XHOSA.1622.stars
Okuxelwa Ziinkwenkwezi
BONA XHOSA - February 2006
Umsebenzi: Izimvo ezintsha ziza kuwuqaqambis' umsebenzi wakho.
Impilo: Uyabonwabel' ubomi ngoku kuba uphile qethe emzimbeni nasengqondweni.
Imali: Izinto ozenzayo eziphucukileyo ziza kukwenza ube nemali.
Uthando: Unethamsanqa kuba unomtsalane kakhulu.
Umsebenzi: Uza kuwongwa ngokuwenza kakuhle umsebenzi wakho.
Impilo: Sungula inkqubo entsha yokwenz' imithambo.
Imali: Kuza kukuphumelelisa ukuthanda kwakho ukonga nokwenz' imali.
Uthando: Bonis' iqabane lakho ukuba unobubele xa ufun' ukuthandwa.
Umsebenzi: Ufunda ngokukhawuleza ngoko umsebenzi uwenza lula.
Impilo: Uziva uphilile emzimbeni nasengqondweni.
Imali: Hlola izimvo zakho zoshishino ziza kukuvuza.
Uthando: Ziza kwenzek' izinto!
Umsebenzi: Lixesha lokwenza inkqubela engummangaliso eli.
Impilo: Zikhuthaze ukuvuselela ukomelela nomdla wakho.
Imali: Uza kukwazi ukwenza imali.
Uthando: Uziva unokuzithemba kuba ufumana uthando nohoyo olukhulu.
Umsebenzi: Lixesha lokubandakanyeka kwizinto ezintsha ezinenkqubela.
Impilo: Ukuba namandla ongezelelweyo kukwenza uzithembe yaye ungoyiswa.
Imali: Uza kuba nethamsanqa ngoko ungaliyeki eli thuba.
Uthando: Ukukhathalel' iqabane lakho kuza kuphucul' uthando lwenu.
Umsebenzi: Uza kukwazi ukuzalisekisa iphupha lakho elithile leshishini.
Impilo: Ukuphumla kuza kukunceda ngoku uze uqhubeke nobomi bakho njengesiqhelo.
Imali: Ukuqiqa kwimiba yemali kuza kukwenzela ingeniso entle.
Uthando: Uza kuba seluthandweni neqabane lakho.
Umsebenzi: Impumelelo iza kukwenza uzithembe futhi ube nethamsanqa.
Impilo: Uza kuba sempilweni entle.
Imali: Ukulungelelanis' uqingqo-mali lwakho kuza kukongel' imali eninzi.
Uthando: Yiba novelwano uza kuthandwa kakhulu.
Umsebenzi: Izinto ziyathembisa - lindela ukwenza inkqubela.
Impilo: Qinisek' ukuba uhlala usempilweni ngokuphucul' indlela otya ngayo.
Imali: Lixesha elihle lokuqal' ishishini.
Uthando: Into ethile yothando iza kwanelisa iminqweno yakho yesondo.
Umsebenzi: Uxakekile kuba uzama ukuzenzel' igama.
Impilo: Ixesha lokuphumla nelomsebenzi mawalingane khon' ukuze uhlale udlamkile.
Imali: Imali oza kuyifumana iza kukunceda uhlawule amatyala.
Uthando: Lixesha lokucebel' ikamva.
Umsebenzi: Iimeko ezintle zomsebenzi nabantu odibana nabo baza kuwuphucul' umsebenzi wakho.
Impilo: Yitya iivithamini ziza kukunceda.
Imali: Intsebenziswano nomhlobo wakho iza kukuvuza.
Uthando: Lixesha lothando eli. Ungalithath' inyathelo elikhulu ngoku.
Umsebenzi: Iingxoxo nosomashishini ziza kukuzisel' ithamsanqa
Impilo: Izinto ozenzayo ezivuselelayo ziza kukwenza uzive uphilile.
Imali: Maninzi amathuba okwenz' imali kunawesiqhelo.
Uthando: Niseluxolweni neqabane lakho ngoko ke uza kwaneliseka.
Umsebenzi: Iinguqu ziza kuba luncedo kuwe.
Impilo: Ukwenz' imithambo nokuzikhupha kuza kukugcina usempilweni.
Imali: Uza kufumana amacebiso amahle.
Uthando: Yonwabela ubumnandi bokuhlala kunye neqabane lakho.
