XHOSA.1650.sis sarah
Kutheni endivis' ubuhlungu kangaka"
Ndilibanjwa elinama-33 yaye ndigwetywe iminyaka emihlanu entolongweni. Intombi endincuma nayo enama-23 ayisandithandi.
Ayindityeleli yaye ayiphenduli neeleta endiyibhalela zona. Ndisayithanda kakhulu. Ndicinga ukuba indilahla ngelona xesha ndiyifuna ngalo. Sinomntwana kwaye bendifun' ukuyitshata le ntombi xa ndiphuma apha.
Ucinga ukuba yintoni eyenza le ntombi indenze le nto" Ndicel' uncedo kuba ndiyayithanda kakhulu.
nguMLH, eCondrad
lInto ekuhlelayo ixhaphakile emadodeni asentolongweni.
Kulula ukuthembis' umntu ukuba uza kuba naye ngamaxesha embandezelo kodwa kunzima ukufezekisa eso sithembiso.
Andisazi isizathu sokuba yenze ngolu hlobo le ntombi kodwa ngathi ayizimiselanga kukulinda.
Iselula, inomntwana yaye kungenzeka ukuba ifuna ukuqhubeka nobomi bayo. Uyayithanda le ntombi kodwa xa ikwenza le nto ndibona kubhetele uyikhuphe entliziyweni yakho.
Andiboni ukuba ikuthanda ngale ndlela uyithanda ngayo. Kunzima ukuyamkela loo nto kodwa ekuhambeni kwexesha uza kulibala kube ngathi azange kubekho nto.
Umfazi wommelwane
Ndineminyaka eli-12 ndithandana nomfazi wommelwane wam. Ingxaki ngoku kukuba intombi yakhe iyayazi le nto. Alizuvela kodwa eli hlebo"
nguJN, KwaMhlanga
lSeliphandle ihlebo lenu!
Ningalufihl' uthando lwenu ixesha elide kodwa ngeny' imini uya kuphum' uhili ezingcongolweni. Aba bangaziyo baya kukhathazeka kakhulu xa besiva ezi ndaba.
Xa uqhubeka nokuqhatha umfazi wakho ngolu hlobo lizakuvela ihlebo lenu.
Ngaba unyanisile"
Sinonyaka neenyanga ezisixhenxe sithandana nale ndoda kodwa andikaze ndiye emzini wayo okanye emzini wabazali bayo.
Ukuqala kwethu ukudibana yandixelela ukuba umfazi wayo wasweleka yaye ihlala nabantwana bayo. Yathi ineliny' ibhinqa elinomntwana wayo yaye basathandana. Yathi ifuna sibe ngabafazi bayo sobabini.
Xa ndiyityelele icel' indawo yokulala kwisizalwane sayo. Ndiyarhana ngathi itshatile okanye ukho umntu ohlala nayo. Ndiyayithanda yaye andifuni kuphulukana nayo le ndoda.
nguHP, eRichmond
lAyinyanisekanga le ndoda kuwe. Ayikusi emzini wayo okanye kowayo, awukadibani nabazali bayo, awukababoni abantwana bayo kwaye loo nto intama ukuba ikho le nto iyifihlayo le ndoda.
Ndicinga ukuba itshatile okanye iyahlalisana kunjalonje ayizimiselanga ukukutshata. Idlala ngawe le ndoda iza kuthi isakonela ikushiye apho.
Lixesha lokuba uyazi inyaniso. Ngaba kukho apho luya khona uthando lwenu okanye nje lukuchithel' ixesha"
Thetha nale ndoda ngezi ngxaki zakho uyichazele mhlawumbi niza kuzisombulula. Ungayivumeli ikucenge ngamazwi amnandi - into oyifunayo yinyaniso kuphela!
Andimthembi koko ndiyamthanda
Ndadibana nale ndoda ndine-14 leminyaka ngo-1995. Ndaye ndakhulelwa izihlandlo ezibini kodwa zaphuma ezo zisu. Oogqirha bathi ndidandathekile.
Unobangela wodandatheko kukuba qho xa ndikhulelwe le ndoda ayindifuni nokundibona. Isuka ithandanane neentombi ezininzi.
Xa ndiyibuza ngezi ntombi ithi ayizithandi kuba yona ithanda mna.
Andiyithembi le ndoda kodwa ndiyayithanda kakhulu. Ayizimiselanga nokunditshata kuba ithi abafazi abatshatileyo bathandana namany' amadoda.
Ithi silunge ngoku singatshatanga kuba ndiyamhlonipha kanti sisakuba sitshatile ndiza kuqala ndithi ndinamalungelo ndize ndithandane namany' amadoda. Ndicel' uncedo.
nguKN, eKapa
lAndikholwa ukuba usathandana nale ndoda emva kokuba wehlelwe zizinto ezibuhlungu kangaka.
Indlela eyakuphatha ngayo ukhulelwe yenza waphunyelwa zizisu ezibini zonke!
Ineziny' iintombi elala nazo nto leyo ixela ukuba isesichengeni sokufunyanwa ngugawulayo okanye izifo ezosulela ngesondo ize ikosulele ngazo. Ugawulayo uyabulala awukhethi yaye le ndoda kufuneka iyazi into yokokuba ukulala namaqabane amaninzi ungazikhuselanga kuza kuyenza ifunyanwe sesi sifo.
Awuyithembi le ndoda nayo ayizimiselanga kukutshata.
Uzichithela ixesha kuyo. Alukho olu thando lwenu. Yilahle uzifumanele indoda ekuhloniphayo nekuthandayo.
Ndithukwa ngumama womntwana
Ndinama-22 yaye ndithandana nendoda enama-29 eminyaka. Ihlala nonina womntwana wayo kodwa ithi ayisamthandi. Ayimgxothi emzini wayo koko ithi ifuna ahambe ngale ndlela wayeze ngayo.
Ingxaki yam yeyokuba okoko sathandana asilifumani ithuba lokuhlala sobabini. Ithi ngoku le ndoda ifuna ukunditshata. Izamile ukudibanis' iintsapho zethu kodwa akwalunga. Ndicinga ukuba ukuvuma ukutshata nale ndoda kuza kundizisela iingxaki njengoko unina womntwana wayo eman' ukunditsalel' umnxeba andithuke.
Ndinay' eny' indoda endithandana nayo kodwa andiyithandi njengale. Ndincede!
Oxakekileyo
lAndiboni ukuba ngenene uyafun' ukutshata nale ndoda. Xa bowufuna ukuyitshata ubungasokuze ubeneny' indoda.
Uninzi lwamadoda athi awawathandi amabhinqa ahlala nawo kodwa loo nto ayitsho kuba efuna ukuba uqiniseke ngothando lwenu.
Yazi ukuba ufuna ntoni na. Ngokuqinisekileyo ufuna nibe nexesha lenu enilichitha nobabini. Unina womntwana wendoda uyakuthuka. Nokuba ningatshata uza kuhlala ekho yaye usaza kuqhubeka ekuthuka.
Zibuze ukuba kungani le ndoda yoyisakala kukudibanis' iintsapho zenu. Ayinyanisekanga kuwe ngoko ndikucebisa ukuba uzikis' ukucinga ngaphambi kokuba uzibophelele.
Uziva ngathi uyayithanda le ndoda kodwa ikho eyakho ekufaneleyo.
Umfazi wam akandonelisi ngesondo
Ndinama-49 umfazi wam yena unama-44 eminyaka. Silizwe ngabantwana abathathu. Siyathandana kakhulu nomfazi wam yaye siyabathanda nabantwana bethu. Ukususela oko umfazi wam aba ligqirha akalithandi tu isondo.
Xa silala ebhedini yena ulala kude nam. Xa ndifun' ukuba sabelane ngesondo kufuneka "ndihambe" lo mgama uphakathi kwethu ebhedini....
Konakele phi" Ndamlobola ndagqiba yaye naxa ephuma ephehlweni ndenza zonk' izinto ekwakufuneka ndizenze ukumamkela ekhaya.
Sele ndicele namany' amagqirha ukuba andijongele ukuba ngaba yintoni na ingxaki. Akukho nalinye eliyibonayo ukuba iphi ingxaki - yaye loo nto iyandibhidisa.
Ngeli xesha ke ndidibene neliny' ibhinqa eliyintanga nomfazi wam yaye nalo linomzimba olingana nowakhe. Lona alindiniki ngxaki xa ndilityelele. Xa ndilifuna ndiyalifumana yaye alenzi ngathi alifuni sabelane ngesondo. Ndifuna ukulenza umfazi wam wesibini.
Into endixhalabisayo ke ngoku kukuba kuza kufuneka ndiqale ndifumane imvume yokuthatha umfazi wesibini kumfazi wam wokuqala. Sele ndimdala kakhulu ukuba ndingadlala "undize" yaye ndiyalifuna eli bhinqa khon' ukuze lindonwabise lindanelise kuba umfazi wam akayenzi loo nto. Ndiza kuqhubeka nokumthanda yena kuba ngumama wabantwana bam.
Nam ndiligqirha yaye ndizamile ukwenza yonk' into efunekayo kwicala lezinyanya kwaye andiboni ngxaki ekuthatheni umfazi wesibini.
Ndingathini ukuze ndingaceli imvume yokuthath' umfazi wesibini kumfazi wam wokuqala" Ndiyamthanda umfazi wam kodwa ndifun' umntu oza kundonelisa ngesondo, umntu oza kundiphuza, andange, umntu oza kuthanda ukuba nam...
Indoda ekhathazekileyo, ePitoli
lXa igqirha elitshatileyo liphuma ephehlweni kufuneka lenzelwe isiko elithile neqabane lalo ngaphambi kokuba babelane ngesondo. Xa wena nomfazi wakho nalenza eli siko kuyacaca ukuba ninengxaki yokungaboni ngasonye eluthandweni lwenu.
Ndicebisa ukuba uthethe nomfazi wakho ngaphambi kokuthatha umfazi wesibini. Awunawukwazi ukuyiphepha loo nto yaye kufuneka uyicele kuye imvume yokuthath' umfazi wesibini. Xa engafuni kukunik' imvume kuza kufuneka uthathe isigqibo sokuba uza kuhlala naye na okanye uza kuqhawul' umtshato ukuze ukwazi ukutshata lo mfazi mtsha. [x]
BONA XHOSA - April 2006
Buza uSis Sarah
Qaphelani: USis Sarah akakwazi ukunicebisa ngeengxaki zempilo. Xa unengxaki yempilo efun' unyango yiya kucel' uncedo eklinikhi okanye kugqirha.
BONA XHOSA - April 2006
Ngaba unengxaki yendibano yesondo, eyothando, okanye ngxaki yimbi ebomini" Yibhale uyithumele kum Sis Sarah, ndiza kuzama ukukucebisa indlela yokuyisombulula. Ngelishwa andinakukuce-
bisa ngokukubhalela wena ngqo, impendulo yijonge kula makhasi.
Khumbula, xa uyivula intliziyo yakho, ndikholo ukukunceda!
Idilesi yam ithi:
Sis Sarah,
Box 32083,
Mobeni 4060
