xhosa.1651.petrol
Yiyiphi imoto ebhetele, eyedizili okanye eyepetroli"
kubhale kwafota uGAVIN FOSTER
MANDULO iimoto ezihamba ngedizili zazimbalwa kwaye zingathandwa. Zazingenamandla, zisenz' ingxolo xa ziduma, zazikhuph' umsi onuka kakubi xa zihamba endleleni kwaye zazisokolisa kakhulu xa zifuna ukuthiwa amafutha kuba kwakufuneka ume emgceni omde phakathi kweelori ezininzi kuba zazinqongophele iindawo zokutha idizili.
Zahlukile ngoku iimoto ezihamba ngedizili kuba ubuchwepheshe bale mihla buzenza zikhuph' umsi ococekileyo kwaye zinamandla.
Umzekelo, iBMW 530d ibaleka umgama oyi-100km/h kwimizuzwana esibhozo kwaye itya iilitha ezingaphantsi kwesibhozo zamafutha kumgama oyi-100km.
IGetz yakwaHyundai ine-1,5-litre turbodiesel etya i-5,5 litres yamafutha kwi-100km.
Zivakala kamnandi ezi ndaba, andibi"
Iindleko
Kukho izinto ekufuneka uziqwalasele ngaphambi kokuthenga imoto yedizili...
IXABISO LEMOTO: IHyundai Getz 1,5 ehamba ngedizili ixabisa malunga ne-R150 000 ukanti i-1,4 litre ehamba ngepetroli yona ixabiso layo lingaphantsi nge-R25 000 kweleyedizili.
Mncinci umahluko kwindlela ezisebenza ngayo ezi moto ukanti lo gama imoto ehamba ngedizili iwatya kancinci amafutha,
yi-R25 000 oyongayo ngokuthenga imoto ehamba ngepetroli.
IXABISO LAMAFUTHA: Uninzi lwamazwe aseYurophu ayithengisa ngexabiso elifikelelekayo idizili kodwa eMzantsi Afrika ixhomile ngexabiso.
Sibhala eli nqaku nje ilitha yepetroli eThekwini ixabisa i-R6,77 ukanti eyedizili iyi-R7,26 - amafutha ahluzisisiweyo alungiselelwe iimoto ezihamba ngedizili axhome kakhulu ngexabiso.
Ungahamba umgama oyi-818km ngetanki ezeleyo yeGetz yedizili exabisa i-R333, okanye i-41c/km.
Itanki yemoto ehamba ngepetroli eyi-45-litre kodwa ifuna ukugcwaliswa emva kwe-562km kodwa ixabisa i-R305 okanye i-54c/km.
Xa sithelekelela umgama owuhambayo ngenyanga sisithi yi-2 000km okanye yi-24 000km ngonyaka, i-R25 000 ethe kratya othenge ngayo imoto yedizili iyakubuya emva kweminyaka engaphaya kwesibhozo.
Iingcali ziyavumelana ngelithi imoto ehamba ngepetroli yeyona ilungileyo ngaphandle kokuba ungumntu ohamba imigama emide kakhulu ngonyaka.
Ubuhle bazo
Iimoto ezihamba ngedizili zihlala ixesha elide kuneemoto zepetroli xa ziphethwe kakuhle.
Nangona zingabaleki njengeemoto zepetroli zona kodwa zinamandla kakhulu kuba ungehla unyuka ngazo ezindulini kungekho mfuneko ingako yokutshintsha amagiya.
Ziluncedo kakhulu ekutsaleni eziny' iimoto.
Azinazo iispark plugs okanye ielectronic ignition systems ngoko azibinazo iingxaki zokulayita nokutsha kwaye azingenwa ngamanzi xa kunetha okanye xa ziwela umlambo.
Le into yenzeka kwii ezizii-4x4.
Iindaba ezimbi ke zezokuba xa yonakele imoto ehamba ngedizili kuyadura ukuyilungisa ngoko kufuneka ziphathwe kakuhle.
Ukuthenga
Makhe sithi ufuna ukuthenga imoto yedizili kwaye ufuna esele ikhe yasebenza.
U-Andre Oelofse yimanejala kwicandelo lokuvavanywa kwiTransUnion, inkampani evelisa incwadi yamaxabiso eemoto iMead & McGrouther.
Uthe lo gama eziny' iimoto zedizili ziligcina ixabiso ezinye aziligcini zize zithengwe ngexabiso eliphantsi kunezo zihamba ngepetroli.
"Kuxhomekeka kuhlobo lwemoto oyifunayo kwanokuba ithengwa ngabantu abakuliphi inqanaba.
"Imo ekuyo neekhilomitha esele izihambile nazo zibalulekile. Imoto esele ihambe umgama oyi-200 000km sele ifuna ukumana ilungiswa ifakelwa izinto ezifana ne-injectors ezixhomileyo ngexabiso.
Xa ufuna ukuthenga imoto ehamba ngedizili kufuneka uyazi into yokokuba umgangatho wedizili kweli uphantsi xa uthelekiswa nowehlabathi.
Amafutha eli anesulphur eninzi ngoko kubalulekile ukuba amafutha atshintshwe qho emva kwe-5 000km ukuthintela ukwakheka kwe-asidi eyonakalisa injini.
IToyota South Africa yala ukuzisa iimoto ezihamba ngedizili kweli ngaphambi kukaJanuwari 2007 xa kwakukhutshwa umthetho onyanzela iinkampani zamafutha ukuba zinciphise isulphur eziyifaka kwidizili ibe yeyamkelekileyo.
Xa ufuna ukutheng' imoto yedizili ekhe yasetyenziswa, jongisisisa incwadi yayo yokuseyiviswa uze uqiniseke ukuba iinguqu ezenziwa emafutheni zenziwa ngokwemigwaqo yomvelisi wemoto leyo.
Xa kungenjalo uya kube uzifaka engxakini yokuthenga imoto eneengxaki neza kungena nzulu epokothweni! [x]
BONA XHOSA - March 2008
Lo ngumbuzo abazibuza wona abemi beloMzantsi Afrika njengoko iimoto ezihamba ngedizili sele zisefashonini. Kodwa izinto azinjengoko ucinga...
Impikiswano enkulu
OKUHLE:
u Yonga amafutha, iyahlala.
u Igcina injini ixesha elide xa iphethwe kakuhle.
u Ayinazo izinto zombane ezifana nespark ignition, ungayithemba.
u Isantya sayo sinyuka kancinci ukanti itsala ngamandla.
u Ayiphazamisani nemvelo.
OKUBI:
u Ukuwatya kancinci kwayo amafutha akuyibuyisi imali enkulu oyithenge ngayo.
u Alisekho ngaphantsi kwelepetroli ixabiso ledizili.
u Kubalulekile ukuyisevisa imoto.
u Kuyadura ukuyilungisa xa yonakele.
u Ihamba kancinci kunemoto ehamba ngepetroli.
u Yenza "ingxolo" kunemoto yepetroli.
BONA XHOSA - March 2008
