xhosa.1684.hair
IINWELE ZAKHO
QAQAMBISA
ihlobo LAKHO
BONA XHOSA September 2008
UKUFIKA kwentwasa- hlobo kwenza sicoce amakhaya ethu - kutheni ke ungaphuculi nenkangeleko yakho nje? Endaweni yokwenza istayile esitsha entloko, yonwabela ukufaka imibala.
Ziliqela iindlela zokwenza oku. Thenga iwigi entle, xa ufuna iinwele ezifakelwayo, kodwa qiniseka ngombala kuqala. Xa ufuna ukuvavanya imibala eyahlukeneyo, yithi kumlungisi-zinwele zakho afakele intwana yeenwele ezifakelwayo (ezomzuzwana) eziyimibala leyo uyikhethileyo ngesincamathelisi seenwele. Ziyeke iintsukwana ubone ukuba uziva njani.
ZIFAKE UMBALA KAKUHLE...
1. IColour shampoo
Ezi zikhuselekile kwaye zisetyenziselwa ukuqaqambisa umbala wendalo ezinweleni. Kuba azingeni ngaphakathi elunweleni, azizifihli iinwele ezingwevu kwaye ziya ngokusuka xa umana uhlamba ngeshampu. Ziyasetyenziswa emva kokurileksa. Kodwa azisathandwa ngoku kwaye azisoloko zikho.
2. ISemi-permanent colour
Ungakhetha kwimibala efana noblue-black, ebomvu eyohlukeneyo kunye noobrawuni abangqongqo ukongeza umbala wendalo ezinweleni zakho kwaye zibonakala kakhulu xa uselangeni. Iyazifihla iinwele ezingwevu okwethutyana kodwa iye ngokuphelelwa emva kokuhlanjwa ngeshampu kathandathu ukuya kwisibhozo. Kukhuselekile ukuyisebenzisa emva kweentsuku ezintathu nangaphezulu emva kokurileksa.
3. IPermanent colour
Le yeyona isetyenziswayo kuba iwutshintsha kakhulu umbala weenwele zakho zendalo, kodwa ixabiso layo lixhomile. Iinwele zakho zitshintsha umbala unomphelo kwaye kufuneka umana uvuselela xa zikhula iinwele emva kweenyanga ezintandathu.
IPermanent colour awunako ukuyisebenzisa de kube ziiveki ezintathu emva kokurileksa.
Ukuze inwele zakho zomelele, musa ukukhetha umbala okhanya kakhulu kuneenwele zakho zendalo.
UMBALA UWUFAKA EKHAYA OKANYE ESALUNI?
Jonga ipokotho yakho. Ukutshintsha umbala weenwele zakho kungafuna izinto ezininzi kwaye ezixhomileyo ngexabiso, ingakumbi xa usebenzise umbala ongasukiyo.
Ukuba usebenzise umbala okhanyayo kuneenwele zakho zendalo, yiya esaluni, uqiniseke ukuba wenziwa ngumntu oyaziyo into ayenzayo.
Kuza kufuneka umana usiya uyokuvuselela, wenze iprotein treatment, okanye ubuze ishampu ongayisebenzisa kumlungisi- zinwele wakho, ikhondishina kunye neetreatments zeenwele ezifakwe umbala ongazisebenzisa ekhaya xa ungekayi esaluni ukuya kuvuselela. Ezi iza kuba ziimveliso ezifana neDark ,n Lovely Moisture Seal 3-In-1 conditioning shampoo kunye ne-Ultra Cholesterol conditioning treatment kungenjalo iPerfect Choice Cholesterol Treatment.
Ukuzithengela iikiti zombala weenwele kuyayonga imali, kodwa kuyoyikisa ukuzikhethela umbala ohambelana nebala lakho lolusu. Ezithandwayo: IPerfect Choice Red Flame, iSunrise Blonde, iMocha Brown, kunye neDark ,n Lovely Reddish Brown, iBurgundy Brown, kunye noLight Golden Copper Brown.
Phambi kokuyisebenzisa, jong' intlonze yakho ukuba ayisikekanga na kuba xa iikhemikhali ziye zangena egazini lakho, zingayingozi empilweni yakho. Xa usikekile vala ngevaselina - okanye ulinde uphole.
Landela imiyalelo kakuhle - ingakumbi uvavanyo ekuthiwa lwenze phambi kokuba wenze intloko yonke.
Ukuba uyaziqaqambisa iinwele zakho, ungawufaki umxube usukele ezingcanjini ukuya ekugqibeleni. Kaloku le indlela ikhuthazwa bubushushu, ngoko umxube awumelwe kukugcwala intloko ngaxeshanye okanye iinwele ezikufutshane entlonzeni ziza kukhanya kakhulu kunezinye iinwele.
Ngoko ke, qala ngokufaka umbala ubuncinane i-2cm ukusukela ekugqibeleni kweenwele, ukuya ekuqaleni kwazo entlonzeni. Yiyeke wakubona ukuba umbala utshintsha, ngoku uyifake ezingcanjini. Uyeke ke ngoku ngokwexesha elibhaliweyo. Ngale ndlela uza kufumana umbala ofanayo kwiinwele zakho zonke.
IILOWLIGHTS NEEHIGHLIGHTS
Le ndlela iyathandwa kwaye yeyona ongasebenzisa ngayo umbala ohlala unomphelo ukwenza zibentle iinwele zakho ngaphandle kokutshintsha umbala wazo zonke.
Imibala enjengomedium brown okanye obronze yiyona izilowlights iqaqambisa iinwele zakho, ngaphezulu kancinci kumbala wendalo weenwele zakho. Iihighlights zona zikhanya kakhulu kunombala wendalo, njengogold, uhoney nobuttery.
Ungazisebenzisa zodwa okanye uzixube, ukuqaqambisa umbala wendalo weenwele zakho.
Xa ufuna olu hlobo, yiya esaluni wenziwe ziingcaphephe. [x]
Bhiyozela ukufika kwentwasa-hlobo ngokusebenzisa imibala ezinweleni zakho... Kubhale uFaith Seuoe
KHETHA UMBALA WEENWELE OKULUNGELEYO
Ingaba iinwele zakho zirileksiwe?
Sekulixesha elingakanani urileksile, okanye uziphemile iinwele zakho? Zinjani iinwele zakho ngoku? Ingaba zibuthathaka ngenxa yokuhlaliswa kwerileksa, okanye ngenxa yokusetyenziswa kwemveliso ngendlela engeyiyo kuzo?
Uyawazi umbala wolusu lwakho? Umbala wolusu lwakho ubalulekile xa usenza isigqibo ngombala weenwele, kuba ufuna ukukhetha umbala okufanelayo - ungajongeki ngathi awuphilanga!
Yintoni efanel' impilo yakho? Xa usoloko uphandle okanye usenza imithambo, kuza kufuneka uzinik' uhoyo iinwele zakho. Umsebenzi wakho wona uthi bukeka njani? Umphicothi zincwadi zemali akanakuvela phambi kweklayenti enentloko egolide!
BONA XHOSA September 2008
