xhosa.1371.lettersjul
NGOAGASTI ka-2002 ndafuman' umntwan' oyinkwenkwe. Wayemhle - qha isandla sakhe sasekhohlo sinesiphene.
Oko kwenza ndangakonwabeli njengokuba bendikulindele ukuba ngumama. Ndandilila lonk' ixesha ndizibuza ukuba 'ndenzeni"' ukuze ndibeleke umntwana onesiphene.
Oogqirha bandisa kwesiny' isibhedlele nomntwana wam, apho ndafika ndafumana izoluleko.
Ngequbuliso ndayeka ukuzisizela.
Kaloku kweso sibhedlele ndabon' abantwana abaneziphene ezahlukeneyo, ezabanye ingaphezulu nakwezonyana wam.
Emva kwento endayibona apho andizange ndifune kwalulekwa kwakhona. Sasibhetele sinonyana wam ebantwini ababelapho.
Bazali bakhathaleleni abantwana benu nokuba banjani. Xa umntwana wakho enesiphene emzimbeni, ungabi neentloni ngaloo nto. Mncede aphile ubomi obuqhelekileyo. Uya kuzuza lukhulu nawe kuloo nto.
nguWW Tsamal, eHammanskraal
Ningabi neentloni!
Isitshixo
Ndakhula ndisazi ukuba imfundo isisitshixo sazo zonke iingcango ehlabathini. Abantwan' abangasifuniyo isikolo kufuneka bavuke emaqandeni!
Abasokuze bafikelele ndawo bengafundanga. Abasokuze babento xa bengafundi!
nguND, eMonti
Ileta ezuze
i-R100
Musani ukubagxotha!
Bayand' abantwana abagxothwayo emakhayeni abo ngabazali babo. Siyintoni isizathu"
Bagxothiswa kukungafuni ukumamela abazali babo. Abayithobeli imiyalelo yabazali kwaye abanantlonipho. Ukwenza oko akulunganga, kodwa jonga apho abantwana bagqibela khona emva kokugxothwa ngabazali babo.
Baba ngamahenyukazi, abangqibi namasela, babulale abantu ukuze bafumane imali.
Abantwana bethu bayasikhathaza, kodwa sifanele sicingisise ngaphambi kokubathabathel' amanyathelo aqatha njengokubagxotha.
Abazali bamazibuze ukuba bebengenako na ukuzama ngakumbi.
nguMolasadi Modiba, eSegopje
Fundani ngesondo
Lifikile ixesha lokuba sifundise abantwana bethu ngesondo.
Xa singabafundisi beva ngabahlobo, babone isondo kwiTV baze balukuhlwe ngabanye.
Luxanduva lwabazali lokufundisa abantwana babo ngesondo.
Eli asiloxesha lokuba ethe-ethe. Ukufundis' abantwana bakho ngesondo kungasindisa ubomi babo.
Ebantwaneni nakulutsha ikakhulu ndithi sebenzisani naliphi na ithuba enilifumanayo lokufunda ngezi zinto. Cingani!
Sonke siyazibona iingxaki ezibangelwa kukungazi ngesondo. Niza kufa xa ningazihoyi yaye niba neendibano zesondo ezingakhuselekanga.
nguRM Nancy, eMaboine
Iileta Zenu
BONA XHOSA - July 2006
Aluthengwa uthando (okanye ulonwabo)
Uthando lokwenene alunanto yakwenza nokuba unemali engakanani na. Ungaze uyenze impazamo enjalo.
Uthando lokwenene lungokuthembana, ukuthobelana nokwazana.
Kule mihla iintombi ezininzi zithengelwa ngamadoda ezincuma nawo yonk' into.
Amadoda ungathi ngomatshini bazo bokukhuph' imali. Amadoda makawalumkele amantombazana asemva kwemali. Makazi ukuba imali ayiluthengi uthando lokwenene.
Imali yenza ubomi bube lula kwaye ibalulekile, kodwa ayiluthengi uthando.
Uthando olusekelwe emalini aluqhubi ixesh' elide kuba yakuphel' imali luyaphela.
nguThandeka Ndlovu, Carolina
Ukuze uphalaze izimvo zakho:
bhalela apha: Iileta eziya kuMhleli,
Box 32083, Mobeni,
4060, South Africa
ifeksi: 031-912-2720
okanye i-e-mail: bona@dbn.caxton.co.za
u
t
Libambe ngazo zozibini!
Ibali elingamathuba...
Ndisafunda ititshala yethu yasibalisela ibali ngethuba kwaye elo bali ndifun' ukulibalisela abafundi beBONA...
Ithuba libaleka okombane. Lakugqitha kuwe sukuba ligqithe unomphelo. Nokuba unganeyona moto ibalekayo ehlabathini, akunakulifumana lakugqitha.
Ekuphela kwendlela yokulibamba kuxa ulilinde liseza kuwe. Lakufika kufuneka ulibambe ngazo zozibini!
Kule mihla inkoliso yabantu bakowethu ichith' ixesha elininzi icinga ngamathuba abapholiselo.
Zininzi izizathu ezenza singawasebenzini amathuba esiwafumanayo, kodwa eyona ngxaki yethu inkulu kukuthi sakuphinda silibone ithuba elivelayo.
Ngaba ikho into ebuhlungu ngaphezu kokucinga ngethuba oliyekileyo lakuphosa"
Kwaye ngelixa sisazisizela ngamathuba asiphosileyo, siphoswa ngamanye!
Ngoko masizame ukukuphepha konke oku. Masiyeke ukuthi siya kuphinda siyibone into siwabambe ngazo zozibini amathuba avelayo!
nguIsaiah Masuku, ePort Shepstone
masisiphule neengcambu udlwengulo!
Akukho ngxaki kuloo nto
Ndibhekise kuwo wonke amantombazana aselula - akukho ngxaki ekuzigcineni uyintombi nto de ukhule ukwazi ukuthabatha izigqibo ezifanelekileyo ngobomi.
Ndineminyaka eli-17 kwaye ndiseyintombi nto - ndinjalonje ndineqhayiya ngaloo nto! Awusosibhanxa ngokuba yintombi nto! Kuthetha ukuba womelele yaye uyakwazi okufunayo ebomini.
nguNokukhanya Zikalala, eMadadeni
BONA XHOSA - July 2006
Iileta Zenu
Ndineminyaka eli-18 kwaye ndiyoyika ukuba kwindawo enamadoda kuba ndisesichengeni sokudlwengulwa.
Asikho kwilizwe elinedemokhrasi na" Bendimel' ukuba ndikhululekile. Qha ke ndingakhululeka njani phakathi kwezidlwengu ezitshabalalisa iingqondo zethu nezixhaphaza imizimba yethu" Zona zikhululeke ngaphezulu kwam! Masibe nemithetho eqatha yokohlwaya izidlwengu. Njengoko zitshabalalisa thina nathi masitshabalalise ubudoda bazo!
nguEL, eLimpopo
Uthando namaba-
njwa
Amabhinqa athandana namabanjwa azifaka nje engxakini.
Ndicinga ukuba xa amabanjwa ephum' entolongweni kufanele anikw' ithuba lokuzifumanisa ukuba angoobani nokuba afuna ntoni ebomini. Zininzi izinto ezenzeka entolongweni esingazaziyo.
Iintolongo ziindawo ezimbi kakhulu kwaye abaphuma kuzo bafun' ixesha lokuziqhelanisa nobomi bangaphandle.
Kufuneka bazam' ukuthenjwa kwakhona ngabahlobo nosapho. Kukho nabahlobo ekufuneka bohlukane nabo ukuze bangangeni engxakini kwakhona.
Kukwafuneka bazame ukuziqhelanisa neenguqu ezenzeke ngethuba besentolongweni.
Xa usentolongweni ixesha lihamba kancinci!
Kufuneka bafuman' umsebenzi yaye kunzim' ukuwufumana xa ukhe wabanjwa.
Umntu ozimisel' ukuthandana nebanjwa kufuneka abe nomonde - alinike ixesha lisakuphuma entolongweni.
Xa ucing' ukuba indoda ungayitshintsha udlala ngexesha lakho kuba iza kukuvisa obukhulu ubuhlungu. Utshintsho yinto ekufanele isuke kuye umntu.
nguNonceba Tuntulwana, eKokstad [x]
Ungalisebenzisa
igama ozithiye lona xa
usibhalela, kodwa sicela usinike igama lakho lokwenene nedilesi yakho. Asitsho ukuba siyavumelana nazo zonke izimvo zabafundi kula makhasi, kwaye sinelungelo lokuzihlela ezo
siza kuzipapasha.
