xhosa.1626.prisoners
Ingxaki yomntu orentayo
Ndirentisa indlu emzini wam. Uphelil' unyaka umntu orentayo eyihlawula kakuhle irenti. Ngoku kuphele iinyanga ezintathu engayihlawuli. Ndiyazi ukuba kufuneka ndilandel' inkqubo esemthethweni xa ndimgxotha endlwini yam. Ndicel' uncedo.
nguAS, eSoweto
lXa urentisa ngendlu wenza isivumelwano sokurentisa nomntu lowo ufuna ukurenta.
Esi sivumelwano kufuneka sibe sesibhaliweyo okanye ekuvunyelwene ngaso ngomlomo. Zozibini ezi zivumelwano zivumelekile yaye ziyabophelela xa bobabini abantu bekulungele ukwenz' isivumelwano ngokusemthethweni. Sibaluleke kakhulu isivumelwano kuba umntu ongaphantsi kweminyaka engama-21 akanakusenza isivumelwano engancedwa ngumzali okanye ummeli wakhe.
Xa umntu efuna ukuxhomekeka kwisivumelwano sokuqeshisa kufuneka abonis' ubungqina bokuba sibekho isivumelwano sokurenta phakathi kwakhe nomninimzi, sivumelwano eso kufuneka sibe nezi zinto zilandelayo:
mUkuzibophelela komninimzi ukuba uza "kunikezela into" kumntu lowo uza kurenta. Kule meko yakho ke "into" le sithetha ngayo yindlu. Inikezelwa ngokuthi umninimzi anike izitshixo zendlu yakhe umntu lowo oza kurenta emnika ulawulo lwendlu.
mIsivumelwano phakathi komntu orentayo nomninimzi apho kuvunyelwana ukuba umntu orentayo uza kuhlala ithutyana elithile apho endlwini. Eli gama lithi "ithutyana" libonisa ukuba lowo orentayo akanguye umninimzi.
mUkuzibophelela ekuhlawuleni irenti komntu lowo oza kurenta.
Zininzi iindlela ongayisombulula ngayo le ngxaki yakho nalo mntu urenta endlwini yakho. Xa ufuna ahlawule imali akutyala yona mthumelele ileta emnyanzelisa ukuba akuhlawule aze athi xa engakuhlawuli umkhuphele iisamani.
Xa esithi uyihlawule irenti makaveze ubungqina bentlawulo.
Xa ufuna ukumhlawulisa ngokwaphula isivumelwano sokurenta kuza kufuneka uveze ubungqina bokuba ngenene akayihlawulanga irenti kwanokuba wena unalo ilungelo lokusiphelisa isivumelwano senu.
Kwisivumelwano somlomo awukho umhlathi "wokuphelisa isivumelwano." Into ekufuneka uyenze kukuba usibekele imigqaliselo isivumelwano senu.
Oko kukuthi ubeke umhla wokuhlawulwa kwerenti. Xa engayihlawuli ngomhla obekiweyo kufuneka umbhalele ileta uphelise isivumelwano senu.
Kufuneka ubungqina bokuba umntu orentayo uzifumene iileta ombhalele zona. Loo nto ithetha ukuba xa engenako ukusayina xa ezifumene ileta kufuneka uzithumele ngeposi erejistiweyo uze ugcine izatifikethi zeposi erejistiweyo.
Le nkqubo siyixela apha ngasentla ivakala ngathi inzima kanti ilula yaye kufuneka uwenze ngokwakho lo msebenzi. Kodwa kuza kufuneka ucel' uncedo lwegqwetha xa ukhupha
iisamani. [x]
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba iingcebiso esikunika zona zifanelekile. Kodwa ke imeko yengxaki nganye ifuna ukuphandisiswa. AbakwaScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, amalungu eengcali ezicebisayo, iBONA nabashicileli bale magazini abanakubekwa tyala nguye nabani na osebenzisa ezi ngcebiso.
BONA XHOSA - March 2006
Iingxaki Zomthetho
Thumel' ingxaki yakho kule dilesi: BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060. AbakwaScorpion baza kunika wonk' umntu ofake isikhalazo sakhe ivawutsha yemizuzu engama-30 yokuncokola negqwetha e-ofisini yabo naphi na kweli okanye ngomnxeba.
Umgaqo-siseko weli lizwe uthi onke amabanjwa anelungelo lokuphathwa ngentlonipho nangesidima nokuba agwetywe ixesha elingakanani na entolongweni...
SIFUMENE iileta eziliqela zivela kumabanjwa neentsapho ezifun' ukuqonda ngamalungelo amabanjwa atsala izigwebo ezintolongweni zaseMzantsi Afrika.
Nangona esona sohlwayo sinikwa amabanjwa ikukuwenza angakwazi ukuhamba-hamba ngokukhululekileyo, eyona njongo yeSebe loLuleko kukwenza amabanjwa aphile ubomi obuhle obungenazenzo ezilulwaphulo-mthetho akuphuma entolongweni.
Namabanjwa ke anawo amalungelo...
Amalungelo otyelelo
Ngokuqhelekileyo amabanjwa avunyelwa ukuba atyelelwe kathathu ngenyanga.
Abatyeleli bayavunyelwa ukuba badibane namabanjwa okanye bathethe nawo engaphakathi emaglasini, kuxhomekeke kwisigwebo sebanjwa elo nakwimiqathango yokhuseleko.
Abantwana bamabanjwa
Amany' amabanjwa aye akhathazeke kuba iqabane okanye isalamane salo singafuni ukuza nabantwana xa sizolibona.
Abantwana bavunyelwe ukuba batyelele abantu abasentolongweni, nakubeni basenokungavunyelwa kumacandelo entolongo angabeka ubomi babo esichengeni.
Nangona kunjalo akukho mthetho unyanzela umzali okanye umgcini wabantwana ukuba ahambe nabo xa etyelela umzali wabo osentolongweni.
Xa ibanjwa lifuna ukunyanzelisa ukuba lityelelwe ngabantwana balo kufuneka licele umyalelo wenkundla yeentsapho.
Kulo nquleqhu lingacela uncedo lukanontlalo-ntle, umtyeleli wentolongo ozimeleyo, umcebisi wezomthetho, okanye igqwetha xa linemali. Ibanjwa linako nokucela ukufowunela abantwana balo.
Ukufowuna
Ilungelo lokuvunyelwa ukufowuna lixhomekeka ekubeni ibanjwa likuliphi na inqanaba. Ngokuqhelekileyo ibanjwa liyavunyelwa ukuba lifowune kunokuba lityelelwe ngeempela-veki nangeeholide. Phofu ke oko kuxhomekeka nasekubeni zikho na iifowuni, kwaye livunyelwa ukufowuna ngeeyure zokusebenza kuphela. Ubude befowuni nganye abugqithi kwimizuzu elishumi.
Amalungelo okuvota
Isigwebo esakhutshwa yiNkundla yoMgaqo-siseko sanika amabanjwa asele egwetyiwe ilungelo lokuvota.
Ukukhululwa kwexeshana
Ibanjwa eligwetyiweyo linako ukukhululwa okwexeshana ngemvume ebhalwe phantsi yintloko yeentolongo.
Loo mvume inikwa xa kukho umphanga; xa ibanjwa liye kunyangwa, likwiinkqubo zophuhliso okanye ezenkxaso; okanye ngenxa yokuphumelela kwenkqubo yokubuyiselwa kwebanjwa eluntwini.
Ibanjwa elinikwe inkululeko yethutyana lihlala lilibanjwa nangona lingaphandle kwentolongo okwethutyana. Kungenzeka libekwe phantsi kwengqalelo okanye likhutshelwe umntu oza kuligada.
Libekwa ityala ibanjwa eloyiswayo kukubuyela entolongweni ngexesha elilimiselweyo.
Imali yendodla nezibonelelo zikarhulumente
Amabanjwa akavumelekanga ukwamkela indodla okanye eyezinye izibonelelo zikarhulumente. Kufanele kungabikho mali entolongweni ngoko zonke iindleko zentolongo zithwalwa ngurhulumente.
Ukubhala nokufumana iileta
Akukho miqathango imiselweyo kumabanjwa agwetyiweyo okuba angabhala okanye afumane iileta okanye amakhadi amangaphi.Ukuqwalaselwa kweeleta zebanjwa kwenziwa phantsi kweemeko ezinomahluko kuphela.
I-HIV/AIDS
UMthetho wezoLuleko uthi amabanjwa makakhuthazwe ukuba afumane unyango ukuze ahlale ephilile.
Nangona kunjalo akukho banjwa linganyanzelwa ukuba liye kuxilongwa okanye lifumane unyango lingathandi.
Oko kuthetha ukuba alinakuxilongwa lingazi ukuba lixilongelwa ntoni.
Amabanjwa makakhuthazwe afumane ululeko novavanyo lweHIV, kodwa akanakunyanzelwa.
Ibanjwa linganyanzelwa ukuba lixilongwe okanye linyangwe xa ukwala kwalo kungabeka amanye esichengeni sokuwosulela sisifo elinaso. Zonke iziphumo zoxilongo nezonyango ziyimfihlo kwaye azinakuxelelwa omnye umntu lingavumanga ibanjwa.
Ukuba neHIV kuphela asinto ingalenza ukuba likhululwe lingasigqibanga isigwebo. Kodwa xa ibanjwa lineAIDS kwaye ligula kakhulu, lingakhululwa lingekasigqibi isigwebo.
Amachiza okuthibaza iHIV( iiAnti-retrovirals)
Ukunika amabanjwa amachiza okuthibaza iHIV kuhambisana nemigaqo-nkqubo yeSebe lezeMpilo. Iintolongo kufuneka ziqinisekise ukuba la machiza ayafumaneka kumabanjwa aneHIV/AIDS akufunayo ukuwasebenzisa.
Ukugcinwa lodwa
Oko kwenzeka...
t Xa ibanjwa lizicelela lona;
t Njengesohlwayo;
t Xa kufunwa ligosa lempilo;
t Xa ibanjwa linodushe okanye ligrogriswa ngokubethwa ngamanye;
t Xa ibanjwa belikhe laqhwesha entolongweni laphinda labanjwa yaye licingelwa ukuba lingaphinda liqhweshe.
Ibanjwa ligcinwa lodwa ixesha elithile kwaye alinakugcinwa lodwa kuba lineHIV. [x]
Kuphendulwa imibuzo yakho
Amabanjwa
namalungelo awo
BONA XHOSA - March 2006
kubhale uLEE CURRIE niIRENE CHETTY
