xhosa.1627.career
Imisebenzi
Ukuba ngumlungisi wombane
UMphikelwa Vezi etshekitsha iDB board. Ukufumana eyona nto iyingxaki yombane sisakhono esibalulekileyo xa ungumlungisi wombane.
ABALUNGISI bombane benza imisebenzi esusela ekulungiseni isibane esingakhanyiyo kuse kwizinto zombane kumatshini womzi-mveliso.
Sincokole noMphikelwa Vezi esifike elungisa ingxaki yombane kwivenkile enkulu eseThekwini.
Wawukhethiswa yintoni lo msebenzi"
Ndisakhula ndazifundisa ukulungisa izinto ezonakeleyo. Ethubeni ndaya kuphangela njengonositiya, apho ndandilungisa nezinto zombane ezonakeleyo. Ndandisafunda ngoko, nomqeshi wam endikhuthaza.
Ndandiwuthanda nomsebenzi wobugcisa, kodwa ndakhetha izifundo zokulungis' umbane.
Wenza ntoni kulo msebenzi"
Ndisebenzela inkampani yombane elungisa umbane kwivenkile enkulu enamasebe kwiindawo ngeendawo. Ndilungis' izinto zombane neziny' iingxaki zabo ezayamene nombane.
Yintoni oyithandayo kuwo"
Ukukwazi ukuzilungisela umbane nokulungisa umbane wasekhaya xa unengxaki!
Imiceli-mngeni yawo"
Ngumsebenzi onzima kwaye ixesha lokuphumla lincinane.
Zikho izinto eziyingozi ezikhe zakothusa kuwo"
Ewe, ngeny' imini ndandilungis' iDB board kwenye isuphamakethi ndatshokhwa ngumbane kwacima zonke izibane kuloo venkile.
Ndavalek' amehlo imizuzu emi-5 - kwandothusa ngenene oko!
Ziyintoni iinjongo zakho"
Kungoku nje ndenz' izifundo zokuba nesiqinisekiso sokufakela umbane nesiya kundenza ndikwazi ukuqhubeka nokufunda okanye ndiyophangela phesheya.
IZINTO EZIFUNEKAYO
Kufuneka ukuthande ukulungis' izinto ezonakeleyo, ukusebenzis' izandla kwaye ukwazi ukuphangela iiyure ezinde nokumelana noxinzelelo. Kufuneka ube nobuchule bokufuman' ingxaki apho ikhona uyilungise.
AMATHUBA ENGQESHO
Akho amathuba abalungisi bombane abaqeqeshiweyo kwiinkampani zokwakha, kwimizi-mveliso, kurhulumente nakwiinkampani zabucala. Uninzi lwabalungisi bombane abaneziqinisekiso zokuwufakela bazivulela ezabo iinkampani.
UMVUZO
Umvuzo owamkelayo ubukhulu becala uxhomekeka kwimfundo yakho nakwishishini ophangela kulo. Njengesikhokelo nje, umlungisi wombane osaphum' esikolweni angaqala amkele malunga ne-R5 000 ukuya kwi-R6 000 ngenyanga ukanti xa ukwisikhundla sokuphatha ungamkela i-R15 000 okanye ngaphezulu ngenyanga, okanye ke xa unenkampani yakho. [x]
BONA XHOSA - August 2007
Abalungisi bombane bafunwa mihla le kweli naphesheya
kubhale kwafota uGRACE KHUZWAYO
IINDAWO ZOKUFUNDA
Izinto ezifunekayo kwizifundo zokulungis' umbane zixhomekeka ekubeni ufuna ukwenza ntoni, kodwa ukuze ube ngumlungisi wombane ovunyiweyo kufuneka ube noN2 okanye uN3, ube ulufumene uqeqesho lwasemsebenzini yaye ube ulwenzile uvavanyo ekuthiwa yiTrade Test. Amava okusebenza nawo ayaqwalaselwa, nangona uvavanyo lweTrade Test lunyanzelekile.
Amaziko aliqela oqeqesho anazo izifundo zoqeqesho nenkxaso-mali yokufunda.
Xa ufuna amanye amacebiso ungafowunela iElectrical Contractors Association SA ku-011-392-0000. Banamasebe kuMzantsi Afrika uphela ngoko baya kukuxelela elikufutshane nawe.
BONA - August 2007
