni yesikhumbuzo sokuzalwa kukaYesu?
Ngokwesithethe, ikhazi lalihlawulwa ngeenkomo nalapho intloko yosapho yayisamkela iinkomo emva kweengxoxo ezinde.
Ukwamkelwa kwekhazi kwakubonisa ukwakhiwa kobuhlobo kwezo ntsapho zimbini nesiqinisekiso sokuba umtshakazi ukhuselekile.
Isithethe sokulobola sinika ithuba kwesi sibini sisesitsha ukuba sifumane iingcebiso kwiintsapho zombini, utsho uMoses Twala weKara Heritage Institute. Kodwa kule mihla ilobolo sekuyinto yemali - eninzi kunjalo nje.
Ekuhambeni kweminyaka iye yatshintsha ilobolo. Ingakumbi ezidolophini nasezilokishini, apho ikhazi liyimali endaweni yeenkomo.
Siye sathetha noZwelibanzi Damba waseKapa oneminyaka engama-29, oza kutshata, yena uza kuhlawula i-R40 000 eyimali. Akanako ukulobola ngeenkomo kuba abantu bakulontombi bahlala elokishini ngoko abanandawo yemfuyo, utsho. "Kwixesha elizayo ilobolo iza kuhlawulwa ngeeMercedes Benz okanye amatye anqabileyo."
Oko kungenzeka kungekudala nanjengoko abantu sebeyibona ilobolo kulishishini kunokudibanisa iintsapho, utsho uMpho Lebogo.
Uza nendlela entle yokwenza isivumelwano selobolo esibophelela iintsapho zombini ngokwesintu nangokwasemthethweni.
UMpho uthi "abazali beBEE" bale mihla babiza ilobolo eninzi ngokobuhle beentombi zabo, izinga le mfundo nemeko ngokwasemalini.
"Ndiye ndibacebise abantu ndithi ilobolo yindlela yokwakha ubuhlobo phakathi kweentsapho ezimbini; hayi imali," utsho uMpho.
Kodwa abantu abamameli.
Ngokophando olwenziwe yiHuman Science Research Council ngo-2005 baninzi abantu base-Afrika (44%) abavumelanayo ukuba ilobolo sesona sizathu esenza abantu bangatshati. Noxa kunjalo, ilobolo isesisithethe esibalulekileyo.
Uninzi lwamadoda asebenzisa iinkonzo zikaMpho asakholelwa ekubeni afanele ayihlawule ilobolo. "Kodwa imali ebizwayo yenza isininzi sawo abone ngathi adlalisa ngemali!" utsho.
Ingaba usapho luyazi njani imali emaliyibize kule mihla?
"Amaxesha amaninzi kuya ngokwemfundo yentombi nomfana, kodwa kujongwa umfana kakhulu," utsho uMpho.
Akukho nto kuthathelwa kuyo ebonisa imali ebizwayo ukuba yimalini, kodwa uMpho uyibeka ku-R12 000 ne-R25 000.
"Kodwa xa usiya kwiindawo ezifana naseMpuma Koloni naseGauteng amadoda ahlawula i-R40 000 ukuya kwisiqingatha sesigidi," utsho.
Eziny' iintsapho zibala ngokwamaxabiso eenkomo zale mihla. Umzekelo, ukuba inkomo yi-R3 000, baza kuliphinda-phinda eli xabiso ngokwenani leenkomo abaza kuzifuna emfaneni.
Kodwa oku akusebenzi lonke ixesha, kuba iinkomo ziyohluka ngamaxabiso. Umzekelo iinkunzi eziye zikhutshelwe uyise wentombi ngokwesintu zinkulu kwaye zixhomile ngexabiso.
UMpho uthi kukho ingxaki enkulu ngekhazi eliyimali.
Okokuqala, apho kukho imali akukho ntembeko. "Imali yenza abantu banyoluke," utsho. Kuba kungekho maphepha abubungqina bemali ehlawuliweyo, ufumanisa ukuba amalungu athile osapho aneenjongo ezingaphaya ngale mali.
"Ndakhe ndeva isiganeko apho utat' omncinci womfana wayefuna ukunika usapho lwakulontombi isiqingatha sekhazi enye imali efuna ukuyehlisa ngomlenze," utsho Mpho.
Kukho neziganeko apho oonozakuzaku bebaleka nemali.
Kubekho nombandela wobungozi bokuhamba niphethe isityhwentywe semali okanye niyigcine endlwini xa nigqiba kuyamkela.
Kutheni kungasetyenziswa i-Intanethi okanye kubhalwe itshekhi? "Kunzima kuba imali kuza kufuneka ifakwe e-akhawuntini yomntu omnye," utsho uMpho.
"Ixesha elininzi amalungu osapho akathembani ngoko akanakuvuma ukuba imali inikwe utat' omncinci onyolukileyo."
Kukho eyona ngxaki inkulu yokubizwa kwemali eninzi.
"Imali ebizwayo ngoku ithetha ukuba abatshati baqala ubomi babo obutsha bethe gabhu ematyaleni," utsho uMpho.
Isininzi sabafana (namabhinqa, aye "ancedise" amaqabane awo ukuhlawula ilobolo) baboleka imali ebhankini ukuze bakwazi ukuhlawula ilobolo.
"Amaxesha amaninzi loo mitshato ayihlali nonyaka, ishiyeke indoda ibhatala," utsho Mpho.
Sithini ke isisombululo? UMpho ukholelwa ekubeni bekuya kuba kuhle ukuba amaziko emali afana neebhanki anganazo iinkonzo zokunceda "abantu bethu bakwazi ukugcina imali bayikhusele imali yabo."
Kodwa ukwakholelwa ekubeni makubekho utshintsho kwindlela ilobolo ebonwa ngayo. "Ndicinga ukuba lixesha lokuba abantu babuyise iingqondo baqonde eyona njongo yelobolo," utsho.
"Xa sele sisiqonda kakuhle esi sithethe esibonisa ubuntu, asizukusibona njengendlela ekhawulezayo yokwenz' imali." [x]
Umbhali: Sbu Mpungose noBrenda Nkuna
IBONA IYAPHANDA
Yayisakuba yindlela yokudibanisa iintsapho, kodwa kule mihla yempucuko ilobolo sele isenziwa ngokunyoluka, baze abatshati bona baqale ubomi babo ngamatyala. Ingaba kwamkelekile oku? Ingaba abantu balahlekene nezona njongo zelobolo? Siqwalasela lo mba uxhalabisa abantu abaninzi...
IINGCEBISO ZIKAMPHO NGELOBOLO
Kwiintsapho:
Funani indlela yokuqonda eyona njongo yelobolo ukuze nizenze izinto ngendlela eyiyo nithembekile. Khumbulani: ilobolo akuyondlela yokwenza imali ukuze nithenge izinto zexabiso.
Ncokolani neentombi zenu malunga nokulindelekileyo kwilobolo.
Lumkelani amalungu osapho anyolukileyo nooyise abangabakhathalelanga abatshati, abafuna nje ukwenza imali.
Musani ukukhawuleza ngokuyisebenzisa imali yelobolo. Umtshato, nokuba ngowesintu okanye omhlophe, ufuna imali eninzi kula maxesha, imali yelobolo ingabanceda abatshati.
Kwisibini esitshatayo:
Kubalulekile ukuthetha ngelobolo, nomtshato phambi kokuhambela phambili. Ngale ndlela niza kuziphepha iingxabano.
Zama ukungaboleki imali eninzi ngenxa yelobolo. Kubhetele uyigcine.
Akukho nto imbi xa ungakwazanga ukuyihlawula yonke ngaxeshanye imali yelobolo. Usengayihlawula kwixesha elizayo.
Cinga ngokufumana isivumelwano selobolo kuba eli phepha liza kukunceda xa kukho iimpikiswano ezithile kwixesh' elizayo.
Xa unqwenela uncedo lweengcaphephe xa uza kuya kulobola, tsalela umnxeba uMpho Lebogo ku- 076-129-6110. Le nkonzo ayiyoyasimahla uza kuhlawula xa ufuna iingcebiso nokuncediswa kwiingxoxo zelobolo.
Imali ikhokelela ekunyo-lukeni
kwiintsapho zombini
