xhosa.1665.boss
Ukuziqesha ngokwakho!
Phantse sonke sinomnqweno wokuba namashishini ethu - ukuziphatha ngokwakho ubenemali eninzi kuvakala njengento emnandi - kodwa akuyonto ilula. Inyaniso kukuba ambalwa amashishini asakhasayo awugqibayo unyaka omnye esavulile. Ewe unakho, kodwa kunzima! Nantsi indlela...
Ibali nguGrace Khuzwayo
NOKUBA ngumbono omhle kangakanani na nawo ufuna usebenze nzima ngokuzinikela ukuze ubelishishini elinempumelelo. Kweli nqaku leBONA elilodwa siza kucathula nawe kula manyathelo. Ngala...
Ubuqu bakho - zazi ukuba unakho.
Izinto omawuzijonge - ezona zinto ziyimfuneko ekumele uziqwalasele phambi kokuqala.
Ukubona ikroba - fumanisa ukuba yiyiphi imveliso okanye inkonzo eyimfuneko ekuhlaleni.
Ukuzipapasha - ukulithengisa ishishini lakho.
PANEL 1
Ingaba unakho?
U MELWE kukunyaniseka ngenene apha. Usenokuba ubabonile abanye oosomashishini bebekwa kwiindawo ezingaphezu kwamandla abo. Ngoku nguwe omawuthengiswe kwaye eli thuba lelokuba uzibuze ukuba ingaba ukulungele na ukuqhuba ishishini elilelakho. Unakho ke...
UTHANDO!
Kufuneka uyithande into oyenzayo ingabi yindlela yokwenza imali nje kuphela.
SUKUSOLOKO UPHUPHA!
Yazi ukuba impumelelo ayizuvele iwe okwemana evela ezulwini.
SEBENZA NZIMA!
Ziyanda iiyure ozisebenzayo xa uziphethe. Kwazi ukuzilawula. Uyalingeka xa kungekho mphathi ukujongileyo, ufune ukuvuka nokuthatha ikhefu ngexesha olithandayo - kodwa ufanel' usebenze ngokwexesha elibekiweyo.
UKUMELANA NEEMEKO!
Yiba nako ukutshintsha izicwangciso xa izinto zingahambi ngendlela - ukwazi nokubuyela ezingqondweni kwakhona!
YIBA NOKUYILA!
Fumana iindlela ezikrele-krele zokuthengisa izakhono zakho okanye iimveliso.
GCINA UMGANGATHO!
Kwazi ukubaluleka kokunika inkonzo esemgangathweni ngalo lonke ixesha, njengokuhoya abathengi bakho emva kokuba ubathengisele.
PANEL 2
Unazo izinto eziyimfuneko?
PHAMBI kokuba uqale ishishini lakho zikho izinto omawuziqaphele. Ezi zezi...
IMALI
Uza kudinga imali ezakukwazi ukukuthwala wena neshishini lakho iinyanga ezi-6 ukuya enyakeni, kwaye loo mali ixhomekeke kuhlobo lweshishini onalo. Khumbula - noxa kuza kube kumnandi ukungabi namphathi - yazi ukuba ngoku akukho mphathi uza kukuhlawula ukuphela kwenyanga.
INDAWO YOKUSEBENZELA
Indawo osebenzela kuyo mayibonakale kuyindawo yomsebenzi. Ukuba usebenzela ekhaya qiniseka ukuba i-ofisi yakho ikude nengxolo yosapho.
IZIXHOBO ZOKUSEBENZA
Ambalwa amashishini asebenza ngaphandle koncedo lwekhompyutha. Kuhle ukuba i-ofisi yakho ibe
nekhompyutha, iprinta, ifeksi ne-Intanethi kunye ke nezixhobo zokuvelisa loo nto uzakube ushishina ngayo.
IZAKHONO
Kuhle xa unezakhono eziliqela. Cinga ngokwenza izifundo zezakhono kwezoshishino, eziquka indlela yokwenza iincwadi nokuzithengisa.
PANEL 3
Ukubon' ikroba
LUMKA! Ukuba ubona kukho imfuneko yemveliso/inkonzo ethile, yima kancinci, utsho uFran Piggott, ongumcebisi woosomashishini abasakhasayo.
"Zibuze ukuba kutheni iyimfuneko?
"Ukuba ngumbono omhle, kutheni ungasetyenziswa?"
Kwelinye icala, ukuba khukho abantu abenza into enye nale uyenzayo, yinto entle leyo.
Luyafuneka ukhuphiswano, loo nto ayikugcini uphaphamile nje kuphela kodwa iyakwazisa ukuba bakho abathengi bemveliso yakho.
Indlela elula yokubona imfuneko yemveliso kukujonga ingxaki exhaphakileyo uze wenze imveliso apho ishishini lakho liza kuba sisisombululo. Ngokwenza njalo uyakuphumelela.
Uzibona kanjani ezi ngxaki? Mamela izikhalazo zabantu.
Bakhalazela ntoni? Ungakwazi ukubanceda?
PANEL4:
Ukuzithengisa
SELE ukulungele ukuqhub' ishishini lakho? Ngoku kufuneka uxelele ilizwe ngalo, ukwenze oku isengqondweni into yokuba umel' ukuba nenzuzo engaphezulu kwemali oza kuyichitha!
"Imveliso entsha ifun' imali, ixesha namandla amaninzi ukuze yaziwe, ngoko kuza kufuneka kubekho imali oza kuyisebenzisela ukuzithengisa," itshilo enye yeengcali kwezentengiso.
Eyona ndlela ilungileyo - nefikelelekayo - yokuzithengisa "ngumlomo" abantu bathethe kakuhle ngawe ngenxa yokwaneliseka.
Kodwa ke, kuza kufuneka uzipapashe nangeziny' iindlela.
Ungafak' intengiso kumaphepha-ndaba asekuhlaleni/okanye uzenzele amaphepha akho.
Kukho ke nokuzithengisa ngokuncamathisela amaphepha ezipalini nasemigqomeni esezitratweni. Phanda ngezi ndlela ubone ukuba uzokwazi na ukuzihlawulela.
Ungalibali ukufaka uphawu kwindawo osebenzela kuyo - nasemotweni yakho.
Zimbini izinto ezibaluleke kakhulu - xa uzithengisa yenzela ngqo abathengi bakho okanye uyakuba umosha nje ngexesha.
Kananjalo, iimpawu namaphepha ozithengisa kuwo qiniseka ukuba zenziwe ngendlela eyiyo. Iintengiso ezenziwe ngesadla ezingacacanga azizukubanika ithemba abathengi. [x]
XA UFUNA ULWAZI OLUTHE VETSHE:
I-SEDA (Eyi-arhente ejongene namashishini asakhulayo) ikunika ulwazi malunga nokuqala ishishini - kuquka neenkampani ezibolekisa ngemali. Banamasebe kweli jikelele.
Batsalel' umnxeba ku: 086-010-3703; okanye 012-441-1000; email: info@seda.org.za; Web: seda.org.za.
BONA July 2008
ZAKHELE UBOMI
ICEBO ELILUNGILEYO
Musa ukungxama...
Ukuba uqeshiwe, musa ukuwuyeka umsebenzi de "ulinge abathengi," ngexesha lakho elisecaleni.
Umzekelo, ukuba ufuna ukuqala ishishini lokupheka, qala ngokuphekela amatheko empelaveki. Ukuba abantu bayaqhuba ngokufuna inkonzo yakho, kwaye kunzima nokujongana nezicelo, umbono wakho ungawujika ube lishishini.
NGUDOREEN NGCOBO, ongumnini weshishini lokupheka eliphumeleleyo
ICEBO ELILUNGILEYO
Banike into abayifunayo...
Xa ukhangela ithuba lokuthengisa kufuneka uvule amehlo nengqondo ukuze ucingisise kakuhle ukuba ungenza ntoni na ngokubonayo!
Okubalulekileyo kukuba wazi ukuba abantu ubanika into abayifunayo hayi ocinga ukuba bayayifuna.
NGUFRAN PIGGOTT, weMarketing Guru
STRAPARIAL
I-80% yamashishini amancinane
atshona kwakunyaka wokuqala -
loo nto ke yenziwa kukungacwangcisi -
akukho sizathu esenza ukuba ishishini
lakho lingaphumeleli!
BONA July 2008
BONA July 2008
BONA - July 2008
