Xhosa.1671.10ques
1. Wawudlala kweziphi izitrato uselula"
Ndizalelwe eLamontville, kodwa ndikhulele eMlazi. Kulapho ndaqala khona ukudlala umculo; ndandiye ndonwabise abahlobo bam ngomculo xa ndicoca iyadi.
2. Yiyiphi ingoma ekukhumbuza ebuntwaneni bakho"
Yethi Get Down eculwa yiBlackbox. Yayindim ndedwa uDJ oneenguqulelo zale ngoma ezingaphezulu kwesihlanu. Ndandinomhlobo owayefunda eLondon endiphathela umculo.
3. Sekulixesha elingakanani udlala njengoDJ"
Iminyaka engamashumi amabini anesibini. Kwaqala kuyinto endiyenza nje kodwa ngoku sele kulishishini.
4. Yayisukaphi ingoma eyakhe yaduma kakhulu ethi iWewe"
Sisebancinane sasidla ngokuqesha iteksi yokuya elwandle. Abanye bethu kuquka namantombazane, babevela ngeefestile bakhwaze bathi: "Weh! Weh! Weh!" SingooDJ sasithanda ukuthi "dlala ngewewe"!
5. Ingaba zikho iingoma ozibekele inyibidyala"
Ewe. Ndixakekile kungoku ndisebenza nemvumi entsha uYelo ophantsi kwenkampani yam yokushicilela, i-Air Records.
6. Ingaba zikho izinto ozenzayo esele kuzizithethe kweli xesha lenyibidyala"
Hayi, kaloku ubomi bam bulawulwa ngamatheko endihlawulelwe ukuya kuwo.
7. Ufun' ukubaphi ngobusuku obandulela inyibidyala"
EThekwini kusapho lwam kuba andihlali nalo ixesha elininzi.
8. AwungoDJ onezigigaba. Ingaba wake wanazo"
Andizange ndanemikhuba kuba ndikhulele kusapho olunengqeqesho. Bandifundisa ukuthandaza nokuhamba icawe.
9. Izinto ezihlekisayo ezakhe zenziwa ngamabhinqa angabalandeli bakho"
Ndandidlala kuloliwe kwiminyaka embalwa edlulileyo. Kwakukho inenekazi elalijuxuza, andazanga kodwa ndabona sele lindibonisa iimpahla zalo zangaphantsi! Lathi mandize kulo, kodwa ndala.
10. Sixelele ngosapho lwakho.
Sihlala eGlen Anil, kumantla eTheku. Inkosikazi yam iyandixhasa kuyo yonke into.
Intombi yam ineenyanga
ezine, kwaye iyandikhaba ekuseni. Iyakuthanda
ukuhoywa. [x]
Umqulunqi: Ntokozo Maseko
INCOKO NENDWALUTHO
IMIBUZO
kaDJ Siyanda
Umsasazi weMetro FM ozalelwe eThekwini uthetha ngosapho lwakhe, abalandeli bakhe abangamabhinqa nezicwangciso zakhe zexesha lenyibidyala
