xhosa.1647.health dec
INYANISO
ezempilo
Yomelela ngeqanda
Uninzi lwabantu abangenayo i-ayoni eyaneleyo emzimbeni wabo bayadinwa, baphathwa yintloko kwaye bayacatshuzelelwa, kutsho ingcali yokutya uMadelein de Villiers. Loo nto ingakugulisa kuba i-ayoni ibalulekile kumajoni omzimba. Qiniseka ukuba uyawatya amaqanda qho kuba umthubi weqanda une-ayoni engena lula emzimbeni wakho.
Musa ukutya kakhulu!
Iindaba ezimbi kumabhinqa akhulelweyo atya kakhulu... Ingxelo ethatyathwe kwiBritish Journal Of Nutrition icebisa ngelithi xa usitya ukutya okungekho sempilweni - iidoughnut, iitshipsi okanye iibhega xa ukhulelwe okanye xa uncancisa ubangela ukuba usana lwakho lukhule luthanda ukutya okungenampilo nalo, lube nobunzima obuziiphesenti ezingama-27 luze lutyebe kwaye lukhathazwe nayimpilo.
BONA XHOSA - December 2007
Ngama-80 eebhiliyoni ii-aspirin eziselwa ngonyaka kwihlabathi
Xilongwa!
Amabhinqa amaninzi ayakwazi ukubaluleka kokuxilongelwa impilo yawo ukuthintela ukuphathwa sisifo somhlaza webele nowesibeleko nesifo sentliziyo - kodwa amadoda awaxilongi wona.
Nazi izinto ekufanele indoda izixilonge ukuze ihlale iphilile:
Uxinzelelo lwegazi: Qho kwiminyaka emibini.
Ikholesteroli: Qho kwiminyaka emihlanu xa ungaphaya kwama-35 eminyaka ubudala.
Isifo seswekile: Qho kwiminyaka emithathu xa unehayi-hayi okanye ikholesteroli ephezulu.
Udandatheko: Ukudakumba ixesha elide kuntama ingulo - cela ugqirha wakho akuxilonge.
Iingxaki zokuvukelwa: Maxa wambi zintama ukuba unesifo sentliziyo kwaye zikwahlukanisa nesithandwa sakho. Dibana nogqirha ngokukhawuleza.
Izifo ezosulela ngesondo: Vavanyelwa iHIV qho kwiinyanga ezi-6 okanye kanye ngenyanga kuxhomekeke kubomi obuphilayo. Cela ugqirha akuxilonge isyphilis, igonorrhea nechlamydia - ezi zifo zinobungozi.
Umhlaza wolusu: Xilongwa qho ngonyaka.
Umhlaza wamalungu obudoda: Xa amatapile akho enamaqhuma, edumbile okanye ebuhlungu, yiya kugqirha ngokukhawuleza.
- Tammy Sutherns
Zigcine usempilweni ngamacebiso kaPatricia McCracken
Kuyanceda ukudlal' ibhol' ekhatywayo!
Iinzululwazi zaseDenmark zithi ukudlala umdlalo wobuhlobo webhol' ekhatywayo kukomeleza ngaphezu kokunkcunkca. Abantu ebekuphandwa ngabo behle ukutyeba kwiinyanga ezintathu bedlal' ibhola baza bomelela.
Yomeleza amathambo ngebroccoli
Nemifuno iyanceda ukomeleza amathambo! I-Osteoporosis sisifo esenza amathambo athambe kwaye ophuke lula. Sithintele esi sifo ngokuqinisekisa ukuba utya ukutya okwaneleyo nokunceda ukomeleza amathambo okufana nobisi neemveliso ezenziwe ngobisi, ibroccoli, amakhowa nentlanzi enamathambo njengesardines.
- Tammy Sutherns
Sela ubisi
Yonga imali ngokusebenzisa ubisi olunamafutha amancinci (olune-2%), iingcali zophando zaseLoughborough University eUK zicebise iimbaleki. Zithe lugcin' umzimba unamanzi ixesha elide kunamanzi okanye iziselo zabadlali.
INYANISO
Abantu abasebenzisa iiselfowuni qho banoxinzelelo lwegazi oluphezulu
