xhosa.1636.parenting
Iindlela zokubeleka
ubuzali
LIBALULEKILE ixesha lokuzalwa kosana. Kaloku eli lixesha apho ulubona okokuqala emva kokuluthwala iinyanga ezilithoba. Zininzi iindlela olungazalwa ngazo usana. Amabhinqa ayazikhethela kwiindidi eziliqela yaye zixhomekeka kwimpilo yosana nonina, indlela olume ngayo usana nexabiso...
Ukubelekela esibhedlele
Uninzi lweentsana zeli zizalwa ngolu hlobo. Uqala ngokuhlolwa ngumbelekisi uze ugqithiselwe kwigumbi lokubelekela apho ufika ulaliswe ebhedini ukuze ulubeleke kakuhle usana lwakho.
Kweloo gumbi kubakho oogqirha bamabhinqa neengcali zababelekisi ukulungiselela xa kunokwenzeka ube neengxaki xa ubeleka kuze kufuneke ukuba ubeleke ngoqhaqho olungxamisekileyo.
Ukubelekela ekhaya
Mandulo kwakusetyenziswa le ndlela yokubeleka yaye umdlezana wayencediswa ngababelekisi.
Ukubelekela ekhaya kubuye ngamandla ngoku kuba oomama bakholelwa ekubeni kwenza izinto zibe lula.
Kufuneka ufumane umbelekisi onamava noqeqeshiweyo xa uza kubelekela ekhaya. Ukunceda umelane nokulunywa, akubelekise, asike inkaba aze axilonge usana lwakho okokuqala ngokwasempilweni.
Uyakwazi ukubon' iimpawu ezintama iingxaki kwangoko aze akubalekise esibhedlele.
Ukubelekela emanzini
Ukubelekela emanzini yindlela yendalo yokubeleka kodwa ubelekela emanzini. Umama uhlala kwichibi lokubelekela (ungaliqesha) aze alubelekele emanzini usana lwakhe. Le ndlela yokubeleka inciphisa iintlungu zokulunywa namathuba okukrazuka.
Ubelekela ekhaya ngale ndlela yaye kufuneka uqeshe umbelekisi onamava noqeqeshiweyo.
Ukubeleka ngoqhaqho
Xa ubeleka ngoqhaqho usikwa apha esiswini emazantsi. Yenziwa kwimeko yongxamiseko xa usana lungahlalanga kakuhle.
Iyenziwa le ndlela naxa usana luzalwa ngaphambi kwexesha, luzelwe luluncinci kakhulu, lulukhulu kakhulu okanye xa luxwesile.
Ungazikhethela ukubeleka ngoqhaqho xa isibonelelo sakho sonyango sikuvumela. Kwizibhedlele zikarhulumente ubelekiswa ngoqhaqho xa uneengxaki okanye kwiimeko zongxamiseko kuphela.
Ukuzibelekela
Le yindlela yokuzibelekela yaye umama uyavunyelwa ukuba enze izinto xa ebeleka.
Uyavunyelwa ukuba abeleke ngendlela ayithandayo.
Xa ubeleka ngale ndlela uyalutyhala ngamandla usana ukanti xa ubeleka ulele ebhedini awuwasebenzisi la mandla xa utyhala.
Izibhedlele zabucala ziyabelekisa ngale ndlela ngoncedo lwababelekisi. Qhagamshelana nesibhedlele esikufuphi nawe ujonge ukuba sinayo na le nkonzo.
BONA XHOSA - June 2007
Okoomama nootata....
I-Omega-3, -6, -9 nengqondo
I-Omega-3, -6, -9 ziifatty acid ezifumaneka kwiindidi zokutya ezahlukeneyo yaye zigcina imizimba yethu isempilweni. Umzimba awuzivelisi ngoko kufuneka sitye ukutya okunezi zakha-mzimba.
I-Omega-3, -6, -9 ziyasithintela isifo sentliziyo, ziphucula ulusu, zinceda udandatheko yaye ziphucula ukusebenza kwengqondo namajoni omzimba.
Uninzi lwabantu bafumana iOmega- 6 ne-9 baze bangayifumani iOmega-3 eyaneleyo yona efumaneka kwintlanzi nakwilinseed.
Ukutya intlanzi kanye okanye kabini ngeveki xa ukhulelwe kuphucula ukukhula kwengqondo yosana lwakho oluthweleyo.
Uphando olwenziwe eAustralia kubantwana abaneminyaka emibini bezelwe nabazelwe ngoomama abebesitya amafutha entlanzi xa bekhulelwe lubonise ukuphucuka kokuhambisana kwezandla zabo namehlo kwanendlela abathetha ngayo.
Zifake ekutyeni
Pheka nge-olive oil okanye isoya oil. Ziyafumaneka kwiisuphamakethe ezininzi. Luphekele intlanzi usapho lwakho ubuncinane kabini ngeveki.
Iifatty acids zifumaneka kwisalmon, itrout, isardines, ipilchards nakwituna.
Zininzi izongezi zamafutha entlanzi ezikhoyo zabantwana nezabantu abadala.
Ukusebenza kwengqondo
Iingcali zithi abantwana abatya ukutya okunamafutha entlanzi baba krele-krele engqondweni. Bayayimilisela ingqondo yaye baqhuba kakuhle esikolweni.
Noxa ezi zakha-mzimba zikuphucul' ukusebenza kwengqondo kodwa azikunyangi ukungakwazi ukufunda komntwana. Xa urhana ngathi umntwana wakho unengxaki yokungakwazi ukufunda nokubhala okanye akakwazi ukuhlala phantsi eklasini aphulaphule (iAttention Deficit Disorder) mse kugqirha oza kukugqithisela kwingcali yogqirha.
BONA XHOSA - June 2007
liqulunqwe nguNONHLANHLA KHUMALO
u
BONA - September 2006
UBUSIKA benza ulusu lwabantu lumbatshe nemilebe yabo ixwebe. Iintsana zinolusu olubuthathaka yaye ukukhulelwa kuyazongeza iingxaki zolusu.
Ulusu olomileyo
Le yingxaki exhaphakileyo yaye ungayisombulula ngokuqinisekisa ukuba nisela amanzi kakhulu.
Ayaninceda ukuze nihlale ninamanzi emzimbeni. Thambisa ikhrim ekhusela ukuphuma kokufuma komzimba.
Usana luthambise ngeemveliso ezenzelwe ulusu losana kuba ezolusu lwabantu abadala ziyalonakalisa ulusu losana.
Sebenzisa iimveliso zokuhlamba ezilungele ulusu olomileyo kwaye ungaluhlalisi ixesha elide emanzini usana.
Usana lwakho luhlambe nge-aqueous cream okanye imoisturising baby wash endaweni yesephu.
Ulusu olurhawuzelayo
Ulusu olurhawuzelayo luxhaphake kumabhinqa akhulelweyo ingakumbi aph' esiswini emazantsi. Zininzi iimveliso ongazisebenzisa. Gcina ulusu lwakho luthanjiswe kakuhle ukuze lungomi lurhawuzele.
Yiya kugqirha xa lurhawuzelela ngamandla ulusu lwakho kuba oko kwayanyaniswa nesifo sesibindi esinqabileyo.
Ulusu lweentsana lurhawuzela xa zinerhashalala okanye kukho into ezingavaniyo nayo. Buza kugqirha unobangela nohlobo lwerhashalala ephethe usana lwakho. Ugqirha uza kukunika amayeza neekhrim ekufanele uluthambise zona usana lwakho.
Iminyama
Ukutyeba nokubhitya xa ukhulelwe kwenza iminyama. Kunzima ukuphelisa iminyama ekudala wabanayo. Kodwa ungayithintela ingaveli kwakhona. Xa usazi ukuba ukhulelwe thambisa itissue oil kwiindawo ezinwebekayo emzimbeni wakho.
Sela amanzi kakhulu ukuze ulusu lwakho luhlale lunamanzi.
t
Ukunonophela ulusu losapho
BONA XHOSA - June 2007
ubuzali
u
ubuzali
t
Uphando lwakutshanje luveze ukuba abantwana ababukela iTV kakhulu bayatyeba yaye bangabikho krele-krele.
Umntwana obukela iTV kakhulu uhlala phantsi ixesha elide nto leyo ikhuthaza ubuvila obungunobangela wokutyeba kakhulu.
Ukubukela imifanekiso ehlekisayo imini yonke kuyakuchaphazela ukucinga nokuqiqa komntwana.
Ayikho mbi kwaphela iTV koko kuxhomekeka kwiinkqubo ezibukelwayo ngumntwana.
Iinkqubo zemfundo ezinjengeTakalani Sesame edlala kuSABC 2 ibalungele abantwana.
Apha umntwana ufunda ngezibalo namagama, afunde ngemiba yosapho neyezempilo njengeHIV/Aids.
Bagcine bonwabile kwezi holide abantwana ngokubabukelisa iTakalani Sesame yonk' imihla.[x]
I-TV ayikho mbi kangako
