xhosa.1645.fame
Badyakaza imali
LE yingxaki eyenzeka kwihlabathi liphela. Abafana abaselula bazifumana sele beziimbalasane zebhol' ekhatywayo kodwa babe bengakwazi ukumelana nalo lonke uxanduva oluhambisana nodumo njengokufumana umvuzo omkhulu nokuhendeka abahlangabezana nako.
Mandulo abadlali bebeqeqeshelwa ukuba ngabadlali ababalaseleyo. Izinto abazenza kubomi babo bangasese zingahoywa, xa nje zingachaphazeli indlela abadlala ngayo. Kwakungahoywa nezinto ezinjengokuthi abadlali bangabinamali xa sele beyekile ukudlal' ibhola.
Yonke loo nto itshintshile ngoku kuba iimanejala zeeklabhu zibonile ukuba luxanduva lwazo ukufundisa abadlali ukumelana nodumo nokuphatha imali abayifumanayo.
UThabang "Banda" Lebese ngomnye wabadlali abafunde isifundo sokuba lihlwempu esakuyeka ukudlal' ibhola.
ULebese owayedlalela amaqela amakhulu eli iKaizer Chiefs neOrlando Pirates uthi waba sisinhanha waza wayidyakaza imali yakhe.
"Ndandinabahlobo abangalunganga, babengandikhathalelanga koko babethanda imali yam," utshilo.
"Babengandoluleki nganto koko babendilahlekisa."
UThabang uthi wayephila okwekumkani. Wayeyidyakaza imali engakhathali, enye eyiboleka "abahlobo" kwaye yayisoloko inguye ohlawulela yonk' into.
"Ndalahlekelwa yintywenka yemali," kutsho yena.
Waphaphama xa ephulukana neemoto zakhe ezimbini iBMW 325Ci neGolf 5 kwaza kwanyanzeleka ukuba athengise nomzi wakhe.
Uthe, "Endaweni yokutheng' iimoto ezimbini kwakufanele ndihlawulele umzi.
"Kwakufanele ndonge imali kodwa azange ndiyenze loo nto!"
Iimpazamo
ULebese waqala ukudlal' ibhola edlalela iChiefs. Wayishiya emva kwexesha elide ekuyo kwaye uyazisola ngokushiya eli qela.
"Abantu abatsha bayazenz' iimpazamo. Ndaye ndaphapha ndacinga ukuba ndibhetele. UKaizer Motaung wandicenga esithi mandingahambi kodwa andamphulaphula," utshilo.
Wayecinga ukuba uza kuphumelela kwiBucs...
Umemelele abanye abadlali ngelithi, "Fundani kwiimpazamo endizenzileyo. Zibaliwe iintsuku zenu zokudlal' ibhola. Kaloku uyaduma, ufumane umvuzo omhle uze ube nenkani ungaboni ukuba yonke loo nto ingaphela ngephanyazo!"
Kwaba nzima kuLebese esakushiya kula maqela mabini. Wadlala ithutyana kwiSilver Stars nakwiMoroka Swallows.
"Ndandingakwazi ukumilisel' ingqondo emdlalweni ngenxa yeengxaki zemali endandikuzo."
Uthi wayengabaphulaphuli abantu abamcebisayo nabamkhathaleleyo.
Bangaphi abadlali abakule ngxaki elolu hlobo"
Umonzakalo
Sincokole nomdlali obalaseleyo waseMpumalanga uInnocent Mdledle. Lo mdlali wasemva wePirates neBafana wathengwa kwiqela laseWitbank elingaziwayo iPeople's Bank Spurs.
"Ndothuka kwaye ndandisoyika xa ndandithengwa yiPirates, iqela elikhulu kangaka. Andikakholwa nangoku xa ndinxiba ijezi yePirates okanye eyeBafana ukuba ngenene ndim lo," utshilo.
Akafuni ukuthabatheka. "Anditshintshanga kwaye andifuni kubutshintsha ubomi bam," utshilo.
Uyazi ukuba kulula njani ukuphulukana nomsebenzi ebholeni kwaye uloyiko lwakhe olukhulu ngumonzakalo.
"Uphulukana nomsebenzi wakho ngephanyazo xa wonzakele," utshilo.
Ukudlalela iPirates kube liwonga kuLebo "Cheese boy" Mokoena kwaye kuphucule nobomi bakhe.
"Ndafumana izivumelwano zennkxaso nemoto entsha. Ukudlalela iPirates kundenze ndafunda ukuphatha imali," utsho lo mdlali wasesiswini onesiphiwo esimangalisayo.
Besakutyikitya neli qela abadlali benziswa izifundo zokulawula ubomi babo.
"Siye sibize abadlali ababedlalela iPirates ukuba bazocebisa abadlali bethu ngokuziphatha.
Sicele namaziko anik' iinkonzo zemali ukuba azocebisa abadlali ngotyalo-mali kwaye siyayilandela le nkqubo ukuze siqinisekise ukuba abadlali bethu bayityale ngokukuko imali yabo, kutsho isithethi seli qela.
Sithe umanejala weqela kufanele abakhathalele abadlali.
"Abadlali bayasiqhitsa maxa wambi kodwa sizama kangangoko sinako ukwazi iindawo abaya kuzo emva komdlalo. Sinolwazi losapho lwabo, ukutya abakutyayo, iindawo abahlala kuzo yaye sifuna ukwazi iingxaki zabo xa bengaphumelelanga xa iqela liziqeqesha."
UThabang Lebese uthi: "Xa uziphethe kakubi, ungabahloniphi abalandeli, ungaphulaphuli abaqeshi bakho uza kuba lihlwempu usakuyek' ukudlala ibhola!" [x]
Uninzi lwabadlali bebhol' ekhatywayo bayabona ukuba impumelelo ebholeni ixhomekeke ekuyiphatheni kakuhle imali yakho nakwindlela olicebela ngayo ingomso lakho
kubhale uFORCE KHASHANE iifoto zezakwaGALLO IMAGES
Ungabalibali abalandeli
Eli lelinye lamacebiso kaThabang "Banda" Lebese kubadlali abaselula.
"Bahoyeni abalandeli," utshilo.
Abalandeli bahlawula imivuzo yenu kwaye "ukwanga nokuxhawula umlandeli kumenza angakulibali namhla wayeka ukudlal' ibhola.
"Abadlali mabazinik' ithuba lokunxibelelana nabalandeli emva kwemidlalo bangangxameli ukugoduka okanye ukuya kwiindawo zentselo.
"Khumbulani ukuba abalandeli bahlawula imali bezonibukela xa nidlalayo. Nokuba ungabanika imizuzu eli-10 kuphela bayakuvuyiswa yiloo nto.
"Yazi ukuba unethamsanqa xa besakubona baze bakubulise abalandeli nkqu nokuba sele wayeka ukudlala," utsho uLebese nothi abalandeli baloluny' usapho lwabadlali.
BONA XHOSA - November 2007
Izinhanha zethutyana
UThabang Lebese.
U-Innocent Mdledle
ULebo Mokoena
BONA XHOSA - November 2007
