xhosa.165.yourlifeguide_motivation_2
Musa ukukoyika ukuphupha!
Abantu abaphuphayo balithemba elizweni kwaye ukuba silandela amaphupha ethu singenza izinto zenzeke
ELI LIZWE lelabantu abanamaphupha. Lisoloko likho iqela labantu ekuhlaleni elikhetha ukuyityhalela kude imeko yentlalo yabo baze baphumelele ebunzimeni abahambe kubo. Bazibeka ecaleni iinkolelo ezibethelelwa ezingqondweni zabantu zokuba zikho izinto ezingenakwenzeka.
Xa bekunye noThixo aba bantu benza okunzima kubukeke kulula.
Ingaba unganguye omnye waba "bantu bakhethekileyo"?
Ewe unganguye! Eneneni sele ungomnye wabo. Sele unawo amaphupha. UThixo usenze sonke sakwazi ukuphupha. Ingxaki kukuba amaxesha amaninzi sinamaphupha angalunganga.
Ubomi bungabonakala bunzima xa ucinga ngentlupheko eselizweni namhlanje. Sineetalente ezingafaniyo, abazali bethu abafani nditsho namathuba amangalisayo okusinika inkqubela phambili.
Kodwa cinga ngoku. Sisenokuba sisuka kumakhaya angafaniyo kwaye sineetalente ezahlukeneyo, kodwa xa kujongwa kwezona zinto zibalulekileyo ebomini - siyafana sonke.
Cinga ngexesha lakho. Sonke sineeyure ezingama-24 ngemini nokuba sizizityebi okanye singamahlwephu, simhlophe okanye simnyama.
Xa uphupha awunqandwa naziinkwenkwezi. Andithethi ngamaphupha asebusuku mna, ndithetha ngeengcinga zakho, ocinga ukuba kungenzeka kunye nokubona kwingomso lakho.
Yazi oku, wonke umntu onamaphupha ubonwa njengegeza de amaphupha akhe afezeke, baqale ke ngoku bonke ebebemenza intlekisa bafune ukuba ngabahlobo bakhe.
Umntu ophupha ngenene uza kudibana neembambano kunye nentswelo-monde ebantwini nakwabanamaphupha na kakade. Amaxesha amaninzi kufuneka uphuphe wedwa.
Abantu abaphuphayo balithemba elizweni. Konke esikubonayo namhlanje: izakhiwo neecawe ezinkulu nokufunyaniswe ziinzululwazi konke kukho kuba umntu waphupha.
Xa singabantwana, siyaphupha! Siba namaphupha okuba ngoogqirha, amagqwetha, oonjingalwazi noosomajukujuku; sifuna ukuba ziindumasi noosomashishini abaphambili.
Size sithi sakukhula kuvuleke umsantsa phakathi kwamaphupha ethu nokwenzeka ebomini bethu.
Sisuke sikhawuleze siwancame amaphupha ethu. Sicinga ukuba kufanele senze njalo side sithi oko "kukukhula", kodwa siqala apho ke ukubopheleleka.
Ndiyakucela yiba ngumntwana kwakhona ubenamaphupha ngengomso eliqaqambileyo.
Xa unamaphupha, funda ukuphumelela noba imeko ikutsalela umva.
Amaphupha akho akazukufezeka ungakhange udlule kumaginxiginxi neengxaki ezinzima.
Akukho mntu ndimaziyo ongazange adibane nemiqobo endleleni yakhe.
Kodwa amaphupha akho aya kusoloko ephumelela.
Amaphupha akho aza kufuna uchithe ixesha namandla akho uwalungiselela, usebenze nzima naxa sele uziva ungafuni.
Olu hlobo lokuphupha alwenziwa xa ulele - yinto oyenza xa uvuka. Uphupha uvule amehlo.
Khumbula: awuwakhethi amaphupha, ngawo akhetha wena.
Xa uzikhethela, uphupha amaphupha angalunganga kwaye uyakhawuleza ukuncama. Kodwa xa amaphupha akho ekukhetha ngokwawo, ngawona alungileyo kwaye awuncami naxa udiniwe kwaye awufumani ndawo yokuphuma.
Ndiseyinkenkwana ndandifuna ukuba zizinto ezininzi. De ndagqiba kwelokuba ndiza kuba ngugqirha nonjingalwazi. Emva kokuzinikela kwam kuKrestu, ndabizelwa ebufundisini. Namhlanje ndingumfundisi welizwi kwaye ndikwanayo nenkonzo yabagulayo.
Ndibabonile abantu bephiliswa ngamandla kaThixo, nkqu nezifo ezinganyangekiyo. Ndiphila iphupha lam lokufundisa nokuphilisa abagulayo ndifundisa abantu iinyaniso zobomi nezelizwi likaThixo.
Leliphi elakho iphupha oliphiwe nguThixo? Akunzimanga ukulazi.
Cinga ngeyona nto ingakonwabisiyo, eyona nto ikucaphukisayo neyona ikonwabisayo nezona ngcinga zisoloko zisengqondweni yakho. Nokuba yintoni osoloko ucinga ngayo uza kudibana nayo endleleni yakho ngenye imini!
Ngoko phupha kwakhona! [x]
Mfundisi George
Ndiya- kucela yiba ngu- mntwa-na kwa-khona uphu-phe nge-ngomso lakho eliqaqa-mbileyo
INKUTHAZO
